Xa Umntu Otshate Naye Ebukela Iphonografi
-
“Kwaba ngathi umyeni wam kudala ekrexeza.”
-
“Ndandiziva ndihlazekile, ndingenamtsalane, kungekho yam.”
-
“Ndandisifa ngaphakathi, kungekho mntu ndinokuthetha naye.”
-
“Ndandicinga ukuba uYehova akandikhathalelanga.”
Ezi zinto zithethwe ngasentla zibonisa indlela aba buhlungu ngayo umfazi xa umyeni wakhe ebukela iphonografi. Ukuba le nto ebeyenza engabonwa kangangeenyanga okanye iminyaka, inkosikazi yakhe inokuyeka mpela ukumthemba. Omnye umfazi wathi, “Ndandizibuza, ‘Ngubani le ndoda ndihleli nayo? Zeziphi ezinye izinto endifihlela zona?’”
Eli nqaku libhalelwe umfazi onomyeni obukela iphonografi. a Liza kuthetha ngemigaqo yeBhayibhile enokumthuthuzela, imenze aqiniseke ukuba uYehova uyamthanda futhi uyafuna ukumnceda. Liza kuphinda limncede axole futhi ahlale engumhlobo kaYehova. b
YINTONI ONOKUYENZA WENA UNGENATYALA?
Ngoxa ungenakugada zonke izinto ezenziwa ngumyeni wakho, zikhona izinto onokuzenza ukuze uxole engqondweni. Nazi ezinye zazo.
Sukuzibek’ ityala. UAlice c wayezibona ngathi ungumfazi ongenamtsalane. Wayezibuza, ’Kutheni umyeni wam eza kude afune ukujonga abanye abafazi ndikhona?’ Abanye abafazi bazibek’ ityala ngezinto abaye bazenze bakufumanisa ukuba abayeni babo babukela iphonografi, becinga ukuba benza zibe mbi nakakhulu izinto. UDanielle uthi, “Ndandibona ngathi ukuhlala ndinomsindo kundenza ndibe ngulo mfazi unochuku oluza kuphelisa umtshato wakhe.“
Ukuba uziva njengabo, yazi ukuba izinto ezenziwa ngumyeni wakho azikwenzi ube netyala kuYehova. UYakobi 1:14 uthi: “Umntu ulingwa ngokutsalwa nangokubanjiswa ngumnqweno wakhe.” (Roma 14:12; Fil. 2:12) Kunokuba akubek’ ityala, uYehova uxabisa indlela onyaniseke ngayo kuye.—2 Kron. 16:9.
Umfazi usenokucinga ukuba isizathu sokuba indoda yakhe ibukele iphonografi kukuba yena akanamtsalane. Akukho njalo. Abantu abayazi kakuhle iphonografi bathi yenza umntu abe neminqweno yesondo ekungekho mfazi unokukwazi ukuyanelisa.
Sukukhathazeka ngokugqithisileyo. UCather-ine uthi yayingaphumi engqondweni yakhe into yokuba umyeni wakhe ubukela iphonografi. Yena uFrances uthi: “Ndiba nexhala qho xa ndingamazi umyeni wam ukuba uphi. Uvalo lungongoza imini yonke.” Abanye abafazi bathi baba neentloni kakhulu xa bekunye nabazalwana noodade ekusenokwenzeka ukuba bayayazi ingxaki yabayeni babo. Kanti bona abanye bathi baye bazive ngathi babodwa kuba becinga ukuba akukho mntu uyiqondayo imeko yabo.
Kuqhelekile ukuziva ngale ndlela. Kodwa ukuba uza kuhlala ucingana nezi zinto, uza kuba nexhala kakhulu. Zama ukuhoya ubuhlobo bakho noYehova. Loo nto iza kukwenza ukwazi ukunyamezela.—INdu. 62:2; Efe. 6:10.
Unokuncedwa kukufunda nokucingisisa ngabafazi ababekhe bakhathazeka ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, baza bathuthuzeleka emva kokuba bethandazile. UYehova wayengasoloko eziphelisa iingxaki zabo, kodwa wabenza baxola. Ngokomzekelo, imeko kaHana yamenza wakhathazeka kakhulu. Kodwa emva kokuba ‘ethandaze ixesha elide kuYehova,’ waziva exolile nangona wayengazi ukuba kuza kwenzeka ntoni.—1 Sam. 1:10, 12, 18; 2 Kor. 1:3, 4.
Cela abadala bakuncede. Banokuba ‘njengekhusi emoyeni, nendawo yokuzifihla kwisiphango.’ (Isa. 32:2) Basenokude bakucebise nangodade onokuthetha naye noza kukuthuthuzela.—IMize. 17:17.
UNGAKWAZI UKUMNCEDA?
Ungakwazi ukunceda umyeni wakho ahlukane nephonografi? Mhlawumbi. IBhayibhile ibonisa ukuba xa kulungiswa ingxaki okanye kusiliwa notshaba olunamandla, abantu “ababini babhetele kunomnye.” (INtshu. 4:9-12) Uphando lubonisa ukuba xa abantu abatshatileyo besebenzisana, umyeni olikhoboka lephonografi unokude ayiyeke, aze umfazi aphinde amthembe.
2 Kor. 4:7; Yak. 5:14, 15) Ngaba zikhona izinto acinga ukuzenza ezinokumnceda angayibukeli? Ngokomzekelo, ngaba ulilumkele ixesha alichitha kwizixhobo ze-elektroniki nezinto ezinokumenza azibhaqe sele eyibukele? (IMize. 27:12) Ngaba uyavuma ukuba umncede nokukuxelela inyani? Ukuba le mibuzo uyiphendula ngokuthi ewe, ungakwazi ukumnceda.
Kodwa kuza kuxhomekeka ekubeni umyeni wakho unyaniseke kangakanani nokuba uzimisele kangakanani ukuyiyeka iphonografi. Ngaba sele emcelile uYehova ukuba amphe amandla waza wacela nabadala ukuba bamncede? (Njani? Nanku umzekelo. UFelicia watshata noEthan owayelikhoboka lephonografi esemncinci. UFelicia wenza kwalula kuEthan ukumxelela xa erhalela ukuyibukela. UEthan uthi: “Andimfihleli nto umfazi wam. Ngenxa yokuba endithanda uyandinceda ndiyilumkele into enokundenza ndibukele iphonografi, aze asoloko endibuza ukuba ndiqhuba njani. Uphinda andincede ndingachithi ixesha elininzi kwi-intanethi.” Yena uFelicia iyamkhathaza into yokuba uEthan eman’ erhalela ukubukela iphonografi. Uthi, “Kodwa ukucaphuka nokukhathazeka kwam akumncedi ayiyeke le nto. Emva kokuba sithethile ngeengxaki zakhe uye andithuthuzele nam kwintlungu endikuyo.”
Ukulinganisa uFelicia noEthan kunokumnceda umyeni ayeke ukubukela iphonografi, kuze kuncede nomfazi wakhe aphinde amthembe. Xa umyeni emxelela umfazi wakhe izinto arhalela ukuzenza, indawo aya kuyo nezinto azenzayo, umfazi utsho amthembe kuba akamfihleli nto.
Ucinga ukuba nowakho umyeni unokumnceda ngaloo ndlela? Ukuba kunjalo, kutheni ningalifundi kunye eli nqaku nize nincokole ngalo? Uza kuzimisela ukuyiyeka iphonografi, enze nawe umthembe. Kunokuba acatshukiswe kukuba ufuna nithethe ngengxaki anayo, umele azame ukuqonda ukuba ikwenza uzive njani. Xhasa iinzame azenzayo zokuyiyeka le nto, umnike nethuba lokukubonisa ukuba unokuphinda umthembe. Nobabini kuza kufuneka nazi ukuba ziintoni ezenza umntu abukele iphonografi, nezinto anokuzenza ukuze ayiyeke. d
Xa nisoyika ukuba niza kuthi nisathetha nixabane, ninokucela umdala ekulula kuni nobabini ukuthetha naye ukuba abekho. Nantsi into omele uyiqonde, nokuba umyeni angayeka ukubukela iphonografi, kunokukuthatha ixesha ukuphinda umthembe. Ungancami. Jonga nezinto INtshu. 7:8; 1 Kor. 13:4.
ezincinci ezihamba kakuhle emtshatweni wenu. Yibani nethemba lokuba xa nobabini ninomonde, ngokuya lihamba ixesha umtshato wenu uza kuphinda womelele.—UZA KUTHINI XA ENGAYIYEKI?
Ukuba nasemva kwexesha elide umyeni wakho engasayibukeli iphonografi, uphinda ayibukele, ngaba loo nto ithetha ukuba akaguqukanga okanye nguncanyelweni? Isenokungathethi loo nto. Ukuba sele elikhoboka layo, unokujijisana nayo ubomi bakhe bonke. Nokuba sele eneminyaka emininzi eyiyekile, usenokuphinda ayibukele. Ukuze loo nto ingenzeki, kuza kufuneka enze nezinye izinto eziza kumnceda angaphindi ayibukele. Kusenokufuneka ahlale ezigadile naxa kubonakala ngathi uyiyekile. (IMize. 28:14; Mat. 5:29; 1 Kor. 10:12) Kuza kufuneka asebenzele ‘ukuyenza ntsha indlela acinga ngayo,’ afunde ‘nokuzicaphukela izinto ezimbi’ ezinjengephonografi nezinye ezingcolileyo ezifana nokuphulula amalungu esondo. (Efe. 4:23; INdu. 97:10; Roma 12:9) Ngaba ukufuna nyhani ukuzenza ezi zinto? Ukuba uyafuna, angakwazi ukuyiyeka iphonografi, angaphindi ayibukele. e
Uza kuthini ke ngoku xa kubonakala ngathi umyeni wakho akazimiselanga ukuyiyeka? Usenokuman’ uziva uphoxekile, unomsindo futhi ujikelwe. Yiyekele kuYehova le ngxaki kuba loo nto iza kukunceda ube noxolo engqondweni. (1 Pet. 5:7) Ungayeki ukusondela kuYehova ngokufunda, ukuthandaza nokucingisisa ngezinto ozifundayo. Qiniseka ukuba xa usenza loo nto naye uyasondela kuwe. UIsaya 57:15 uthi uhlala nabo ‘batyumkileyo nabanomoya othobekileyo’ ukuze abancede baphinde bavuye. Zama ukuzenza ngamandla akho onke izinto ezibonisa ukuba ungumKristu. Cela abadala bakuncede. Hlala unethemba lokuba ngenye imini umyeni wakho usenokutshintsha.—Roma 2:4; 2 Pet. 3:9.
a Kweli nqaku siza kuthi ngumyeni obukela iphonografi. Kodwa imigaqo emininzi ekuza kuthethwa ngayo iza kumnceda nomyeni onomfazi obukela iphonografi.
c Amanye amagama atshintshintshiwe.
d Ezinye izinto ezinokuninceda ningazifumana kwiwebhsayithi ethi jw.org/xh nakwiincwadi zethu. Ngokomzekelo, ninokujonga inqaku elithi “Unako Ukumelana Nesilingo” kwiMboniselo ka-Aprili 1, 2014, iphe. 10-12; nelithi “Iphonografi, Ngaba Iyingozi Okanye Akunjalo?” kwiMboniselo ka-Agasti 1, 2013, iphe. 3-7.
e Ngenxa yokuba ukubukela iphonografi kunokumenza umntu abe likhoboka layo, abanye abantu abatshatileyo baye bacela uncedo kubadala, baya nakoogqirha.