ISityhilelo Esiya KuYohane 9:1-21
9 Ingelosi yesihlanu yavuthela ixilongo layo.+ Yaye ndabona inkwenkwezi eyayiwele emhlabeni ivela ezulwini, inikwa isitshixo somngxuma ongenasiphelo.*+
2 Yawuvula loo mngxuma ungenasiphelo, kwaphuma kuwo umsi onjengoweziko elikhulu. Ilanga laba mnyama+ kuquka nomoya ngenxa yaloo msi wawuphuma emngxunyeni.
3 Kwaphuma iinkumbi kuloo msi zaya emhlabeni.+ Zanikwa igunya elifanayo neloonomadudwane bomhlaba.
4 Zaxelelwa ukuba zingabonakalisi utyani bomhlaba okanye nasiphi na isityalo okanye umthi, kodwa zonakalise kuphela abantu abangenalo uphawu* lukaThixo emabunzini abo.+
5 Ezo nkumbi kwathiwa mazingababulali abantu, kunoko zibavise ubuhlungu iinyanga ezintlanu, yaye ubuhlungu bazo babufana nobukanomadudwane+ xa ehlaba umntu.
6 Ngezo mini abantu baza kukhangela ukufa, kodwa bangakufumani, baza kufuna ukufa, kodwa ukufa kubabaleke.
7 Ezi nkumbi zazibufana namahashe alungiselelwe ukuya edabini+ kodwa zinobuso obufana nobomntu. Kwiintloko zazo kwakukho izinto ezingathi zizithsaba zegolide.
8 Zazineenwele ezinjengezamabhinqa, amazinyo azo enjengaweengonyama.+
9 Zazinxibe izinto zokukhusela isifuba ezifana nezentsimbi, yaye isandi samaphiko azo sasifana neseenqwelo zokulwa ezirhuqwa ngamahashe abaleka esiya edabini.+
10 Zazinemisila enameva njengoonomadudwane, yaye igunya lokuvisa abantu ubuhlungu iinyanga ezintlanu lalisemisileni yazo.+
11 Zazinokumkani, ingelosi yomngxuma ongenasiphelo.*+ NgesiHebhere igama lakhe nguAbhadon,* kodwa ngesiGrike nguApoliyon.*
12 Intlungu engathethekiyo yokuqala igqithile. Kodwa emva kwezi zinto kuza kuza iintlungu ezingathethekiyo ezimbini.+
13 Ingelosi yesithandathu+ yavuthela ixilongo.+ Ndeva elinye ilizwi liphuma ezimpondweni zesibingelelo segolide+ esiphambi koThixo
14 lisithi kwingelosi yesithandathu, eyayinexilongo: “Zikhulule iingelosi ezine ezibotshwe ngakumlambo omkhulu umEfrate.”+
15 Ezo ngelosi zine zakhululwa. Zazilungiselelwe iyure nemini nenyanga nonyaka, ukuba zibulale umntu omnye kwabathathu.
16 Ndaliva inani lemikhosi yamahashe. Elo nani laliyi-200 miliyoni.
17 Embonweni ndabona amahashe nabantu ababewakhwele: aba bantu babenxibe izinto ezikhusela isifuba ezinombala obomvu okomlilo, oluhlaza* okwehakinto notyheli okwesalfure. Wona amahashe ayeneentloko ezifana nezeengonyama,+ emilonyeni yawo kuphuma umlilo nomsi nesalfure.
18 Umntu omnye kwabathathu wabulawa ngumlilo, ngumsi nayisalfure eyaphuma emilonyeni yawo, izibetho ezithathu.
19 Kuba igunya lala mahashe lisemilonyeni yawo nakwimisila yawo, kuba imisila yawo ifana neenyoka kwaye ineentloko, yaye asebenzisa yona ukubangela iintlungu.
20 Kodwa abanye abantu abangazange babulawe zezi zibetho, zange baguquke baze bayiyeke imisebenzi yezandla zabo. Zange bayeke ukukhonza iidemon nezithixo ezenziwe ngegolide, ngesilivere, ngekopolo, ngelitye nangomthi, izinto ezingaboniyo, ezingevayo nezingakwaziyo ukuhamba.+
21 Yaye abazange baguquke bayeke ukubulala, ukusebenzelana nemimoya, ukuziphatha kakubi ngesondo* nobusela.
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “isitampu.”
^ Elithetha ukuthi “Umtshabalalisi.”
^ Elithetha ukuthi “Intshabalalo.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “ukuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.