Yobhi 37:1-24
37 “Intliziyo yam iyangongoza luvalo,Ibe iyaxhuma endaweni yayo.
2 Kumameleni kakuhle ukuzongoma kwelizwi lakhe,Neendudumo eziphuma emlonyeni wakhe.
3 Uzithumela phantsi kwawo onke amazulu,Atshawuzise imibane+ ukusa kwezona ndawo zikude emhlabeni.
4 Emva kwayo kuvakala ukugquma;Uzongoma ngelizwi elikhulu,+Likhatshwa kukulenyeza kwemibane.
5 Ilizwi likaThixo liduduma+ ngendlela emangalisayo;Wenza izinto ezinkulu esingenakuziqonda.+
6 Uthi kwikhephu, ‘Yiwa emhlabeni,’+
Athi kwizantyalantyala zemvula, ‘Galela ngamandla.’+
7 UThixo umisa zonke izinto ezenziwa ngabantu,Ukuze bawazi umsebenzi wakhe.
8 Izilwanyana zasendle zithi tshwa emingxunyeni yazo,Zihlale ezindaweni zazo.
9 Kufika isitshingitshane somoya,+Kuvuthuze umoya obandayo wasemntla.+
10 UThixo uyaphefumla nje kuvele umkhenkce,+Ajike amanzi abe ngumkhenkce.+
11 Wenza amafu asindwe kukufuma;Utshawuzisa imibane emafini;+
12 Aya naphi na apho awathuma khona;Enza nantoni na awayalela yona+ emhlabeni.
13 Usebenzisa wona ukohlwaya+ okanye ukunkcenkceshela umhlaba,Okanye ukubonisa uthando lwakhe olungagungqiyo.+
14 Mamela apha Yobhi;Yima ucingisise ngezinto ezimangalisayo ezenziwe nguThixo.+
15 Uyamazi na uThixo ukuba uwalawula njani amafu,Nokuba uwulenyezisa njani umbane emafini?
16 Uyawazi wona amafu ukuba ajinga njani esibhakabhakeni?+
Le yimisebenzi emangalisayo yaLowo unolwazi olugqibeleleyo.+
17 Kutheni zikutshisa iimpahla zakhoXa kuthe nkcwe emhlabeni ngenxa yolophu olusuka emzantsi?+
18 Ungancedisana naye na ekutwabululeni isibhakabhaka+Njengesipili sesinyithi?
19 Sixelele ukuba sithini kuye;Sisebumnyameni thina, asinampendulo.
20 Umele axelelwe na ukuba ndifuna ukuthetha naye?
Ukhona na umntu okhe wathetha into ekufuneka iviwe nguThixo?+
21 Abantu ababoni nokukhanya oku,*Nangona kuqaqambile esibhakabhakeni,De kufike umoya uphelise amafu.
22 Emntla kuvela ubukhazikhazi obunjengegolide;Siyamangalisa isidima sikaThixo+ nobukhulu bakhe.
23 Soze simazi ngokupheleleyo uSomandla;+Unamandla agqwesileyo,+Ibe akaze agwebe kakubi,+ aze angenzi bulungisa.+
24 Ngoko ke abantu bamele bamoyike,+
Kuba akabathandi abantu abacinga ukuba bazizilumko.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Oko kukuthi, ukukhanya kwelanga.