Yoshuwa 7:1-26

  • AmaSirayeli ayoyiswa eAyi (1-5)

  • Umthandazo kaYoshuwa (6-9)

  • AmaSirayeli onile, ngoko ayoyiswa (10-15)

  • UAkan uyabhaqwa aze abethwe ngamatye afe (16-26)

7  Kodwa amaSirayeli akazange athembeke ngezinto ekwakuthiwe mazitshatyalaliswe, kuba uAkan+ unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathatha kwizinto ekwakuthiwe mazitshatyalaliswe.+ Le nto yamenza uYehova waba nomsindo kakhulu kumaSirayeli.+  Emva koko uYoshuwa wathumela amadoda eseYeriko ukuba aye eAyi,+ ekufuphi neBhete-aven, ngakwimpuma yeBheteli.+ Wathi kuwo: “Nyukani niye kuhlola ilizwe.” Ngoko loo madoda enyuka aya kuhlola iAyi.  Emva koko loo madoda abuyela kuYoshuwa, athi kuye: “Akuyomfuneko ukuba bonke abantu benyuke. Amadoda angamawaka amabini okanye angamawaka amathathu anele ukuba angayoyisa iAyi. Sukuwagqiba onke amandla omkhosi ngokuwuthumela wonke, kuba bambalwa abantu baphaya.”  Ngoko kwenyuka amadoda amalunga nayi-3 000 ukuya apho, kodwa loo madoda kwafuneka awabaleke amadoda aseAyi.+  Amadoda aseAyi axabela amadoda ayi-36, yaye awaleqa esuka ngaphandle kwegeyithi yesixeko ayokutsho eShebharim, yaye aqhubeka ewaxabela kwindawo eyehlayo. Ngoko abantu boyika baza baphelelwa sisibindi.*  UYoshuwa wazikrazula ii­mpahla zakhe waza wawa ngobuso emhlabeni phambi kweTyeya kaYehova de kwangokuhlwa, yena nabadala bakwaSirayeli, yaye baqhubeka bezigalela ngothuli kwiintloko zabo.  UYoshuwa wathi: “Yhini Yehova, Nkosi enguMongami, kutheni uweze aba bantu iYordan ukuze nje ubanikele kuma-Amori ukuba abatshabalalise? Akwaba besanelisekile kukuhlala ngaphesheya* kweYordan!  Uxolo Yehova, yintoni endinokuyithetha njengokuba amaSirayeli eye azibaleka* iintshaba zawo?  Xa amaKanan nabo bonke abemi belizwe lawo beyiva loo nto, baza kusirhangqa baze balitshayele igama lethu phezu komhlaba, yaye yintoni oza kuyenza ngegama lakho elikhulu?”+ 10  UYehova wamphendula uYoshuwa wathi: “Phakama! Kutheni uqubudile nje? 11  AmaSirayeli onile. Aye asaphula isivumelwano+ endawayalela ukuba asigcine. Athathe ezinye zezinto ebezimele zitshatyalaliswe,+ aziba,+ aza azifihla phakathi kweempahla zawo.+ 12  Ngenxa yoko amaSirayeli awazukukwazi ukumelana neentshaba zawo. Aza kuzifulathela iintshaba zawo aze azibaleke, kuba anikelwe kwintshabalalo. Andizukuphinda ndibe kunye nani nide kuqala niyitshabalalise into emele itshatyalaliswe.+ 13  Phakama uze ubenze ngcwele abantu!+ Yithi, ‘Zenzeni nibe ngcwele ngomso, kuba uYehova uThixo kaSirayeli uthe: “Phakathi kwenu kukho izinto ebezimele zitshatyalaliswe, Sirayeli. Anizukukwazi ukumelana neentshaba zenu nide niyisuse phakathi kwenu into ebekumele ukuba itshatyalalisiwe. 14  Kusasa nimele nisondele, isizwe ngesizwe, yaye isizwe aza kusikhetha uYehova+ siza kusondela, intsapho ngentsapho, yaye intsapho aza kuyikhetha uYehova iza kusondela, indlu ngendlu, nendlu aza kuyikhetha uYehova iza kusondela, indoda ngendoda. 15  Lowo ubhaqwe enento ebekumele itshatyalaliswe uza kutshiswa,+ yena nazo zonke izinto zakhe, kuba uye wasaphula isivumelwano+ sikaYehova yaye wenze into elihlazo kwaSirayeli.”’” 16  Ngoko uYoshuwa wavuka ekuseni ngentsasa elandelayo, waza wawasondeza amaSirayeli, isizwe ngesizwe, kwaza kwakhethwa isizwe sakwaYuda. 17  Wasondeza iintsapho zakwaYuda kwaza kwakhethwa intsapho yamaZera,+ emva koko wasondeza intsapho yamaZera, indoda ngendoda, kwaza kwakhethwa uZabhedi. 18  Ekugqibeleni wasondeza indlu kaZabhedi, indoda ngendoda, yaye kwakhethwa uAkan unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.+ 19  Emva koko uYoshuwa wathi kuAkan: “Nyana wam ndiyakucela, zukisa uYehova uThixo kaSirayeli uze uzixele kuye. Nceda undixelele le nto uyenzileyo. Sukundifihlela.” 20  UAkan wamphendula uYoshuwa wathi: “Enyanisweni ndim omonileyo uYehova uThixo kaSirayeli, yaye nantsi into endiyenzileyo. 21  Ndithe ndakubona phakathi kwezinto ezoxuthiweyo isambatho sodidi esihle saseShinare,+ iishekele* eziyi-200 zesilivere, nesitena segolide esinobunzima beeshekele eziyi-50, ndazibawela, ndaza ndazithatha. Ndizigrumbele ngaphakathi ententeni yam, imali ingaphantsi kwazo.” 22  Ngoko nangoko ­uYoshuwa wathumela abathunywa, baza babaleka baya ententeni ka-Akan, impahla yayifihlwe apho, imali ingaphantsi kwayo. 23  Ngoko bazithatha ententeni bazizisa kuYoshuwa nakuwo onke amaSirayeli, baza bazibeka phambi koYehova. 24  Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli awayekunye naye, bamthatha uAkan+ unyana kaZera, bathatha nesilivere, impahla entle, isitena segolide+ kunye noonyana bakhe, iintombi zakhe, inkunzi yakhe yenkomo, idonki yakhe, umhlambi wakhe, intente yakhe nayo yonke into eyayiyeyakhe, bayisa kwiNtlambo YaseAkore.*+ 25  UYoshuwa wathi: “Kutheni usizisele intlekele?*+ Nawe uYehova uza kukuzisela intlekele namhlanje.” Emva koko onke amaSirayeli ambetha ngamatye,+ aza amtshisa yena nako konke okwakhe. Ngoko+ amaSirayeli ababetha ngamatye bonke. 26  Bafumba imfumba yamatye phezu kwakhe yaye iselapho nanamhlanje. Ngoko uYehova wayeka ukuvutha ngumsindo.+ Yiloo nto kusithiwa loo ndawo yiNtlambo YaseAkore* kude kube namhlanje.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “iintliziyo zabantu zanyibilika zafana namanzi.”
Oko kukuthi, kwicala elingasempuma.
Okanye “azinikela umva.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “kwiThafa LaseAkore.”
Okanye “ingxaki.”
Ethetha ukuthi “Intlekele; Ishwangusha.”