Nehemiya 1:1-11
1 La ngamazwi kaNehemiya*+ unyana kaHakaliya: Kunyaka we-20, kwinyanga kaKislevu,* ndandihlala kwinqaba iShushan.*+
2 Ngelo xesha kwafika omnye wabantakwethu, uHanani,+ ehamba namanye amadoda akwaYuda. Ndababuza ngamaYuda awayesindile ekuthinjweni+ nangeYerusalem.
3 Bathi: “Abantu abashiyekileyo kwelo phondo* abaye basinda ekuthinjweni bahleli kabuhlungu ibe baziva behlazekile.+ Zidiliziwe iindonga zeYerusalem,+ kwatshiswa neegeyithi zayo.”+
4 Ndithe ndakuweva la mazwi ndahlala phantsi, kwagqitha iintsuku ndizilile, ndingatyi nokutya,+ ndithandaza kuThixo wamazulu.
5 Ndathi: “Owu yhini Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu nomangalisayo, osigcinayo isivumelwano sakhe, nobathanda ngokungagungqiyo abo bamthandayo nabathobela imithetho yakhe,+
6 ndicela uvule amehlo neendlebe, uze umamele umthandazo owenziwa ngumkhonzi wakho namhlanje, imini nobusuku,+ ethandazela abakhonzi bakho amaSirayeli, evuma nezono abakwenze zona. Mna nendlu katata sonile.+
7 Sikwenze into embi+ ngokungayithobeli imiyalelo, imithetho nezigwebo zakho owazinika umkhonzi wakho uMoses.+
8 “Ndicela ukhumbule amazwi owamlumkisa ngawo umkhonzi wakho uMoses, usithi: ‘Ukuba niye anandithobela, ndiza kunisasaza phakathi kwezizwana.+
9 Kodwa ukuba nibuyela kum nize nithobele imithetho yam, ndiza kubaqokelela abantu bakowenu+ ndibazise kwindawo endikhethe ukulibeka kuyo igama lam,+ nangona besasazeke kwezona ndawo zikude.’
10 Ngabakhonzi bakho aba, abantu bakho, owabakhulula ngamandla akho.+
11 Owu Yehova, ndiyakucela, wumamele umthandazo womkhonzi wakho nomthandazo wabakhonzi bakho abalithandayo nabaloyikayo igama lakho. Ndicela umncede aphumelele umkhonzi wakho namhlanje, indisizele le ndoda.”+
Ngelo xesha ndandingumngcamli kakumkani.+
Umbhalo osemazantsi
^ Othetha ukuthi “uYa uyathuthuzela.”
^ Funda Isihlomelo B15.
^ Okanye “iSusa.”
^ Oko kukuthi, ummandla olawulwa ngukumkani wamaMedi namaPersi.