Yobhi 34:1-37

  • UElihu uthethelela ubulungisa neendlela zikaThixo (1-37)

    • UYobhi uthe uThixo akavumanga ukumenzela ubulungisa (5)

    • Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi (10)

    • UYobhi akanalwazi (35)

34  UElihu waqhubeka ephendula esithi:   “Ndimameleni nina zilumko;Nindive nina banolwazi.   Kaloku ukutya kungcamlwa lulwimi,Namazwi ke avavanywa yindlebe.   Masizibonele ngokwethu eyona nto ilungileyo;Masizigqibele ngokwethu ukuba yintoni elungileyo.   Kuba uYobhi uthe, ‘Andinatyala,+Kodwa uThixo akavumanga ukundenzela ubulungisa.*+   Bendiza kuxokelani ngomgwebo ondifaneleyo? Ndinenxeba elinganyangekiyo, nangona ndingenzanga nto.’+   Ikhona na indoda efana noYobhi,Ehlala inyamezele ukugezelwa?   Uhlobene nabenzi-bubi;Uhamba nabantu abenza izinto ezimbi.+   Kuba yena uthe, ‘Akumncedi nganto umntuUkuzama ukuvuyisa uThixo.’+ 10  Ngoko ke, ndimameleni nina madoda anengqondo: Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi,*+Soze uSomandla enze into engalunganga!+ 11  Kuba uvuza umntu ngokwezenzo zakhe,+Aze amenze avune loo nto ayityalileyo. 12  Ndiqinisekile ukuba uThixo akazenzi izinto ezimbi;+USomandla akagwebi ngendlela egqwethekileyo.+ 13  Ngubani omenze umlawuli womhlaba?Ngubani ombeke esihlalweni sokulawula umhlaba wonke? 14  Ukuba angabajikela abantu,Athathe umoya wabo,+ 15  Bangafa bonke abantu,*Babuyele eluthulini.+ 16  Ngoko ukuba usisilumko, ndimamele;Yimamele kakuhle le nto ndiyithethayo. 17  Angalawula na umntu obucaphukelayo ubulungisa?*Ungamgxeka na umntu onegunya xa elilungisa? 18  Ungatsho na kukumkani ukuba, ‘Ungungantweni,’ Okanye uthi kwizikhulu, ‘Nikhohlakele’?+ 19  Yena ke uThixo akakhethi iinkosana kunabanye abantu,Ibe akazithandi ngakumbi izityebi kunamahlwempu,*+Kuba bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.+ 20  Bonke bayafa ngesiquphe+ ezinzulwini zobusuku;+Bayaxhuzula baze bafe,Nezikhulu ziyafa, kungengazandla zamntu.+ 21  Kuba uThixo ubona zonke iindlela zomntu,+Uzibona zonke iindawo anyathela kuzo. 22  Akukho bumnyama nathunzi limnyamaAbanokuzifihla kulo abenzi-bubi.+ 23  UThixo akambekeli xesha umntu,Akambekeli xesha lokugwetywa. 24  Akadingi kuphanda ngaphambi kokugweba izikhulu,Aze abeke abanye ezikhundleni zazo.+ 25  Kuba uyazazi izinto ezizenzayo;+Ngoko ke uzisusa esihlalweni ezinzulwini zobusuku, zize zitshabalale.+ 26  Uzibethela izinto ezimbi ezizenzayo,Ezibetha phambi kwabantu,+ 27  Kuba ziyekile ukumlandela,+Azazihoya neendlela zakhe,+ 28  Zibangela ukuba amahlwempu akhalele kuThixo,Zibangela ukuba eve isikhalo sabangenamncedi.+ 29  Ngubani onokumgxeka uThixo xa ethule? Ngubani onokumbona xa ezifihlile? Nokuba uzifihle kuhlanga okanye ebantwini, kuyafana, 30  Ukuze umntu ongamthandiyo uThixo angalawuli,*+Okanye abekele abantu imigibe. 31  Ukhona na umntu onokuthi kuThixo,‘Ndohlwayiwe, kodwa andenzanga nto;+ 32  Ndibonise le nto ndingayiboniyo;Ukuba kukho into embi endiyenzileyo, andizukuphinda ndiyenze’? 33  Kufuneka akuvuze ngendlela efunwa nguwe na, kuba ungavumelani nesigwebo sakhe? Kaloku nguwe ekufuneka akhethe, ayindim. Ndixelele ke le nto uyaziyo. 34  Amadoda azizilumko, nawaphi na andivayo,Aza kuthi kum, 35  ‘UYobhi uthethiswa kukungazi;+ Akathethi njengesilumko.’ 36  UYobhi makavavanywe* ngokupheleleyo,Kuba uthetha oku kwabenzi-bubi! 37  Wongeza indelelo phezu kwesono sakhe;+Uqhwabela thina izandla ngokusa,Ethetha izinto ezininzi ezimbi ngoThixo wokwenene!”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “okusesikweni.”
Okanye “Kukude lee kuThixo ukwenza into embi.”
Ngokoqobo, “Ingafa yonke inyama.”
Okanye “okucaphukelayo okusesikweni.”
Okanye “izikhulu kunabantu abasweleyo.”
Okanye “abawexuki bangalawuli.”
Okanye kusenokwenzeka, “Tata, uYobhi makavavanywe.”