Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukholo​—Lusinceda Somelele

Ukholo​—Lusinceda Somelele

UKHOLO lusinceda sibe namandla. Ngokomzekelo, nangona uSathana efuna siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova, ukholo lusinceda sikwazi “ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo.” (Efe. 6:16) Xa sinokholo, sinako ukunyamezela iingxaki ezibonakala zinkulu njengeentaba. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, niya kuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ isuke.” (Mat. 17:20) Kuba sisazi ukuba ukholo lunokusinceda sisondele ngakumbi kuYehova, simele sicinge ngale mibuzo: Yintoni ukholo? Xa siyixabisa inyaniso, luza kuba njani ukholo lwethu? Sinokulomeleza njani ukholo lwethu? Ibe ngubani esimele sibe nokholo kuye?​—Roma 4:3.

YINTONI UKHOLO?

Ukholo asikokukholelwa nje ukuba izinto ezithethwa yiBhayibhile ziyinyani, kuba “needemon ziyakholwa [ukuba uThixo ukhona] zize zityhwatyhwe.” (Yak. 2:19) Yintoni ke ukholo?

Njengokuba singasoze siyithandabuze into yokuba kuza kubakho imini nobusuku, siqinisekile ukuba nezinto ezithethwa nguThixo ziza kwenzeka

IBhayibhile ilucacisa ngeendlela ezimbini ukholo. Okokuqala, ithi “ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo.” (Heb. 11:1a) Xa unokholo, uyaqiniseka ukuba zonke izinto ezithethwa nguYehova ziyinyani ibe ziza kwenzeka. Ngokomzekelo, uYehova wathi kumaSirayeli: “Ukuba ninokuwaphula umnqophiso wam wemini nomnqophiso wam wobusuku, ukuze imini nobusuku zingabikho ngexesha lazo, ngokunjalo nomnqophiso wam noDavide umkhonzi wam unokwaphulwa.” (Yer. 33:20, 21) Ngaba ukhe ube nexhala lokuba ilanga lingangaphumi okanye lingatshoni, kuze kungabikho mini nabusuku? Ukuba awuyithandabuzi loo nto, ngaba umele uyithandabuze into yokuba uMdali oyibangela yenzeke angangazenzi izinto azithethileyo? Hayi.​—Isa. 55:10, 11; Mat. 5:18.

Okwesibini, ukholo ‘bubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.’ IBhayibhile ithi ukholo ‘bubungqina obucacileyo’ bezinto zokwenene kodwa esingenakuzibona ngamehlo ethu. (Heb. 11:1b) Njani? Makhe siyizekelise ngolu hlobo le nto. Masithi umntwana uyakubuza ukuba, ‘Wazi njani ukuba ukhona umoya?’ Nangona ungazange wawubona, unokumxelela ngezinto ezibonisa ukuba ukhona, njengokuphefumla, izinto ezenzekayo xa kukho umoya, njalo njalo. Xa lo mntwana eqinisekile ukuba nyhani ukhona umoya, utsho abone ukuba inokwenzeka into yokuqiniseka ngento ongenakuyibona. Ngendlela efanayo, umntu unokuba nokholo ngokuba nobungqina obucacileyo.​—Roma 1:20.

SIMELE SIYIXABISE INYANISO

Ekubeni kufuneka umntu abe nobungqina ukuze abe nokholo, umele abe ‘nolwazi oluchanileyo lwenyaniso’ kuqala. (1 Tim. 2:4) Kodwa akamele aphelele nje apho. Umpostile uPawulos wathi: “Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo.” (Roma 10:10) Umntu akamele nje ayikholelwe inyaniso kodwa umele ayixabise. Xa eyixabisa, uza kutsho abe nokholo aze azenze izinto ezifunwa nguThixo. (Yak. 2:20) Umntu ongayixabisanga inyaniso usenokuba nenkani aze angafuni ukutshintsha izinto azikholelwayo okanye afune ukwenza izinto ezifunwa nguye, enoba kuziwa nobungqina obunjani. (2 Pet. 3:3, 4; Yude 18) Yiyo loo nto kukho abantu abangazange babe nokholo naxa babona kusenziwa imimangaliso ngexesha leBhayibhile. (Num. 14:11; Yoh. 12:37) Umoya kaThixo ubenza babe nokholo abantu abayithanda nyhani inyaniso.​—Gal. 5:22; 2 Tes. 2:10, 11.

UDAVIDE WENZA NJANI UKUZE ABE NOKHOLO OLOMELELEYO?

Omnye wabantu ababenokholo olomeleleyo yayinguKumkani uDavide. (Heb. 11:32, 33) Kodwa ke, abanye babengenalukholo lomelele njengolwakhe kwintsapho yakhe. Ngokomzekelo, ngenye imini umkhuluwa kaDavide, uEliyabhi, wayenza yacaca into yokuba akanalukholo xa wangxolisa uDavide kuba efuna ukulwa noGoliyati. (1 Sam. 17:26-28) Akukho mntu uzalwa enokholo, kungekho nomntu onokulufumana kubazali bakhe. Ngoko, uDavide waba nokholo kuba wayengumhlobo kaThixo.

KwiNdumiso 27, uDavide usixelela ngezinto ezamnceda wanokholo olomeleleyo. (Ivesi 1) Wacinga ngezinto ezenzeka kuye nangendlela uYehova awalwa ngayo neentshaba zakhe. (Ivesi 2, 3) Wayekuthanda kakhulu ukuya kukhonza endlwini kaYehova. (Ivesi 4) UDavide wayekhonza uThixo nabanye abantu emnqubeni. (Ivesi 6) Wayethandaza kuYehova. (Ivesi 7, 8) Wayekufuna nokufundiswa nguThixo ngendlela amele azenze ngayo izinto. (Ivesi 11) Ukholo lwalubaluleke kakhulu kuDavide kangangokuba wade wathi ukuba ebengabanga nakholo wayengazukukwazi ukunyamezela.​—Ivesi 13.

UNOKULOMELEZA NJANI UKHOLO LWAKHO?

Nawe unokuba nokholo njengoDavide ukuba wenza ezi zinto zichazwe kwiNdumiso 27. Ekubeni ukholo lubangelwa kukuba nolwazi oluchanileyo, xa ulifunda iLizwi LikaThixo neencwadi zentlangano, kuza kuba lula ukuba nesi siqhamo somoya kaThixo. (INdu. 1:2, 3) Xa ufunda, yiba nalo ixesha lokucinga ngezinto ozifundileyo. Xa sicinga ngezinto esizifundileyo, siza kumbulela ngakumbi uYehova ngezinto asenzela zona. Xa uyenza loo nto, uza kufuna ukuya kwiintlanganiso nokuxelela abanye abantu ngethemba onalo, nto leyo ebonisa ukuba unokholo. (Heb. 10:23-25) Enye into eyenza kucace ukuba sinokholo kukuqhubeka ‘sithandaza singayeki.’ (Luka 18:1-8) Ngoko, ‘thandaza ngokungapheziyo’ kuYehova, uqinisekile ukuba ‘ukukhathalele.’ (1 Tes. 5:17; 1 Pet. 5:7) Ukholo lusinceda senze izinto ezifanelekileyo, ibe xa sizenza, ukholo lwethu luyomelela.​—Yak. 2:22.

YIBA NOKHOLO KUYESU

Ngobusuku obungaphambi kokuba afe, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Bonisani ukholo kuThixo, bonisani ukholo nakum.” (Yoh. 14:1) Ngoko asimele sibe nokholo kuYehova qha, kodwa nakuYesu. Sinokuba nalo njani ukholo kuYesu? Makhe sibone kwezi ndlela zintathu.

Kuthetha ukuthini ukuba nokholo kuYesu?

Okokuqala, jonga intlawulelo esuka kuThixo njengesipho sakho wedwa. Umpostile uPawulos wathi: “Ubomi endibuphilayo ngoku enyameni ndibuphila ngokholo kuNyana kaThixo, owandithandayo waza wazinikela ngenxa yam.” (Gal. 2:20) Xa unokholo kuYesu, uyaqiniseka ukuba intlawulelo yeyokunceda wena uxolelwe izono zakho, ube nethemba lokuphila ubomi obungunaphakade, uze uqiniseke nokuba uThixo uyakuthanda. (Roma 8:32, 38, 39; Efe. 1:7) Ukuba uyakholelwa nyhani ukuba intlawulelo ingakunceda, awuzukuziva unetyala.​—2 Tes. 2:16, 17.

Okwesibini, sondela kuYehova ngomthandazo, ukhumbule ukuba loo nto unako ukuyenza ngenxa yokuzincama kukaYesu. Ngenxa yentlawulelo, sinako ukuthandaza kuYehova “sinenkululeko yokuthetha, ukuze sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.” (Heb. 4:15, 16; 10:19-22) Xa sithandaza, sizimisela ngakumbi ukungenzi sono.​—Luka 22:40.

Okwesithathu, thobela uYesu. Umpostile uYohane wathi: “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade; lowo ungamthobeliyo uNyana akayi kububona ubomi, kodwa ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.” (Yoh. 3:36) Uqaphele ukuba uYohane uthi ukuba nokholo akudibani nokungathobeli? Ngoko, ubonisa ukuba unokholo kuYesu xa umthobela. Uthobela uYesu ngokwenza izinto awazifundisayo. Xa usenza njalo, uthobela “umthetho kaKristu.” (Gal. 6:2) Enye indlela omthobela ngayo uYesu kukuzenza izinto esiziyalelwa “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mat. 24:45) Xa uthobela uYesu, uza kuba namandla okunyamezela iingxaki ezoyikisa njengesaqhwithi.​—Luka 6:47, 48.

‘ZAKHENI KOLWENU UKHOLO OLULOLONA LUNGCWELE’

Ngenye imini, enye indoda yathi kuYesu: “Ndinalo ukholo! Ndincede apho kufuneka khona ukholo kum!” (Marko 9:24) Le ndoda yayinalo ukholo, kodwa kuba yayithobekile yaqonda ukuba idinga ukholo olungakumbi. Njengale ndoda, nathi siza kuba namaxesha esiza kuludinga ngakumbi ngawo ukholo olungakumbi. Sonke sinako ukulomeleza ngoku ukholo lwethu. Njengokuba besesibonile, ukholo lwethu silomeleza ngokufunda iLizwi LikaThixo size sicinge ngalo, ibe loo nto iza kusenza sizibulele izinto uYehova asenzela zona. Enye into enokwenza ukholo lwethu lomelele kukukhonza uYehova nabazalwana noodade, ukuxelela abanye ngethemba esinalo nangokuqhubeka sithandaza. Ngapha koko, xa silomeleza ukholo lwethu, siza kufumana esona sipho sikhulu. ILizwi LikaThixo lithi: ‘Zintanda, zakheni kolwenu ukholo olulolona lungcwele . . . ukuze nizigcine kuthando lukaThixo.’​—Yude 20, 21.