Yobhi 27:1-23

  • UYobhi uzimisele ukuhlala ethembekile (1-23)

    • “Andizukuyeka ukuba msulwa” (5)

    • Abantu abangamkhonziyo uThixo abanathemba (8)

    • “Kutheni nithetha izinto ezingekhoyo?” (12)

    • Abenzi-bubi bashiyeka bengenanto (13-23)

27  UYobhi waqhubeka ethetha,* esithi:   “Ephila nje uThixo, ondivimbe ubulungisa,+Ephila nje uSomandla, obenze nzima ubomi bam,+   Ndisaphefumla nje,Ndisenamandla obomi endiwanikwe nguThixo,+   Imilebe yam ayizukuthetha zinto zingalunganga;Nolwimi lwam aluzukuthetha nkohliso!   Andisoze ndithi nina ningamalungisa! Andizukuyeka ukuba msulwa de ndife!+   Ndiza kuhlala ndililungisa, soze ndiyeke;+Ndisaphila nje,* intliziyo yam soze indigwebe.   Akwaba iintshaba zam zingohlwaywa njengabenzi-bubi,Nabo bandihlaselayo bohlwaywe njengabo benza izinto ezingalunganga.   Kuba liza kuba yintoni ithemba lomenzi-bubi xa etshatyalaliswa,+Xa ebulawa nguThixo?   Uza kusiva na uThixo isikhalo sakheXa esehlelwa zizinto ezibuhlungu?+ 10  Okanye ngaba uza kumthanda uSomandla? Ngaba uza kukhalela kuThixo ngamaxesha onke? 11  Ndiza kunifundisa ngamandla kaThixo;*Andizukunifihlela nto ngoSomandla. 12  Jongani! Ukuba nonke nibone imibono,Kutheni ke nithetha izinto ezingekhoyo? 13  Nantsi ke into aza kuyenza uThixo kumenzi-bubi,+Nelifa uSomandla aza kulinika izikhohlakali: 14  Nokuba angaba noonyana abaninzi, baza kubulawa ngekrele,+Nenzala yakhe ayizukuba nakutya kwaneleyo. 15  Abasindileyo baza kubulawa sisibetho, Baze bangalilelwa nabahlolokazi babo. 16  Nokuba angade abe nemfumba yesilivere ngathi luthuli,Aze abe nempahla yodidi efumbe okodongwe, 17  Nokuba angayiqokelela,Iza kunxitywa lilungisa,+Baze abamsulwa bahlulelane ngesilivere yakhe. 18  Indlu yakhe icekeceke njengesingxobo sombungu,Njengekhusi+ elenziwe ngunogada. 19  Uza kulala esisityebi, kodwa obo butyebi buza kuthi shwaka,Kube kungasekho nto xa evula amehlo. 20  Uza kufikelwa luloyiko ngathi sisikhukula,Emke nesaqhwithi ebusuku.+ 21  Uza kumka nomoya wasempuma,Aphephetheke emke endaweni yakhe.+ 22  Uza kuvuthuza ungenalusizi,+Njengokuba ezama ukuwubaleka.+ 23  Uza kumqhwabela izandla,Umbethele umlozi+ usendaweni yawo.*

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ethetha ngemizekeliso.”
Okanye “Ubomi bam bonke.”
Okanye “ngesandla sikaThixo.”
Okanye kusenokwenzeka, “Bambethele umlozi besendaweni yabo.”