Mika 1:1-16
1 Ilizwi likaYehova lafika kuMika*+ waseMoresheti, ngemihla kaYotam,+ ka-Ahazi+ nekaHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda.+ Eli lizwi walifumana ngombono, ibe lalithetha ngeSamariya neYerusalem:
2 “Mamelani nonke nina zizwana!
Mamela kakuhle, owu mhlaba nako konke okukuwe,Yaye iNkosi enguMongami uYehova mayikumangalele,+UYehova esetempileni yakhe engcwele.
3 Kuba jonga! UYehova uyaphuma endaweni yakhe,Uza kuhla aze anyathele kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba.
4 Iintaba ziza kunyibilika phantsi kwakhe,+Neentlambo ziza* kuqhekeka phakathiNjengamafutha emlilweni,Njengamanzi echithwa kwindawo ethambeke kakhulu.
5 Yonke le nto ibangelwa kukungathobeli kukaYakobi,Yenziwa zizono zendlu kaSirayeli.+
Ngubani omenze akathobela uYakobi?
AyiyoSamariya na?+
Ngubani owenze iindawo eziphakamileyo zakwaYuda?+
AyiyoYerusalem na?
6 ISamariya ndiza kuyenza amabhodlo asemaphandleni,Indawo yokutyala amasimi eediliya.Amatye ayo ndiza kuwaphosa* entlanjeni,Neziseko zayo ndiza kuzibhenca.
7 Yonke imifanekiso yayo eqingqiweyo iza kuqhekezwa ibe ziingceba,+Nazo zonke izipho ezifumene ngokuthengisa kwayo ngomzimba ziza* kutshiswa emlilweni.+
Zonke izithixo zayo ndiza kuzitshabalalisa.
Kuba iziqokelele ngomvuzo wokuba ngumfazi othengisa ngomzimba,Kwaye ziza kuphinda zibe ngumvuzo wabafazi abathengisa ngomzimba.”
8 Ngenxa yale nto ndiza kwenza isijwili, ndenze nomkhulungwane.+Ndiza kuhamba ze ndinganxibanga nto ezinyaweni.+
Isijwili sam siza kuba njengesoodyakalashe,Isikhalo sam sona sibe njengeseenciniba.
9 Kuba inxeba layo alinakuphiliswa;+Lifike nakwaYuda.+
Isibetho sisasazeke sayokutsho kwigeyithi yabantu bam, eYerusalem.+
10 “Ningayithethi le nto eGati,Ningakhe nilinge nikhale.
Zibhuqabhuqeni eluthulini eBhete-afra.*
11 Hambani ze nineentloni, nina bemi* baseShafire.
Abemi* baseTsanan abaphumanga.
Kuza kubakho isijwili eBhete-etsele, ibe iza kuyeka ukunixhasa.
12 Kuba abemi* baseMaroti bebelindele okulungileyo,Kodwa kuye kwehla okubi kweza kwigeyithi yaseYerusalem kuvela kuYehova.
13 Bophelelani iinqwelo zokulwa emahasheni, nina bemi baseLakishe.+
Isono sentombi yeZiyon savela kuni,Kuba uSirayeli akathobelanga ngenxa yenu.+
14 Ngoko niza kunika iMoresheti-gati izipho zokwahlukana.
Izindlu zaseAkezibhi+ zaziyinkohliso kookumkani bakwaSirayeli.
15 Ndiza kuzisa unothimba kuni,+ nina bemi* baseMareshaha.+
Ozukileyo kaSirayeli uza* kuza naseAdulam.+
16 Chebani iinkqayi nize nizisuse iinwele zenu ngenxa yabantwana benu enibathandayo.
Iinkqayi zenu zichebeni zifane nezamaxhalanga,Ngenxa yokuba bathathiwe kuni basiwa ekuthinjweni.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Igama elifutshanisiweyo likaMikayeli okanye uMikaya, elithetha ukuthi “Ngubani Na OnjengoYehova?”
^ Okanye “amathafa aza.”
^ Ngokoqobo, “kuwagalela.”
^ Okanye “Nawo wonke umvuzo wokuthengisa ngomzimba uza.”
^ Okanye “endlini ka-Afra.”
^ Ngokoqobo, “nina bemi abangabafazi.”
^ Ngokoqobo, “Abemi abangabafazi.”
^ Ngokoqobo, “abemi abangabafazi.”
^ Ngokoqobo, “nina bemi abangabafazi.”
^ Okanye “Uzuko lukaSirayeli luza.”