Yoshuwa 4:1-24
-
Amatye aza kuba luphawu (1-24)
4 Emva nje kokuba lonke uhlanga lugqibile ukuwela iYordan, uYehova wathi kuYoshuwa:
2 “Khetha amadoda ayi-12 ebantwini, indoda ibe nye kwisizwe ngasinye,+
3 uze uwayalele uthi: ‘Thathani amatye ayi-12 phakathi eYordan apho bekumi khona ababingeleli,+ nize niwele nawo niwabeke kwindawo eniza kulala kuyo ngobu busuku.’”+
4 Ngoko uYoshuwa wabiza amadoda ayi-12 awayewakhethe kumaSirayeli, indoda yanye kwisizwe ngasinye,
5 wathi kuwo: “Dlulelani ngaphambi kweTyeya kaYehova uThixo wenu niye phakathi kweYordan, ngamnye wenu aphakamise ilitye alibeke egxalabeni, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli,
6 ukuze loo matye abe luphawu kuni. Ukuba ngenye imini abantwana benu bayanibuza, ‘Ngamatye antoni la?’+
7 nize nithi kubo, ‘Kungenxa yokuba amanzi aseYordan ema phambi kwetyeya+ yesivumelwano sikaYehova. Xa yayiwela iYordan, amanzi ema. La matye aza kuba sisikhumbuzo kumaSirayeli ngonaphakade.’”+
8 Ngoko amaSirayeli enza kanye njengokuba uYoshuwa wayewayalele. Athatha amatye ayi-12 phakathi eYordan njengokuba uYehova wayeyalele uYoshuwa, amatye alingana nenani lezizwe zakwaSirayeli. Awasa kwindawo awayeza kulala kuyo, aza awabeka khona.
9 UYoshuwa wamisa amatye ayi-12 phakathi eYordan kwindawo ababingeleli ababethwele ityeya yesivumelwano ababemi kuyo+ yaye aselapho nanamhlanje.
10 Ababingeleli ababethwele iTyeya bema phakathi eYordan yade yonke into uYehova awayeyiyalele uYoshuwa ukuba ayithethe ebantwini yenziwa, ngokuvumelana nayo yonke into uMoses awayeyiyalele uYoshuwa. Ngelo xesha abantu bakhawuleza bawela.
11 Bathi bakugqiba bonke abantu ukuwela, ababingeleli bawela neTyeya kaYehova, abantu bebukele.+
12 AmaRubhen, amaGadi nehafu yesizwe sakwaManase awela elungele imfazwe+ phambi kwamanye amaSirayeli, kanye njengokuba uMoses wayewayalele.+
13 Ngamajoni amalunga ne-40 000 awayelungele imfazwe awawela phambi koYehova aya kwintlango yaseYeriko.
14 Ngaloo mini uYehova wamphakamisa uYoshuwa phambi kwawo onke amaSirayeli,+ aza amhlonipha kakhulu* yonke imihla yobomi bakhe, kanye njengokuba ayemhlonipha uMoses.+
15 Emva koko uYehova wathi kuYoshuwa:
16 “Yalela ababingeleli abathwele ityeya+ yoBungqina ukuba baphume eYordan.”
17 Ngoko uYoshuwa wayalela ababingeleli wathi: “Phumani eYordan.”
18 Kwathi xa ababingeleli abathwele ityeya+ yesivumelwano kaYehova bephuma phakathi eYordan, zaza iinyawo zabo zanyathela emhlabeni owomileyo, amanzi eYordan abuyela kwindlela awayeyiyo, waphinda waphuphuma umlambo.+
19 Abantu baphuma eYordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala baza bahlala eGiligali+ ngakumda weYeriko ongasempuma.
20 Amatye ayi-12 ababewathathe eYordan, uYoshuwa wawabeka eGiligali.+
21 Emva koko wathi kumaSirayeli: “Ngenye imini xa abantwana benu bebuza ootata babo besithi, ‘Ngawantoni la matye?’+
22 nimele nithi kubo, ‘AmaSirayeli awela iYordan kumhlaba owomileyo,+
23 xa uYehova uThixo wenu womisa amanzi eYordan phambi kwabo bade bagqiba ukuwela, kanye njengokuba uYehova uThixo wenu wenzayo kuLwandle Olubomvu xa womisa amanzi alo phambi kwethu sade sawela.+
24 Wenza loo nto ukuze zonke izizwe zomhlaba zazi indlela esinamandla ngayo isandla sikaYehova,+ nokuze nihlale nimoyika uYehova uThixo wenu.’”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “aza amoyika.”