Kubalisa uMarko 14:1-72
-
Ababingeleli baceba ukubulala uYesu (1, 2)
-
UYesu ugalelwa ngeoli enuka kamnandi (3-9)
-
UYudas ujikela uYesu (10, 11)
-
IPasika yokugqibela (12-21)
-
ISidlo Sangokuhlwa SeNkosi sokuqala (22-26)
-
Kuprofetwa ukuba uPetros uza kuphika uYesu (27-31)
-
UYesu uthandaza eGetsemane (32-42)
-
UYesu uyabanjwa (43-52)
-
Kuxoxwa ityala kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda (53-65)
-
UPetros uphika uYesu (66-72)
14 IPasika+ neTheko Lezonka Ezingenagwele+ zaziza kuba semva kweentsuku ezimbini.+ Yaye ababingeleli abaziintloko nababhali babeceba iqhinga lokubamba uYesu ukuze bambulale,+
2 besithi: “Masingambambi ngexesha letheko, kuba abantu basenokwenza isidubedube.”
3 Xa wayeseBhethani esitya* endlini kaSimon owayekade eneqhenqa, kweza kuye umfazi ephethe ibhotile yealabhasta eneoli enuka kamnandi, inadusi yodidi, ebiza imali eninzi. Wayivula waza wayigalela kuYesu entloko.+
4 Bathi abanye besakubona le nto, bacaphuka bathi: “Kutheni kudlalwa ngale oli nje?
5 Kuba ibinokuthengiswa ngeedenariyo* ezingaphezu kwe-300 ize loo mali inikwe amahlwempu!” Yabacaphukisa kakhulu into eyenziwa ngulo mfazi.*
6 Kodwa uYesu wathi: “Myekeni. Nimhluphela ntoni lo mfazi? Intle le nto andenzele yona.+
7 Kaloku aza kusoloko ekho amahlwempu,+ ibe ningawenzela izinto ezintle nanini na nifuna, kodwa mna andizukusoloko ndikunye nani.+
8 Wenze loo nto ebenokuyenza; undigalele ngale oli kwangaphambili, elungiselela ukungcwatywa kwam.+
9 Ndiyaniqinisekisa ukuba, naphi na apho zishunyayelwa khona iindaba ezilungileyo emhlabeni,+ kuza kuthethwa nangaye lo mfazi, aze akhunjulwe ngale nto ayenzileyo.”+
10 Ngoko uYudas Skariyoti, ongomnye wabapostile abayi-12, waya kubabingeleli abaziintloko ukuze amjikele, amnikele kubo.+
11 Bathe bakuyiva loo nto, bavuya kakhulu baza bathembisa ukumnika imali yesilivere.+ Ngoko wakhangela ithuba lokujikela uYesu.
12 Ngosuku lokuqala leTheko Lezonka Ezingenagwele,+ xa babesenza umbingelelo wePasika+ njengoko babeqhele ukwenza, abafundi bakhe bathi kuye: “Ufuna siyilungiselele phi iPasika?”+
13 Ngoko wathumela ababini kubafundi bakhe, wathi kubo: “Yiyani esixekweni, yaye niza kudibana nendoda ethwele ingqayi yamanzi. Yilandeleni,+
14 niye apho iya khona, nifike nithi kumnikazi wendlu, ‘UMfundisi uthi: “Liphi igumbi leendwendwe endinokutyela kulo iPasika nabafundi bam?”’
15 Iza kunibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, linayo yonke into esiza kuyidinga. Silungiseleleni apho.”
16 Ngoko abo bafundi bahamba baya esixekweni, bafika yonke into injengokuba uYesu wayetshilo, baza balungiselela iPasika.
17 Kwathi kwakuhlwa, weza nabapostile bakhe abayi-12.+
18 Bathi xa behleli etafileni besitya, uYesu wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, omnye wenu otya kunye nam uza kundijikela.”+
19 Bakhathazeka waza ngamnye wathi kuye: “Asindim, andithi?”
20 Wathi kubo: “Iza kuba ngomnye wenu nina bapostile bayi-12, oncinda nam kwisitya esinye.+
21 UNyana womntu uza kufa, njengoko kubhaliwe, kodwa uza kuthi shu loo mntu ujikela uNyana womntu!+ Ngekungcono ukuba wayengazange azalwe.”+
22 Bathi njengokuba besitya, uYesu wathatha isonka, wathandaza,* wasiqhekeza, waza wanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani; esi sonka simela umzimba wam.”+
23 Wathatha nendebe, wathandaza, waza wabanika, basela bonke.+
24 Wathi kubo: “Oku kumela ‘igazi lam+ lesivumelwano,’+ eliza kuchitheka ngenxa yabaninzi.+
25 Ndiyaniqinisekisa ukuba, soze ndiphinde ndiyisele le wayini de kube yiloo mini ndiyisela intsha eBukumkanini bukaThixo.”
26 Ekugqibeleni, emva kokucula iingoma zokudumisa uThixo, bahamba baya kwiNtaba YemiNquma.+
27 Emva koko uYesu wathi kubo: “Nonke niza kundishiya, kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Ndiza kuhlasela umalusi,+ zize zithi saa iigusha.’+
28 Kodwa emva kokuba ndivusiwe, ndiza kuhamba kuqala kunani ndiye eGalili.”+
29 UPetros wathi kuye: “Nokuba bangakushiya bonke, soze mna ndikushiye.”+
30 UYesu wathi: “Ndiyakuqinisekisa ukuba, namhlanje, kanye kobu busuku banamhlanje, uza kuthi ungekakhonyi kabini umqhagi, ube sowundiphike kathathu.”+
31 Kodwa wayemane esithi: “Nokuba kungafuneka ndife kunye nawe, soze mna ndikuphike.” Batsho ke nabanye abafundi.+
32 Beza kwindawo ekuthiwa yiGetsemane, waza wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha, ndisayokuthandaza.”+
33 Wahamba noPetros noYakobi noYohane,+ yaza yabuhlungu kakhulu intliziyo yakhe.
34 Wathi kubo: “Ndikhathazeke kakhulu,+ intliziyo yam ibuhlungu ngeyona ndlela. Hlalani apha, nihlale nithe qwa.”+
35 Waya phambili umganyana, wawa phantsi, wathandazela ukuba, ukuba kunokwenzeka, lingafiki kuye elo xesha.
36 Yaye wathi: “Abha,* Tata,+ akukho nto inokukohlula; yisuse le ndebe kum. Kodwa, mayingabi kukuthanda kwam, mayibe kukuthanda kwakho.”+
37 Wabuyela kubo, wafika belele, waza wathi kuPetros: “Simon, ulele? Bekunzima nokulinda iyure nje ibe nye?+
38 Hlalani nithe qwa, ningayeki ukuthandaza, ukuze ninganikezeli xa nilingwa.+ Ndiyaqonda kona ukuba intliziyo iyafuna ukwenza okulungileyo, kodwa wona umzimba ubuthathaka.”+
39 Waphinda wahamba wayokuthandaza, esathetha into enye.+
40 Waphinda weza, wafika belele, kuba babesindwa bubuthongo, ngoko abazange bakwazi ukumphendula.
41 Wabuya okwesithathu, wathi kubo: “Nilala njani ngexesha elibaluleke kangaka! Kwanele! Ixesha lifikile!+ Jongani! UNyana womntu unikelwa ezandleni zaboni.
42 Phakamani sihambe. Jongani! Sele efikile lowo uza kundijikela.”+
43 Ngoko nangoko, esathetha uYesu, kwafika uYudas, owayengomnye wabapostile abayi-12, ehamba neqela elikhulu labantu ababethunywe ngababingeleli abaziintloko nababhali nabadala, bephethe amakrele namagqudu.+
44 UYudas wayethe kubo: “Lowo ndiye ndamphuza,* ze nazi ukuba nguye; mbambeni, nihambe naye, nimgade angaphuncuki.”
45 Weza ngqo kuye, wathi: “Mfundisi!”* waza wamphuza.
46 Ngoko bambamba.
47 Omnye wabo babemi apho wathi rhuthu ikrele, wahlasela ikhoboka lombingeleli omkhulu, waliqhawula indlebe.+
48 Kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim na lo nizokumbamba, nide niphathe amakrele namagqudu ngokungathi nizokubamba utsotsi?+
49 Kudala ndisiza etempileni ndifundisa,+ anandibamba. Phofu yonke le nto yenzeka ukuze izinto eziseZibhalweni zibe yinyani.”+
50 Ngoko bonke abafundi bakhe babaleka bamshiya.+
51 Kodwa omnye umfana, owayenganxibanga nto ngaphandle kwesambatho selinen yodidi, wayelandela uYesu, ekufutshane, baza bazama ukumbamba,
52 kodwa waphuncula eshiya isambatho sakhe ngasemva, wabaleka ehamba ze.*
53 Bamsa uYesu kumbingeleli omkhulu,+ kweza apho bonke ababingeleli abaziintloko, abadala nababhali.+
54 Kodwa uPetros wamlandela ekude, de wayokufika kwiyadi yombingeleli omkhulu, wahlala noonogada bendlu, wotha umlilo.+
55 Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko nayo yonke iNkundla Ephakamileyo YamaYuda* babekhangela into ababenokumtyhola ngayo uYesu ukuze bambulale, kodwa abazange bafumane nto.+
56 Kweza amangqina amaninzi athetha ubuxoki ngaye,+ kodwa ayethetha into engadibaniyo.
57 Nabanye babephakama bangqine ubuxoki ngaye, besithi:
58 “Simvile esithi, ‘Ndiza kuyidiliza le tempile yenziwe ngezandla, ndize ndakhe enye engenziwanga ngazandla ngeentsuku ezintathu.’”+
59 Kodwa nangoku, into ababeyithetha yayingadibani.
60 Emva koko, umbingeleli omkhulu waphakama phakathi kwabo waza wathi kuYesu: “Uza kuthula ungaphenduli? Yintoni le akutyhola ngayo la madoda?”+
61 Kodwa wathula wathi cwaka, akaphendula.+ Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza wathi: “Unguye nyhani na uKristu uNyana waLowo Ungcwele?”
62 UYesu wathi: “Ndinguye; yaye niza kumbona uNyana womntu+ ehleli ngasekunene+ kwaLowo unamandla, esiza ngamafu ezulu.”+
63 Wathi akutsho, umbingeleli omkhulu wakrazula izambatho zakhe, wathi: “Sisawafunelani ke amangqina?+
64 Nani nizivele, udelele uThixo. Nithini nina?” Bonke bathi ufanelwe kukufa.+
65 Abanye bamthufela,+ bamogquma ubuso baza bambetha ngamanqindi, besithi: “Profeta!” Bamqhwaba ngempama, baza oonogada bahamba naye.+
66 Ngoxa uPetros wayesezantsi ebaleni, kwafika intombi eyayisebenzela umbingeleli omkhulu.+
67 Yathi isakumbona uPetros esotha, yajonga ngqo kuye yathi: “Nawe ubukunye nalo mNazarete, lo Yesundini.”
68 Kodwa waphika, esithi: “Andimazi lo mntu, andiyazi nale nto uthetha ngayo,” waza waphuma phandle waya ngasegeyithini.
69 Nalapho le ntombi yambona, yaphinda yathi kwabo babemi apho: “Lo mntu ngomnye wabo.”
70 Waphinda waphika. Kodwa akubanga kudala, abo babemi apho baphinda bathi kuPetros: “Nokuba sekusithiwani, ungomnye wabo, kuba kakade ungumGalili.”
71 Waqalekisa, efunga esithi: “Andimazi mna lo mntu nithetha ngaye!”
72 Ngoko nangoko wakhonya okwesibini umqhagi,+ waza uPetros wakhumbula into uYesu awayeyithethe kuye esithi: “Uza kuthi ungekakhonyi kabini umqhagi, ube wena sowundiphike kathathu.”+ Wavele wakhala.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ehleli etafileni.”
^ Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “Bamngxolisa lo mfazi.”
^ Ngokoqobo, “wacela intsikelelo.”
^ Eli ligama lesiAramiki elithetha ukuthi “Owu Tata!”
^ Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
^ Okanye “Rabhi.”
^ Okanye “enxibe impahla yangaphantsi yodwa.”
^ Okanye “iSanhedrin.”