Numeri 2:1-34

  • Inkampu yahlulwa ibe ngamaqela abunjwa zizizwe ezithathu (1-34)

    • Iqela elikhokelwa sisizwe sakwaYuda lihlala ngasempuma (3-9)

    • Iqela elikhokelwa sisizwe sakwaRubhen lihlala ngasemzantsi (10-16)

    • AbaLevi bahlala esiphakathini (17)

    • Iqela elikhokelwa sisizwe sakwaEfrayim lihlala ngasentshona (18-24)

    • Iqela elikhokelwa sisizwe sakwaDan lihlala ngasemntla (25-31)

    • Inani elipheleleyo lawo onke amadoda abhalisiweyo (32-34)

2  UYehova wathetha noMoses noAron, wathi:  “AmaSirayeli afanele ahlale kwiinkampu zawo, ngokwamaqela abunjwa zizizwe ezithathu,+ indoda nganye ngakwiflegi yendlu katata wayo. Amele ahlale ezinkampini zawo, zijikeleze intente yokuhlangana yaye zijonge ngakuyo.  “Abo bahlala kwicala elingasempuma, baza kuba liqela* elibunjwa zizizwe ezithathu elikhokelwa sisizwe sakwaYuda, yaye inkosi yoonyana bakaYuda nguNashon+ unyana ka-Aminadabhi.  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-74 600.+  Ecaleni kwakhe iza kuba sisizwe sakwaIsakare, yaye inkosi yoonyana bakaIsakare nguNetaneli+ unyana kaTsuware.  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-54 400.+  Esilandelayo sisizwe sakwaZebhulon, yaye inkosi yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi+ unyana kaHelon.  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-57 400.+  “Bonke ababhaliswayo kule nkampu ikhokelwa nguYuda bayi-186 400. Aba bafanele bahambe kuqala.+ 10  “Iqela* elibunjwa zizizwe ezithathu elikhokelwa sisizwe sakwaRubhen,+ liza kuhlala ngasemzantsi, yaye inkosi yoonyana bakaRubhen nguElitsure+ unyana kaShedeyure. 11  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-46 500.+ 12  Ecaleni kwakhe iza kuba sisizwe sakwaSimeyon, yaye inkosi yoonyana bakaSimeyon nguShelumiyeli+ unyana kaTsurishadayi. 13  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-59 300.+ 14  Esilandelayo sisizwe sakwaGadi, yaye inkosi yoonyana bakaGadi nguEliyasafu+ unyana kaRehuweli. 15  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-45 650.+ 16  “Bonke ababhaliswayo kule nkampu ikhokelwa nguRubhen bayi-151 450, yaye mababe ngabesibini ukuhamba.+ 17  “Xa ihamba intente yokuhlangana,+ isizwe sabaLevi simele sibe sesiphakathini sezinye izizwe. “Izizwe zimele zihambe ngokwendlela ezihlala ngayo,+ sizwe ngasinye sikwindawo yaso, ngokweqela elibunjwa zizizwe ezithathu. 18  “Iqela* elibunjwa zizizwe ezithathu elikhokelwa sisizwe sakwaEfrayim, liza kuba ngasentshona, yaye inkosi yoonyana bakaEfrayim nguElishama+ unyana ka-Amihudi. 19  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-40 500.+ 20  Ecaleni kwakhe iza kuba sisizwe sakwaManase,+ yaye inkosi yoonyana bakaManase nguGamaliyeli+ unyana kaPedatsure. 21  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-32 200.+ 22  Esilandelayo sisizwe sakwaBhenjamin, yaye inkosi yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan+ unyana kaGidiyoni. 23  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-35 400.+ 24  “Bonke ababhaliswayo kule nkampu ikhokelwa nguEfrayim bayi-108 100, yaye mababe ngabesithathu ukuhamba.+ 25  “Iqela* elibunjwa zizizwe ezithathu elikhokelwa sisizwe sakwaDan, liza kuba ngasemntla, inkosi yoonyana bakaDan nguAhiyezere+ unyana ka-Amishadayi. 26  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-62 700.+ 27  Ecaleni kwakhe iza kuba sisizwe sakwa-Ashere, yaye inkosi yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli+ unyana kaOkeran. 28  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-41 500.+ 29  Esilandelayo sisizwe sakwaNafetali, yaye inkosi yoonyana bakaNafetali nguAhira+ unyana kaEnan. 30  Ababhaliswayo kumkhosi wakhe bayi-53 400.+ 31  “Bonke ababhaliswayo kule nkampu ikhokelwa nguDan bayi-157 600. Mababe ngabokugqibela ukuhamba,+ ngokweqela labo elibunjwa zizizwe ezithathu.” 32  Nango ke amaqela amaSirayeli awabhaliswayo ngokwezindlu zootata bawo. Bebonke ababhaliswayo ababenokungena emkhosini babeyi-603 550.+ 33  Kodwa bona abaLevi zange babhaliswe+ kunye namanye amaSirayeli,+ kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses. 34  AmaSirayeli enza yonke into ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses. Ayehlala engamaqela abunjwa zizizwe ezithathu.+ Naxa ehamba, ayehamba ngolo hlobo,+ ngokweentsapho nangokwezindlu zootata bawo.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ngumkhosi.”
Ngokoqobo, “Umkhosi.”
Ngokoqobo, “Umkhosi.”
Ngokoqobo, “Umkhosi.”