Yoweli 3:1-21
3 “Jongani! ngaloo mihla nangelo xesha,Xa ndibuyisa abathinjiweyo bakwaYuda nabaseYerusalem,+
2 Ndiza kuqokelela zonke iintlangaNdizihlisele entlanjeni yakwaYehoshafati.*
Ndiza kuzigweba apho+Ngenxa yabantu bam nelifa lam uSirayeli,Kuba ziye zamsasaza phakathi kweentlanga,Zahlulelana ngelizwe lam.+
3 Zazisenza amaqashiso ngabantu bam,+Zazithengisa ngomntwana oyinkwenkwe kuba zifuna umfazi othengisa ngomzimba,Zithengise ngentombazana kuba zifuna ukusela iwayini.
4 Yintoni le ndinenze yona,Wena Tire neSidon nani nonke mimandla yamaFilisti?
Ngaba niyaphindisa?
Ukuba niyaphindisa,Ndiza kukhawuleza ndibuyekeze impatho yenu phezu kweentloko zenu.+
5 Kuba nithathe isilivere yam negolide yam,+Nazisa obona butyebi bam ezitempileni zenu,
6 AmaYuda nabantu baseYerusalem nibathengise kumaGrike,+Ukuze nibase kude nomhlaba wabo,
7 Ndiza kubavuselela ukuba babuye kuloo ndawo nibathengise kuyo,+Ibe ndiza kuyibuyisela kwiintloko zenu impatho yenu.
8 Ndiza kuthengisa oonyana benu neentombi zenu kumaYuda,+Ibe wona aza kubathengisa kumadoda akwaShebha, uhlanga olukude,Kuba uYehova uthethile.
9 Zixeleleni le nto iintlanga:+
‘Lungelani* imfazwe! Vuselelani amadoda anamandla!
Onke amajoni makasondele, makanyuke!+
10 Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zokuthena imithi zibe yimikhonto.
Ongenamandla makathi: “Ndinamandla.”
11 Yizani nize kunceda, nonke nina zintlanga zijikelezileyo, nize niqokelelane!’”+
Owu Yehova, wehlisele kuloo ndawo amakroti akho.
12 “Mazivuseleleke iintlanga, zinyuke ziye entlanjeni yakwaYehoshafati,Kuba ndiza kuhlala apho ukuze ndigwebe zonke iintlanga ezikufutshane.+
13 Fakani irhengqa, kuba isivuno sivuthiwe.
Yizani kuba isixovulelo sewayini sigcwele.+
Iifatyi zesixovulelo ziyaphuphuma, kuba ububi babo buninzi.
14 Izihlwele, izihlwele zisentlanjeni yesigqibo,*Kuba imini kaYehova isondele entlanjeni yesigqibo.*+
15 Ilanga nenyanga ziza kuba mnyama,Neenkwenkwezi ziza kuyeka ukuqaqamba.
16 UYehova uza kugquma eseZiyon,Uza kulivakalisa ilizwi lakhe eseYerusalem.
Izulu nomhlaba ziza kunyikima,Kodwa uYehova uza kuba yindawo yokubalekela yabantu bakhe,+Inqaba kumaSirayeli.
17 Kuza kufuneka nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, ohlala eZiyon, intaba yam engcwele.+
IYerusalem iza kuba yindawo engcwele,+Abasemzini abaphindi badlule kuyo.+
18 Ngaloo mini iintaba ziza kuvuza iwayini enencasa,+Zona iinduli zibe nobisi oluninzi,Nemisinga yakwaYuda iza kuba namanzi amaninzi.
Endlini kaYehova kuza kugqabhuka umthombo,+Kwaye uza kunkcenkceshela iNtlambo Yemithi Yomnga.
19 Kodwa iYiputa iza kuba yinkangala,+Ne-Edom iza kuba ngumhlaba owomileyo ongahlali mntu,+Ngenxa yobundlobongela ezibenze kumaYuda,+Ziphalaza igazi elimsulwa kwilizwe lawo.+
20 Kodwa kuza kuhlala kukho abemi kwaYuda,NaseYerusalem kwizizukulwana ngezizukulwana.+
21 Liza kuba msulwa kum igazi labo* elalingekho msulwa ngaphambili,+NoYehova uza kuhlala eZiyon.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Othetha ukuthi “UYehova NguMgwebi.”
^ Ngokoqobo, “Yenzeni ngcwele.”
^ Okanye “ethafeni lesigqibo.”
^ Okanye “zisethafeni lesigqibo.”
^ Okanye “ityala labo legazi.”