IZenzo Zabapostile 27:1-44
27 Ekubeni kwakugqitywe kwelokuba siye eItali ngenqanawa,+ uPawulos namanye amabanjwa banikelwa kuYuliyo, igosa lomkhosi kwiqela lika-Agasto.
2 Sakhwela inqanawa eyayisuka eAdramitiyami isiya kwiindawo ezahlukahlukeneyo kunxweme lwephondo laseAsiya, sihamba noAristarko+ waseTesalonika, ekwiphondo laseMakedoni.
3 Ngemini elandelayo safika eSidon, yaye uYuliyo wamenzela ububele* uPawulos ngokumvumela ukuba aye kubona abahlobo bakhe baze bamhoye.
4 Ukusuka apho sabuyela enqanaweni, sahamba ngaseSipro, ukuze sikhuseleke kumoya owawubhudla ngamandla.
5 Emva koko, saqhubeka sihamba ngolwandle ngaseKilikiya nasePamfiliya saza samisa kwizibuko eliseMira, eLikiya.
6 Apho igosa lomkhosi lafumana inqanawa eyayisuka eAleksandriya isiya eItali laza lasikhwelisa kuyo.
7 Emva kokuba sihambe nzima iintsuku eziliqela, sada saya kufika eKinido. Ekubeni umoya wawungasivumeli sihambe ngqo, sagqitha ngaseSalmone kwicala laseKrete elingenamoya.
8 Sagudla unxweme ebunzimeni, sada safika kwindawo ebizwa ngokuba ngamaChweba Amahle, eyayikufutshane nesixeko saseLaseya.
9 Kwakusekudlule ixesha elide, yaye ngoku kwakuyingozi ukuhamba ngenqanawa, kuba kwakusele kudlule noMhla Wokuhlawulela+ ekuzilwa ngawo ukutya, ngoko uPawulos wabacebisa,
10 wathi: “Madoda, ndiyabona ukuba siza konakalelwa zizinto kolu hambo, silahlekelwe ngumthwalo nayinqanawa size sife.”
11 Kodwa ke, igosa lomkhosi zange limmamele uPawulos, lasuka lamamela umqhubi wenqanawa nomnikazi wayo.
12 Ekubeni babengenakuchitha ubusika kwelo zibuko, abaninzi bacebisa ukuba bahambe apho, baze bajonge ukuba abanakubuchitha eFinikisi na, indawo elizibuko laseKrete elivuleke ngasemntla-mpuma nangasemzantsi-mpuma.
13 Xa umoya wasemzantsi wayekayo ukuvuthuza, bacinga ukuba liyasebenza icebo labo, yaye bayitsala iankile baza bagudla unxweme lwaseKrete.
14 Kodwa ke, emva kwethutyana kwavuthuza umoya onamandla ekuthiwa yiYurokhwilo.*
15 Njengoko le nqanawa yayityhalwa nguloo moya unamandla ingakwazi ukumelana nawo, sayiyeka wayidudula.
16 Saya kusithela ngesiqithi esincinci esibizwa ngokuba yiKawuda, kodwa kwaba nzima ukusilawula isikhephe* esasitsalwa yinqanawa.
17 Kodwa emva kokuba besitsalile basifaka enqanaweni, bayibopha inqanawa bayiqinisa, baza bakhulula iiseyile zayo kuba besoyika ukuya kuxinga esantini.*
18 Ekubeni inqanawa yayiphoswa ngapha nangapha seso saqhwithi, ngemini elandelayo balahla imithwalo eyayisenqanaweni ukuze bayenze khaphukhaphu.
19 Ngosuku lwesithathu, balahla izixhobo zenqanawa.
20 Kwathi kwakuqengqeleka iintsuku ilanga neenkwenkwezi zingabonakali, sintlithwa nasisaqhwithi esinamandla, aphela onke amathemba okusinda.
21 Emva kwexesha elide bengatyi, uPawulos waphakama, wathi kubo: “Madoda, ukuba benindimamele xa bendinicebisa, anasuka eKrete, ngeningekho kule ngxaki nikuyo ngoku.+
22 Kodwa ke ningoyiki, kuba akukho nomnye kuni oza kufa, yinqanawa nje eza kophuka.
23 Ebusuku ingelosi+ kaThixo endimkhonzayo iye yafika kum,
24 yathi, ‘Ungoyiki Pawulos. Uza kuma phambi kukaKesare,+ ibe jonga! uThixo uza kubasindisa bonke abo bahamba nawe.’
25 Ngoko qinani madoda, kuba ndimthembile uThixo ukuba uza kuyenza yonke le nto ndiyixelelweyo.
26 Kodwa ke, simele siye kubetheka kwisiqithi esithile.”+
27 Emva kweentsuku eziyi-14 siphoswa ngapha nangapha kuLwandle LwaseAdriya, ezinzulwini zobusuku abaqhubi benqanawa barhanela ukuba basondela emhlabeni.
28 Bameta ukuba kunzulu kangakanani, baza bafumanisa ukuba ziifatom eziyi-20,* ngoko baphinda bahamba umgama omfutshane baza bameta kwakhona, bafumanisa ukuba ziifatom eziyi-15.*
29 Ekubeni babesoyika ukuba bangabetheka ematyeni, baphosa iiankile ezine ngasemva, besithi ingathi akude kuse.
30 Kodwa xa abaqhubi benqanawa bazama ukubaleka, besehlisa isikhephe, besenza ngathi bahlisa iiankile ngaphambili enqanaweni,
31 uPawulos wathi kwigosa lomkhosi namajoni: “Ukuba la madoda ayayishiya le nqanawa, anizukusinda.”+
32 Ngoko amajoni aziqhawula iintambo zesikhephe aza asiyeka sawa.
33 Kwathi xa kuza kuthi qheke ukusa, uPawulos wabakhuthaza bonke ukuba batye, esithi: “Namhlanje lusuku lwe-14 nilindile, ningatyi nokutya.
34 Yityani kaloku; iza kuninceda loo nto, kuba akuzukuwa nonwele olu lweentloko zenu.”
35 Emva kokuba ethethe loo nto, wathatha isonka, wabulela kuThixo phambi kwabo bonke, wasiqhekeza watya.
36 Ngoko baba nesibindi, batya.
37 Xa sisonke sasingabantu abayi-276 kuloo nqanawa.
38 Bathi bakuhlutha, bayenza khaphukhaphu inqanawa ngokulahla ingqolowa elwandle.+
39 Kwathi xa kuqalisa ukukhanya, babona ilizwe abangalaziyo,+ kodwa babona unxweme, baza bazimisela ukuba baza kuyimisa apho inqanawa.
40 Ngoko baziqhawula iiankile, baziyeka zawa emanzini, bakhulula neentambo zamaphini okuqhuba inqanawa, yaye emva kokuba bephakamise iseyile engaphambili ukuze ityhalwe ngumoya, inqanawa yaya elunxwemeni.
41 Xa inqanawa yabetheka kwinduli yesanti eyayiphantsi kwamanzi, yaxinga ngomphambili, waza umva wayo waqhekezwa ngamaza waziingceba.+
42 Amajoni agqiba kwelokuba awabulale amabanjwa, ukuze kungabikho banjwa lidadayo lize libaleke.
43 Kodwa igosa lomkhosi lalifuna ukumsindisa uPawulos, ngoko lawanqanda loo majoni. Lathi abo bakwaziyo ukudada mabatsibele emanzini ukuze bayokufika kuqala elunxwemeni,
44 baze abanye balandele bebambelele emaplangeni nakwezinye izinto ezaphuke enqanaweni. Ngoko bonke bafika bekhuselekile elunxwemeni.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “wambonisa ubuntu.”
^ Oko kukuthi, umoya wasemntla-mpuma.
^ Esi yayisisikhephe esincinci ekwakukhwelwa kuso xa kutshona inqanawa.
^ Ngokoqobo, “kwiSirtis.” Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Malunga ne-36 m. Funda Isihlomelo B14.
^ Malunga ne-27 m. Funda Isihlomelo B14.