Yobhi 35:1-16

  • UElihu uchaza indlela egqwethekileyo acinga ngayo uYobhi (1-16)

    • UYobhi uthe ulilungisa ngaphezu koThixo (2)

    • UThixo uphezulu, isono asimenzi nto (5, 6)

    • UYobhi umele alinde uThixo (14)

35  UElihu waqhubeka ephendula esithi:   “Ucinga ukuba umsulwa kangangokuba ude uthi,‘Ndililungisa ngaphezu koThixo’?+   Kuba uthi, ‘Ukuhoye* ngantoni ukuba lilungisa kwam? Kundincede ngantoni ukungoni?’+   Ndiza kukuphendula,Wena nabahlobo bakho.+   Jonga phezulu ezulwini uze ubone,Ubukele amafu+ akude lee kuwe.   Ukuba uyona, imenza ntoni loo nto?+ Ukuba wenza izono ezininzi, kumenza ntoni oko?+   Ukuba ulilungisa, uza kube umnike ntoni?Yintoni ayifumanayo kuwe?+   Ububi obenzayo buchaphazela omnye umntu kuphela,Nobulungisa bakho bunceda oonyana babantu.   Abantu bayakhala xa becinezelwa;Bakhalela ukuncedwa kuba becinezelwa ngabantu abanegunya.+ 10  Kodwa akukho mntu uthi, ‘Uphi uThixo, uMdali wam Ozukileyo,+Lowo ubangela ukuba kuculwe iingoma ebusuku?’+ 11  Usinika ulwazi+ ngaphezu kwezilwanyana zomhlaba;+Usenza silumke ngaphezu kweentaka zezulu. 12  Abantu bayakhala, kodwa akabaphenduli,+Kuba bangabenzi-bubi abanekratshi.+ 13  Ngokuqinisekileyo uThixo akasimameli isikhalo sabantu abazenzisayo;*+USomandla akasihoyi nokusihoya. 14  Kubeke phi ke xa ukhalaza usithi akakuncedi!+ Usivile isimangalo sakho, ngoko ke lindela kuye.+ 15  Kuba akakuphendulisanga enomsindo,Engakhange akuhoye nokuthetha kwakho ungacinganga.+ 16  UYobhi uwuvula nje umlomo;Uthetha kakhulu engenalwazi.”+

Umbhalo osemazantsi

Kubonakala ukuba ubhekisa kuThixo.
Okanye “akawamameli amaxoki.”