Ndingumntu Otheni Le Nto Ndisoloko Ndishiywa?
Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndingumntu Otheni Le Nto Ndisoloko Ndishiywa?
“Ngeempelaveki wonk’ umntu wonwabile ngaphandle kwam.”—URenee.
“Ulutsha luyadibana luze luzonwabise, mna lundishiye kwesinomhlwa!”—UJeremy.
KUZOLE nasebukhweni bezinja yaye akukho nto uceba ukuyenza. Abanye abantu bayakwazi abaza kukwenza ngolo suku. Bonke abahlobo bakho bazikhuphile. Uyawa ushiyiwe!
Ukungamenywa kuyakhathaza kodwa xa ucinga ngento ethethwa kukungamenywa kukhathaza ngakumbi. Uye uthi ‘mhlawumbi ikho into ephosakeleyo ngam.’ ‘Kutheni abantu bengafuni ukuba kunye nam?’
Isizathu Sokukhathazeka
Iqhelekile into yokuba ufune ukwamkeleka kwiqela elithile. Siyazuza ngokunxulumana nabanye. Ngaphambi kokuba adale uEva, uYehova wathi kuAdam: “Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa.” (Genesis 2:18) Licacile elokuba umntu ngumntu ngabantu; sidalwe ngolo hlobo. Yiloo nto ebangela ubani akhathazeke kukushiywa kwesinomhlwa.
Kukhathaza kakhulu ukusoloko ushiywa okanye wenziwe uzive ungafaneleki ukuba ngumhlobo wabo. Ibhinqa eliselula uMarie uthi: “Kukho iqela lolutsha olwenza izinto zamehlo njengokuba ngoovulindlela kodwa olucinga ukuba akulohlobo lomntu onganxulumana nalo.” Xa abanye bengakufaki kwiqela labo, ekugqibeleni uziva ushiyiwe yaye ulilolo.
Maxa wambi usenokuba yinkom’ edla yodwa nakuba uphakathi kwesihlwele. UNicole uthi: “Nakuba oku kusenokuvakala kungaqhelekanga, ndikhumbula ndiziva ndililolo ndikwimbutho yokuzonwabisa. Ndicinga ukuba kwakungenxa yokuba ndandiphakathi kwabantu abaninzi kodwa kwakungekho nomnye endandiziva ndisondele kuye.” Abanye baziva bengamalolo
naxa bekwiindibano ezinkulu nezincinane. UMeagan uthi: “Abanye abantu bayazana kodwa ndim lo ungaziwayo!” Ibhinqa eliselula uMaria livakalelwa ngendlela efanayo. Lithi: “Kuba ngathi ndingqongwe ngabahlobo kodwa ndingenabo.”Asigonywanga ekubeni sizive singamalolo—kuquka abantu abaziwayo okanye ababonakala bonwabile. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Kwasekuhlekeni intliziyo inokuba buhlungu.” (IMizekeliso 14:13) Xa uqhubeka uziva ulilolo, uqobek’ amandla. IBhayibhile ithi: “Ngenxa yobuhlungu bentliziyo umoya uyaxhwaleka”—okanye, njengokuba enye inguqulelo isitsho: “Ke yena oneenzingo uyanxuba.” (IMizekeliso 15:13; IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Ukuba uziva ukhathazekile ngenxa yokushiywa, unokwenza ntoni?
Ukulwa Nokuba Lilolo
Ukuze ulwe neemvakalelo zokuba lilolo khawuzame la manyathelo alandelayo.
◼ Nikel’ ingqalelo kwizinto okwaziyo ukuzenza. (2 Korinte 11:6) Zibuze, ‘Zintoni izinto endikwaziyo ukuzenza kakuhle?’ Cinga ngobuchule onabo okanye ngeempawu ezintle onazo uze uzidwelise ngezantsi.
․․․․․
Xa uziva ushiyiwe khumbula izinto okwazi ukuzenza kakuhle—njengezi zingasentla. Kuyavunywa ukuba, zikho izinto obuthathaka kuzo yaye ufanele uziphucule. Sekunjalo, musa ukuziva ungento yanto ngenxa yeempazamo onazo. Kunoko, zijonge njengozabalazela ukuphucula iimpazamo zakho. Izinto zisenokungahambi ngendlela ebezifanele zihambe ngayo kodwa ezinye zihambe kakuhle. Nikel’ ingqalelo kwezo ukwazi ukuzenza kakuhle!
◼ Phangalala. (2 Korinte 6:11-13) Musa ukulindela ukuba beze kuwe abantu, kodwa yiya kubo uzazise. Kuyavunywa ukuba oku kusenokuba nzima. ULiz oneminyaka eli-19 uthi: “Usenokoyika ukuya kwiqela labantu kodwa ukuba uya kumntu omnye ufike umbulise uba yinxalenye yelo qela.” (Funda ibhokisi ethi “Amacebiso Ngendlela Yokuncokola.”) Qiniseka ukuba nawe akushiyi abanye kwesinomhlwa—njengabantu abalupheleyo. UCori okwishumi elivisayo uthi, “xa ndandineminyaka eli-10 okanye eli-11 ubudala ndandinomhlobo owayemdala kunam. Wayengumhlobo osenyongweni nakuba sasingalingani.”
Cinga uze ubhale ngezantsi abantu ababini abasebandleni lakho ongathanda ukubazi ngakumbi.
․․․․․
Xa uphinda usiya kwintlanganiso zebandla, kutheni ungayi komnye waba bantu bangasentla uze uncokole naye. Yiqale ngokwakho incoko. Mbuze lo mntu into eyamenza wanomdla eBhayibhileni. Njengokuba uya ulwazi “umanyano lwabazalwana luphela,” ngokuthe ngcembe uya kuyeka ukuziva ushiyiwe yaye ulilolo.—1 Petros 2:17.
◼ Zityand’ igila kumntu omdala. (IMizekeliso 17:17) Ukuchazela abazali bakho okanye omnye umntu omdala ukuba unengxaki yokuziva ushiyiwe okanye ulilolo kunokuyinciphisa loo mvakalelo. Intombazana eneminyaka eli-16 ubudala iye yafumanisa oko. Kuqala kwakuyikhathaza kakhulu into yokushiywa. Ithi: “Ndandidla ngokusoloko ndicinga ngento ebangela ukuba ndishiywe. Kodwa ndandidla ngokuthetha ngayo noMama yaye wayendinika amacebiso ngendlela yokuhlangabezana naloo meko. Ukuthetha ngale ngxaki kwakundinceda!”
Ukuba ufuna ukuthetha nomntu ngengxaki engapheliyo yokuba lilolo ngubani ofanele uthethe naye?
․․․․․
◼ Cinga nangabanye abantu. (1 Korinte 10:24) IBhayibhile ithi sifanele ‘sinyamekele, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:4) Liyinyaniso elokuba, xa uziva ushiyiwe kulula ukuba uzive uxinezelekile. Noko ke, kunokuba sixinezeleke kakhulu, kutheni ungenzeli omnye umntu into afuna ukuyenzelwa? Xa usenjenjalo usenokufumana abahlobo abatsha!
Cinga ngomntu mhlawumbi osebandleni lakho osenokufuna umncedise kwinto ethile. Bhala igama lomntu ngezantsi uze uchaze indlela oza kumnceda ngayo.
․․․․․
Xa ucinga ngabanye abantu uze ubenzele izinto akubi naxesha lakuziva ulilolo. Oku kunokukunceda ukuba unikel’ ingqalelo kwizinto ezintle kunakwizinto ezimbi, nto leyo eya kwenza ukuba abantu batsaleleke kuwe. IMizekeliso 11:25 ithi: “Oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.”
◼ Bakhethe abahlobo. (IMizekeliso 13:20) Kubhetele ukuba ube nabahlobo abambalwa abanyanisekileyo kunokuba ube nabahlobo abaninzi abasenokukufaka engxakini. (1 Korinte 15:33) Cinga ngoSamuweli okhankanywe eBhayibhileni. Kusenokwenzeka ukuba wayelilolo emnqubeni. Phakathi kwabantu awayesebenza nabo kwakukho uHofeni noFinehasi. Nangona babengoonyana bombingeleli omkhulu, izenzo zabo zazibenza babe lunxulumano olubi. Ukuba uSamuweli wayefuna ukwamkeleka kubo oko kwakuza kumchaphazela ngokomoya. Kodwa le asinto uSamuweli awayeyifuna! IBhayibhile ithi: “Lonke elo xesha inkwenkwe uSamuweli yayikhula ngokukhula yaye ithandeka ngakumbi kokubini kuYehova nakubantu.” (1 Samuweli 2:26) Ngoobani abo bantu? Ngokuqinisekileyo asingoHofeni noFinehasi, abakuphephayo ukunxulumana noSamuweli ngenxa yezenzo zakhe ezintle. Kunoko, uSamuweli wayezukiswa ngabantu abaxhasa imilinganiselo kaThixo. Ngabantu abathanda uYehova onokubakhetha njengabahlobo bakho.
◼ Yiba Nesimo Sengqondo Esihle. (IMizekeliso 15:15) Ukusa kumlinganiselo othile wonke umntu ukhe azive elilolo. Yintoni enokunceda? Kunokuhlala ucinga ngezinto ezingakhiyo zama ukuba nesimo sengqondo esifanelekileyo ngobomi. Khumbula, nakuba ungenakulawula yonke into eyenzeka ebomini bakho kodwa unokuyilawula indlela osabela ngayo ezintweni.
Xa uziva ulilolo yenza into eyakhayo, mhlawumbi utshintshe imeko okanye utshintshe indlela ocinga ngayo. Ngamaxesha onke khumbula ukuba uYehova uyayazi indlela owenziwe ngayo, ngoko ke uyazazi izinto ozifunayo nendlela oza kuzifumana ngayo. Xa uqhubeka uziva ulilolo, thandaza kuYehova. Qiniseka ukuba “yena wokuxhasa.”—INdumiso 55:22.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
OZA KUCINGA NGAKO
◼ Yintoni entle endinokuyenza ukuba ndiziva ndililolo?
◼ Ziziphi iZibhalo ezinokundinceda ndicinge ngendlela elungeleleneyo ngam kunokuba ndicinge ngezinto ezingakhiyo?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]
Amacebiso Ngendlela Yokuncokola
◼ Ncuma. Ububele bakho buya kwenza ukuba abantu bafune ukuncokola nawe.
◼ Zazise. Baxelele igama lakho nendawo ovela kuyo.
◼ Buza imibuzo. Ungenguye ugqada mbekweni kwimicimbi yabanye abantu, buza imibuzo efanelekileyo ngemvelaphi yabo.
◼ Phulaphula. Musa ukucinga ngento oza kuyithetha. Phulaphula kuqala. Umbuzo olandelayo okanye into oza kuyithetha iza kuzivelela.
◼ Musa ukungxama! Incoko isenokukubangela ukuba ufumane abahlobo abatsha. Ngoko ke khululeka!