Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA ONOKUNYAMEZELA NGAYO XA KUSEHLA IINTLEKELE

Ukulahlekelwa Yimpilo

Ukulahlekelwa Yimpilo

UMabel waseArgentina, wayesempilweni yaye eyingcali yamathambo. Ngo-2007, waqalisa ukuziva ediniwe esoloko enentloko engapheliyo imihla ngemihla. Uthi: “Ndaya koogqirha abaninzi yaye ndawasebenzisa onke amayeza kodwa akho nto yandincedayo.” UMabel wade waya nakwi-sken seMRI, esaye sabonisa ukuba unethumba engqondweni. Uthi: “Ndothuka ngeyona ndlela! Zange ndikholelwe ukuba kanti bendiphila nolu tshaba.

“Nangona kunjalo, ndandingekabuqondi ubungozi bale meko ndandikuyo de ndabe ndenziwe utyando. Xa ndavukayo, ndandilaliswe kwigumbi labagula kakhulu ndingakwazi nokushukuma. Ekuphela kwento endandinokuyenza kukulala nje ngomqolo ndijonge phezulu. Ngaphambi kokuba ndigule ndandizenzela yonke into. Ngesiquphe ndazibona sendingakwazi kwenza nto. Ngoxa ndandikwelo gumbi labagula kakhulu, ndandibhidekile ngenxa yengxolo yezixhobo zonyango, nezinye iingxolo kuquka nokuncwina kwezinye izigulane. Ndandiziva ndingqongwe yintlungu.

“Ngoku, ndiziva ndibhetele. Ndiyakwazi ukuhamba ngaphandle kokuncediswa, ndide ndiziphumele. Kodwa andiboni kakuhle ibe nezihlunu zam azomelelanga.”

UKUNYAMEZELA INTLUNGU

Yiba nethemba. KwiMizekeliso 17:22, iBhayibhile ithi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa, kodwa umoya oxhwalekileyo womisa amathambo.” UMabel uthi: “Ebudeni bokuchacha kwam, ndaba neengxaki ezifanayo nezezigulane zam. Ukuziqhelisa ukuhamba kwaba nzima kum, yaye ngamanye amaxesha ndandiye ndifune ukuncama. Kwafuneka ndizinyanzele ukuze ndiyeke ukucinga ngale ndlela kuba ndandisazi ukuba loo nto iza kuba nemiphumo emihle ekugqibeleni.”

Yiba nethemba ukuze unyamezele. UMabel uthi: “Ngokusuka eBhayibhileni, ndandisazi isizathu sokubakho kweentlungu. Ndandisazi nokuba suku ngalunye oludlulayo, siyasondela kwixesha apho kungasayi kubakho zintlungu kwakhona.” *

Yiqonde indlela akukhathalele ngayo uThixo. (1 Petros 5:7) Ekhumbula indlela oku okwamnceda ngayo uMabel uthi: “Xa bandisa kutyando, ndayibona inyani ekumazwi kaIsaya 41:10 apho uThixo athi: ‘Musa ukoyika, kuba ndinawe.’ Ndavuyiswa kakhulu kukwazi ukuba uYehova uThixo uyikhathalele into eyenzeka kum.”

Ngaba ubusazi? IBhayibhile ifundisa ukuba liyeza ilixa ekungasayi kubakho zingxaki zempilo.—Isaya 33:24; 35:5, 6.

^ isiqe. 8 Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Iyafumaneka nakwi-www.dan124.com/xh.