Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Unqulo

Unqulo

Kutheni kukho iicawa ezininzi kangaka?

“Niwuyekile umyalelo kaThixo, nabambelela nkqi kwisithethe sabantu.”Marko 7:8.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Abantu badalwe banomnqweno wokukhonza uThixo. (Mateyu 5:3) Ukuze banelise loo mnqweno, abantu baye benza iicawa ngokwembono yabo kunaleyo kaThixo.

Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ngabantu ababekhonza kwinkulungwane yokuqala: “Banenzondelelo kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo kuba, ngenxa yokungabazi ubulungisa bukaThixo kodwa befuna ukuzimisela obabo, abazange bazithobe kubulungisa bukaThixo.” (Roma 10:2, 3) Nakweli xesha siphila kulo, zininzi iicawa ‘ezifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’—Marko 7:7.

 Kubalulekile na ukuba umntu abe necawa akhonza kuyo?

“Kanjalo masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.”Hebhere 10:24, 25.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

KumaHebhere 10:25 kukho amazwi athi “singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.” Loo mazwi abonisa ukuba uThixo ufuna abantu bahlanganisane baze banqule. Kodwa ngaba umnquli ngamnye ebeza kuba nendlela yakhe yokumchaza uThixo nendlela yakhe yokwenza oko uThixo akufunayo? Hayi. IBhayibhile ithi ngabo banqula uThixo ngendlela ayifunayo ‘bamele bathethe ngokuvumelanayo bamanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.’ (1 Korinte 1:10) Babeza kwahlulwa babe ngamabandla yaye babe “nothando ngomanyano lwabazalwana luphela.” (1 Petros 2:17; 1 Korinte 11:16) Unqulo olunjalo, nolumanyeneyo luyathandwa nguThixo.

Lukho na unqulo lokwenyaniso?

“Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:35.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile xa izekelisa indlela yokubona unqulo lokwenyaniso, ithi: “Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Abantu abahlanganisi iidiliya emeveni okanye amakhiwane enkunzaneni, andibi kunjalo?” (Mateyu 7:16) Akunyanzelekanga ukuba ude ube yincutshe yezityalo ukuze ukwazi ukwahlula ikhiwane kwinkunzane, kunjalo nasekwahluleni unqulo lwenyaniso kolobuxoki. Zeziphi ezinye iindlela onokulubona ngalo unqulo lokwenyaniso?

  • Unqulo lokwenyaniso lufundisa inyaniso eseLizwini likaThixo, iBhayibhile. (Yohane 4:24; 17:17) Alufundisi izimvo zabantu.

  • Unqulo lokwenyaniso lunceda abantu bamazi uThixo, negama lakhe elinguYehova.—Yohane 17:3, 6.

  • Unqulo lokwenyaniso lukholelwa ukuba buBukumkani bukaThixo bodwa obunokuzilungisa iingxaki zabantu, kungekhona oorhulumente.—Mateyu 10:7; 24:14.

  • Unqulo lokwenyaniso lukhuthaza ukuba abantu babe nothando bangacingeli ziqu zabo zodwa. (Yohane 13:35) Lufundisa abantu ukuba bahloniphane bonke, bakwazi ukuchitha ixesha nezinto abanazo bencedana yaye alubandakanyeki kwiimfazwe.—Mika 4:1-4.

  • Unqulo lokwenyaniso luyindlela yokuphila ubomi mihla le, alusosithethe. Amalungu alo ayaziphila izinto azifundisayo.—Roma 2:21; 1 Yohane 3:18.

AmaNgqina kaYehova, abapapashi bale magazini azama kangangoko ukuhlonela uThixo ngendlela athetha naziphatha ngayo. Siyakumema ukuba uye kwiHolo yoBukumkani uze uzibonele ngokwakho.