KwabaseRoma 9:1-33

  • UPawulos ukhathazwa ngamaSirayeli emvelo (1-5)

  • Eyona nzala ka-Abraham (6-13)

  • UThixo unegunya lokukhetha (14-26)

    • Izitya zomsindo nezenceba (22, 23)

  • Bambalwa abaza kusindiswa (27-29)

  • AmaSirayeli ayakhubeka (30-33)

9  Ndingumlandeli kaKristu yaye ndithetha inyaniso. Isazela sam siyavumelana nomoya oyingcwele, ukuba andixoki xa ndisithi,  ndikhathazeke kakhulu yaye intliziyo yam ibuhlungu.  Ndinqwenela ukuba ibindim lo ungenabuhlobo noKristu ukuze kutshatyalaliswe mna endaweni yabantakwethu, abantu besizwe sakowethu,  abangamaSirayeli. Ngawo uThixo awayewenze oonyana bakhe,+ wawanika uzuko, wenza izivumelwano nawo,+ wawanika uMthetho,+ inyhweba yokumkhonza+ etempileni kunye nezithembiso.+  Ayinzala yookhokho+ awaphuma kubo uKristu xa wazalwayo emhlabeni.+ UThixo onegunya kuyo yonke into makadunyiswe ngonaphakade. Amen.  Loo nto ayithethi kuthi ilizwi likaThixo liye alaphumelela. Kuba abantu abazalwa nguSirayeli “abangomaSirayeli”+ okwenene bonke.  Kwakhona into yokuba bezalwa nguAbraham ayibenzi bonke babe ngabantwana bakhe,+ kodwa kubhaliwe kwathiwa: “Inzala* oyithenjisiweyo iza kuphuma kuIsake.”+  Le nto ithetha ukuba, ayingabo bonke abantwana abaphuma kwinzala ka-Abraham, abangabantwana bakaThixo.+ Ngabantwana besithembiso+ kuphela athi uThixo bayinzala* ka-Abraham.  Kuba ilizwi lesithembiso lalisithi: “Ngeli xesha ndiza kuza yaye uSara uza kuba nonyana.”+ 10  Kodwa eso sithembiso asizange senziwe kuloo meko yodwa, senziwa kwanaxa uRebheka wakhulelwa amawele ngoIsake ukhokho wethu;+ 11  kuba xa ayengekazalwa yaye engekazenzi izinto ezintle okanye ezimbi, uThixo wachaza ukuba leliphi aza kulikhetha. Kaloku uThixo ukhetha umntu afuna ukumkhetha, kuba akakhethi exhomekeke kwimisebenzi eyenziwa ngumntu. 12  Yiloo nto kwathiwa kuye: “Omkhulu uza kuba likhoboka lomncinci.”+ 13  Kunjengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Ndamthanda uYakobi, kodwa ndamcaphukela uEsawu.”+ 14  Simele sithini ke? Ngaba uThixo akanabulungisa? Soze angabi nabo!+ 15  Kuba uthi kuMoses: “Ndiza kuba nenceba kuye nabani na endimenzela inceba, yaye ndiza kumvela nabani na endimvelayo.”+ 16  Ngoko ke ukukhethwa komntu akuxhomekekanga kumnqweno wakhe okanye ekuzimiseleni kwakhe,* kodwa kuxhomekeke kuThixo onenceba.+ 17  Kuba iSibhalo sithi kuFaro: “Ndikuyeke waphila ngenxa yesi sizathu: ukuze ndibonakalise amandla am ngawe, nokuze igama lam laziwe emhlabeni wonke.”+ 18  Ngoko ke umenzela inceba umntu afuna ukumenzela inceba, kodwa umyeka abe nenkani umntu afuna ukumyeka abe nenkani.+ 19  Ngoko ke usenokuthi kum: “Kutheni ke uThixo esabagxeka abantu? Kuba ngubani onokulwa nento agqibe kuyo?” 20  Kodwa ke ungubani wena mntundini ukuba ungade uphendulane noThixo?+ Iyakwazi na into ebunjiweyo ukuthi kulowo uyibumbileyo: “Kutheni undenze ndanje?”+ 21  Intoni? Ngaba umbumbi akanagunya lokwenza ngodongwe+ olunye isitya esibalulekileyo nesingabalulekanga? 22  Kuyafana ke nakuThixo. Uyafuna ukubonakalisa umsindo wakhe kubantu abenza izinto ezimbi yaye uyafuna namandla akhe aziwe, kodwa uye wabanyamezela ngomonde abo bantu benza izinto ezimbi, abafana nezitya ezifanelwe kukutshatyalaliswa. 23  Wayenza le nto ukuze ababonise ubukhulu bozuko lwakhe abantu abenzele inceba,+ abanjengezitya ezalungiselelwa kwangaphambili ukuba zifumane uzuko. 24  Sithi ke abo, thina bantu aye wabakhetha, engabakhethanga kumaYuda odwa, kodwa nakwiintlanga.+ 25  Kunjengokuba esithi kwincwadi kaHoseya: “Abo bangengobantu bam+ ndiza kuthi ‘bangabantu bam,’ nakumfazi obengathandwa ndiza kuthi ‘sithandwa’;+ 26  yaye kwindawo ekwakuthiwe, ‘Aningobantu bam,’ baza kubizwa ngokuba ‘ngoonyana boThixo ophilayo.’”+ 27  Ngaphezu koko, uIsaya uthi ngoSirayeli: “Nangona oo­nyana bakaSirayeli ­bebaninzi njengesanti yolwandle, bambalwa abaza kusindiswa.+ 28  Kuba uYehova* uza kubaphendulisa abantu abasemhlabeni, ayenze ayigqibe loo nto eyikhawulezisa.”+ 29  Kunjengokuba kanye uIsaya waprofetayo wathi: “Ukuba uYehova* wemikhosi wayengasishiyelanga nzala,* ngesaba njengeSodom, ngesafana neGomora.”+ 30  Simele sithini ke? Simele sithi abantu beentlanga baye bangamalungisa,+ bengakhange bazame ukuba ngawo. Baye bangamalungisa ngenxa yokuba benokholo.+ 31  Kodwa nangona amaSirayeli azama ngamandla awo onke ukuthobela umthetho wobulungisa, zange akwazi ukuwuthobela ngokupheleleyo. 32  Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba ayecinga ukuba anokuba ngamalungisa ngenxa yezinto azenzayo, hayi ngenxa yokuba nokholo. Akhubeka “kwilitye elikhubekisayo”;+ 33  njengoko kubhaliwe kwathiwa: “Jongani! Ndibeka eZiyon ilitye+ elikhubekisayo nolwalwa oluza kubenza babe nomsindo abantu, kodwa lowo ukholwayo kulo akasoze aphoxeke.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “yimbewu.”
Ngokoqobo, “yimbewu.”
Ngokoqobo, “kumntu onqwenayo kungaxhomekekanga nakumntu obalekayo.”
Ngokoqobo, “mbewu.”