Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Umsila Kantulo

Umsila Kantulo

UNTULO usuka kwindawo esithabazi aze atsibele kudonga olume nkqo. Xa le ndawo asuka kuyo imtyibilizi, untulo uyatyibilika, sekunjalo ufika athi gxada ngeenyawo zakhe kolo donga. Yenzeka njani le nto? Uncedwa ngumsila wakhe.

Cinga ngoku: Xa untulo esuka kwindawo engekho mtyibilizi, ulungisa umzimba wakhe aze agcine umsila ujonge ezantsi. Oku kumnceda akwazi ukutsiba kakuhle. Kwelinye icala, xa esuka kwindawo emtyibilizi, uqala atyibilike xa esuka. Noko ke, xa esemoyeni uyakwazi ukuzilungisa kwakhona ngokuphakamisa umsila wakhe. Yonke le nto yenzeka ngendlela entsonkothileyo. Uphando olwenziwa yiYunivesithi yaseKhalifoniya eBerkeley lwathi: “Xa esemoyeni, amacikilishe afanele alungise imisila yawo ukuze akwazi ukutsiba kakuhle.” Xa litsibe lisuka kwindawo emtyibilizi kakhulu, icikilishe lifanele limise umsila ukuze likwazi ukufika lime ngeenyawo zalo.

Umsila kantulo unokunceda oonjineli bakwazi ukwenza iirobhothi zokukhangela abantu abasindie kwinyikima okanye enye intlekele. Umphandi uThomas Libby uthi: “Izilwanyana zikwazi ukwenza izinto ezimangalisayo ezingenakwenziwa ziirobhothi, ngoko ke, siya kuyamkela nantoni na enokusinceda senze irobhothi esebenza bhetele.”

Ucinga ntoni? Ngaba umsila kantulo wabakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba wadalwa?