Zekariya 10:1-12
10 “Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula yasentwasahlobo.
NguYehova owenza amafu esiphango,Nobanika imvula,+Aze anike bonke abantu utyani emhlabeni.
2 Kuba izithixo zekhaya ziqhathile;*Nabavumisi bavumise ubuxoki.
Babalisa ngamaphupha angancedi nganto,Akuncedi nganto nokuthuthuzela kwabo.
Yiyo le nto beza kubhadula njengeegusha.
Baza kuba sentlungwini, kuba akukho malusi.
3 Bandicaphukisile abalusi,Neenkokheli ezicinezelayo* ndiza kuziphendulisa;Kuba uYehova wemikhosi uwukhumbule umhlambi wakhe,+ indlu kaYuda,Uwenze wanjengehashe lakhe elinesidima edabini.
4 Indoda eyintloko* iphuma kuye,Umlawuli oxhasayo* uphuma kuye,Isaphetha sedabi siphuma kuye;Bonke abaphathi baphuma kuye,* xa bebonke.
5 Baza kuba njengamakroti,Begxampuza eludakeni kwizitrato zedabi.
Baza kuqala imfazwe, kuba uYehova uyabaxhasa;+Nabakhweli bamahashe baza kuhlazeka.+
6 Ndiza kuyenza ibe namandla indlu kaYuda,Nendlu kaYosefu ndiza kuyisindisa.+
Ndiza kubabuyisela,Kuba ndiza kubenzela inceba;+Kuza kuba ngathi andizange ndibalahle;+Kuba ndinguYehova uThixo wabo, ibe ndiza kubaphendula.
7 Abo bakwaEfrayim baza kuba njengekroti,Nentliziyo yabo ibe nemihlali ngokungathi basele iwayini.+
Oonyana babo baza kuyibona loo nto, bavuye;Ivuyiswe nguYehova intliziyo yabo.+
8 ‘Ndiza kuhlaba ikhwelo ndize ndibaqokelele;Kuba ndiza kubakhulula,+ ibe baza kuba baninzi,Bahlale beyinyambalala.
9 Nangona ndibasasaza njengembewu phakathi kwezizwana,Baza kundikhumbula bekwiindawo ezikude;Baza kuphinda babe namandla kunye noonyana babo baze babuye.
10 Ndiza kubathatha elizweni laseYiputaNdibaqokelele eAsiriya;+Ndiza kubazisa elizweni laseGiliyadi+ nakwelaseLebhanon,Ibe ayikho indawo eza kubanela.+
11 Ndiza kudlula elwandle ndilundlandlathekise;Ndiza kubetha amaza olwandle;+Zonke iinzulu zomNayile ziza koma.
Ikratshi leAsiriya liza kuhliswa,Nentonga yobukhosi yaseYiputa iza kumka.+
12 Mna, Yehova, ndiza kubenza babe namandla,+Ibe baza kuhamba-hamba egameni lam,’+ utsho uYehova.”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “zithethe into engaqhelekanga; zithethe into engaqondakaliyo.”
^ Ngokoqobo, “neenkunzi zeebhokhwe.”
^ Ngokoqobo, “inqaba esekoneni,” efanekisela indoda ebalulekileyo; inkosi.
^ Ngokoqobo, “isikhonkwane,” esifanekisela umntu oncedisayo; umlawuli.
^ Okanye “Zonke iinduna ziphuma kuye.”