Mika 6:1-16
6 Khanimamele into ayithethayo uYehova.
Phakamani, mangalani ezintabeni,Iinduli mazilive ilizwi lenu.+
2 Mamelani nina zintaba, isimangalo sikaYehova,Nina ziseko zomhlaba eziluqilima;+Kuba uYehova umangalelene nabantu bakhe,Uza kuxoxa emangalela uSirayeli:+
3 “Yintoni le ndinenze yona bantu bam?
Ndinidike ngantoni?+
Ndityholeni.
4 Kuba ndanikhupha kwilizwe laseYiputa,+Ndanikhulula endlini yobukhoboka;+Ndathumela uMoses, uAron noMiriyam ukuba banikhokele.+
5 Ndiyanicela bantu bam, khumbulani into eyacetyiswa nguKumkani uBhalaki wakwaMowabhi,+Nendlela uBhileham unyana kaBhehore awamphendula ngayo,+Into eyenzeka eShitim+ ukuyokutsho eGiligali,+Ukuze nizazi izenzo zikaYehova zobulungisa.”
6 Ndiza kuya ndiphethe ntoni phambi koYehova?
Ndiza kuqubuda ndiphethe ntoni phambi koThixo ophezulu?
Ngaba ndiza kuya ndiphethe iminikelo etshiswayo,Amathole anonyaka ezelwe?+
7 Uza kukholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zeegusha,Ngamashumi amawaka emisinga yeoli?+
Ngaba ndiza kunikela ngonyana wam olizibulo ngenxa yokungathobeli kwam,Ndinikele ngesiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono sam?+
8 Ukuxelele, mntundini, okulungileyo.
Yintoni ke uYehova ayifunayo kuwe?
Ufuna nje ugwebe ngobulungisa,*+ ukuthande ukuthembeka,*+Uhambe ngokuthobeka+ noThixo wakho!+
9 Ilizwi likaYehova liyakhwaza esixekweni;Izilumko ziza kuloyika igama lakho.
Yiveni intonga nalowo uyimiseleyo.+
10 Ngaba kusekho ubutyebi obufunyenwe ngokwenza izinto ezimbi endlini yomenzi-bubi,Nomlinganiselo we-efa* ongaphelelanga nowenyanyekayo?
11 Ndingamsulwa na ndinezikali eziqhathayo,Ndinengxowa yamatye okumeta axokayo?+
12 Kuba izityebi zaso zithanda ubundlobongela,Nabemi baso bathetha ubuxoki;+Ulwimi lwabo luyaqhatha emlonyeni wabo.+
13 “Ngoko, ndiza kunenzakalisa ngokunibetha,+Ndinizisele intlungu ngenxa yezono zenu.
14 Niza kutya kodwa ningahluthi,Niza kulamba isisu sithi nca emqolo.+
Izinto enizama ukuzibalekisa, azizukukhuseleka,Nezinto enikwazileyo ukuzibalekisa, ndiza kuvumela iintshaba zizitshabalalise.
15 Niza kutyala imbewu, kodwa anizukuvuna.
Niza kuxovula iminquma, kodwa anizukuyisebenzisa ioli.Niza kwenza newayini entsha, kodwa anizukuyisela.+
16 Kuba nithobela imiyalelo kaOmri nawo wonke umsebenzi wendlu ka-Ahabhi,+Yaye nihamba ngamacebiso abo,
Yiloo nto ndiza kunenza umbono owothusayoNabemi baso into yokubethelwa umlozi;+Ibe izizwana ziza kuhlekisa ngani.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ube nobubele, uze ube nothando olungagungqiyo.” Ngokoqobo, “uthande uthando olungagungqiyo.”
^ Okanye “ugwebe ngendlela eyiyo; ungadleli mntu indlala.”
^ Funda Isihlomelo B14.