IZINTO ONOKUPHANDA NGAZO
Ukuba Nesibindi Xa Kunzima
Funda uYeremiya 38:1-13 ukuze ubone indlela ababa nesibindi ngayo umprofeti uYeremiya nethenwa uEbhedimeleki.
Zama ukuyiqonda le nto kuthethwa ngayo. UYeremiya wasibonisa njani isibindi xa kwakufuneka axelele abantu ngomyalezo kaYehova? (Yer. 27:12-14; 28:15-17; 37:6-10) Benza ntoni abantu bakuwuva loo myalezo?—Yer. 37:15, 16.
Phanda. Yintoni abantu ababefuna uYeremiya ayenze? (jr 26-27 ¶20-22) Phanda ukuba ayesetyenziselwa ntoni amaqula akudala, nokuba ayenjani. (it-1-E 471) Inoba wayeziva njani uYeremiya xa wayekwiqula elinodaka? Ziintoni ekusenokwenzeka ukuba uEbhedimeleki wayezoyika?—w12 5/1 31 ¶2-3.
Likufundisa ntoni eli bali? Zibuze:
-
‘Lindifundisa ntoni eli bali ngendlela uYehova abakhusela ngayo abakhonzi bakhe abanyanisekileyo?’ (INdu. 97:10; Yer. 39:15-18)
-
‘Ziintoni ekunokufuneka ndibonise isibindi kuzo?’
-
‘Yintoni enokundinceda ndibe nesibindi sokwenza into elungileyo xa kunzima?’(w11 3/1 30) a
a Ukuze ufunde ngezinto onokuphanda ngazo, jonga inqaku elithi “Amacebiso Ezinto Onokuzifunda” kwiMboniselo kaJulayi 2023.