Isaya 1:1-31

  • Utata noonyana bakhe abangathobeliyo (1-9)

  • UYehova uyabacaphukela abantu abazenzisayo xa bemkhonza (10-17)

  • “Khanize silungise izinto phakathi kwethu” (18-20)

  • IZiyon iza kwenziwa isixeko esithembekileyo kwakhona (21-31)

1  Lo ngumbono kaIsaya*+ unyana ka-Amotsi ngoYuda neYerusalem ngemihla kaUziya,+ uYotham,+ uAhazi+ kunye noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda:+   Yivani mazulu, uze ubaze indlebe wena mhlaba,+Kuba uYehova uthe: “Ndikhulise oonyana, ndabondla,+Kodwa baye bandijikela.+   Inkunzi yenkomo imazi kakuhle umthengi wayo,Nedonki iyasazi isitali somnikazi wayo.Kodwa uSirayeli akandazi,*+Abantu bam baziphethe okwabantu abangenalwazi.”   Luza kuthi shu olu hlanga lunesono!+Abantu abasindwa ziziphoso,Inzala yamadoda angabenzi-bubi, abantwana abonakeleyo! Baye bamshiya uYehova;+Baye abamhlonipha Lowo Ungcwele kaSirayeli;Baye bamnikela umva.   Kazi niza kuphinda nibethwe phi, njengokuba nisiya ningathobeli nje?+ Intloko yonke iyagula,Nentliziyo yonke inesifo.+   Ukususela esithendeni ukuya kutsho entloko, akukho ndawo iphilileyo. Banamanxeba nemigruzuko nezilonda.Khange zikhathalelwe,* zibotshwe, okanye zenziwe zithambe ngeoli.+   Ilizwe lenu litshabalele. Izixeko zenu zitshiswe ngomlilo. Ilizwe lenu ligqitywa ziintlanga nijongile.+ Linjengommandla obhukuqwe ziintlanga.+   Intombi yaseZiyon ishiyiwe oku kwekhusi elikwintsimi yeediliya,*Njengekhusi elikwintsimi yeetyhukhamba,Njengesixeko esirhangqiweyo.+   Ukuba uYehova wemikhosi wayengashiyanga abambalwa,Ngesaba njengeSodom,Ngesafana neGomora.+ 10  Yivani ilizwi likaYehova nina bozwilakhe* baseSodom.+ Mamelisisani umthetho* kaThixo wethu nina bantu baseGomora.+ 11  “Indinceda ngantoni imibingelelo yenu emininzi?”+ utsho uYehova. “Ndanele yimibingelelo yenu etshiswa ngomlilo yeenkunzi zeegusha+ namanqatha ezilwanyana ezondlekileyo,+Alindivuyisi negazi+ lamathole eenkomo aziinkunzi,+ elamatakane eegusha neleebhokhwe.+ 12  Sukube nibizwe ngubaniXa nizokuma phambi kwam,+Le nto nizokunyathela eyadini yam?+ 13  Ningaphindi nizise iminikelo yokutya engenaxabiso. Ndiyasenyanya isiqhumiso senu esiqholiweyo.+ Nibhiyozela ukuthwasa kweenyanga,+ iisabatha,+ nibiza neendibano.+Ndiyazicaphukela iindibano zenu kuba nenza nemilingo.+ 14  Ndiye ndazicaphukela iinyanga zenu ezithwasayo, ­namatheko enu. Ziye zandisinda.Ndidiniwe kukuzinyamezela. 15  Naxa niphakamisa izandla,Ndiyawafihla amehlo am kuni.+ Nangona nithandaza ­kaninzi,+Andinimamelanga.+Izandla zenu zigcwele ligazi.+ 16  Hlambani, zicoceni.+Yekani izinto ezimbi enizenzayo phambi kwam.Yekani ukwenza izinto ­ezingalunganga.+ 17  Fundani ukwenza izinto ezilungileyo, funani ubulungisa,+Mlungiseni umcinezeli,Mkhuseleni umntwana ­ongenatata,*Mthetheleleni umhlolokazi.”+ 18  “Khanize silungise izinto phakathi kwethu,” utsho uYehova.+ “Nangona izono zenu zibomvu njengegazi,Ziza kwenziwa mhlophe ­njengekhephu;+Nangona zibomvu njengelaphu elibomvu krwe,Ziza kuba mhlophe njengoboya. 19  Ukuba niyamamela,Niza kutya izinto ezilungileyo zelizwe.+ 20  Kodwa ukuba niyala nize ­ningathobeli,Niza kudliwa likrele,+Kuba uYehova utshilo.” 21  Isixeko esithembekileyo+ siye saba ngumfazi othengisa ngomzimba!+ Sasigcwele okusesikweni;*+Ubulungisa babukade ­buhlala kuso,+Kodwa ngoku sinababulali.+ 22  Isilivere yakho iye yayintlenge,+Utywala* bakho bungxengwe ngamanzi. 23  Iinkosana zakho zineenkani yaye zisebenzisana namasela.+ Zonke zithanda isinyobo ibe zileqana nezipho.+ Aziyiphathi ngobulungisa inkedama,*Isimangalo somhlolokazi ­azisimameli.+ 24  Ngoko ke iNkosi, uYehova wemikhosi,Lowo Unamandla kaSirayeli, uthi: “Yivan’ apha! Ndiza kuzitshabalalisa iintshaba zam,Ndiza kuziphindezelela kwiintshaba zam.+ 25  Ndiza kunijikela,Ndiza kunikhama kusuke ­yonke intlenge kuni,Ndibususe bonke ubumdaka kuni.+ 26  Ndiza kuphinda ndibeke abagwebi njengasekuqaleni,Ndibuyise abacebisi bakho njengakuqala.+ Emva koko uza kubizwa ngokuba usisiXeko Sobulungisa, iDolophu Ethembekileyo.+ 27  IZiyon iza kukhululwa ngokusesikweni,*+Nabantu bayo ababuyileyo, ngobulungisa. 28  Abantu abangathobeliyo naboni baza kwaphulwa ­ngaxeshanye,+Yaye abo bashiya uYehova baza kutshatyalaliswa.+ 29  Kuba baza kuba neentloni ngemithi emikhulu abayifunayo,+Yaye niza kuhlazeka ngenxa yemiyezo eniyikhethileyo.*+ 30  Kuba niza kuba njengomthi omkhulu onamagqabi ­abunayo,+Nanjengomyezo ongenamanzi. 31  Indoda enamandla iza kufana nengca eyomileyo,Nomsebenzi wayo ube yintlantsi.Zombini ziza kutsha ngaxeshanye,Kungabikho mntu uzicimayo.”

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “UYehova Uyasindisa.”
Okanye “akayazi inkosi yakhe.”
Ngokoqobo, “zicudiswe.”
Okanye “oku kwendawo yokufihla intloko ekwintsimi yeediliya.”
Okanye “balawuli.”
Okanye “umyalelo.”
Okanye “Yithetheleleni inkedama.”
Okanye “ubulungisa.”
Okanye “Ibhiya yakho yengqolowa.”
Okanye “Azimphathi ngobulungisa umntwana ongenatata.”
Okanye “ngobulungisa.”
Kubonakala ukuba iigadi nemithi zazinento yokwenza nokukhonza izithixo.