INQAKU ELIFUNDWAYO 8
INGOMA 130 Xolela
UYehova Uyaxolela—Sinokumlinganisa Njani?
“Xolelanani ngokusuka entliziyweni kanye njengoko uYehova wanixolela ngokusuka entliziyweni.”—KOL. 3:13.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngezinto esinokuzenza ukuze sikwazi ukumxolela umntu osikhathazileyo.
1-2. (a) Kuxa kutheni apho kunokuba nzima nyhani ukuxolela umntu? (b) Yintoni eyenziwa nguDenise eyabonisa ukuba uyixolele indoda eyayibulele umyeni wakhe?
NGABA kunzima kuwe ukubaxolela abantu? Kwabaninzi kuthi kuba nzima, ngokukodwa xa umntu ethethe okanye enze into ebophul’ intliziyo. Kodwa zikhona izinto esinokuzenza ukuze siyeke ukucaphuka okanye ukukhathazeka, size sixolele. Ngokomzekelo, khawuve into eyenzeka kudade onguDenise, a owakwaziyo ukuxolela ngendlela engathethekiyo. Ngo-2017 yena nentsapho yakhe baya kubona iKomkhulu LamaNgqina KaYehova elalisand’ ukuvulwa. Endleleni egodukayo, omnye umqhubi zange akwazi ukuyilawula imoto yakhe, yaza yaya kutshayisa eyabo. Kuloo ngozi, uDenise wakha akabikho zingqondweni. Ukubuyela kwakhe ezingqondweni wafumanisa ukuba abantwana bakhe balimele kakhulu, yena umyeni wakhe, uBrian, uswelekile. Xa ecinga ngaloo ngozi uthi, “Ndandikhathazeke kakhulu, ndingazi nokuba mandithini.” Ekuhambeni kwexesha weva ukuba yayiyingozi nyhani le kuba le ndoda yabatshayisayo yayingaselanga tywala, ingatyanga ziyobisi, kungekho nto yayixakeke yiyo ngoxa yayiqhuba, waza wacela uYehova ukuba amncede axole.
2 Umqhubi owabatshayisayo wamangalelwa ngokubulala. Ukuba inkundla yayinokumfumana enetyala, wayeza kuvalelwa. Elinye igosa lenkundla laxelela uDenise ukuba isigwebo sale ndoda sixhomekeke kubungqina aza kubunikela. UDenise uthi: “Kwaba ngathi kukho umntu oqhaqhe izitishi zenxeba lam waza waligalela imfumba yetyuwa, kuba ngoku kwakuza kufuneka ndithethe ngeyona nto yakha yabuhlungu ebomini bam.” Kwiiveki ezimbalwa emva koko, uDenise wayesenkundleni, elungele ukuthetha ngale ndoda yenza intsapho yakhe yakwintlungu engathethekiyo. Wathini? Wacela ijaji ukuba ibe nenceba kule ndoda. b Wathi akutsho, zazehlela iinyembezi kwijaji. Yathi: “Kule minyaka iyi-25 ndiyijaji, zange ndayiva into enje kwinkundla endikuyo. Zange ndabeva abantu abazalana nomntu olixhoba becelela ummangalelwa ukuba enzelwe inceba. Zange ndaweva amazwi abonisa uthando nokuxolela.”
3. Yintoni eyenza uDenise wakwazi ukuxolela?
3 Yintoni eyanceda uDenise wakwazi ukuxolela? Wacinga ngendlela uYehova axolela ngayo. (Mika 7:18) Xa siyixabisa indlela uYehova aye wasixolela ngayo, nathi siza kufuna ukubaxolela abanye abantu.
4. UYehova ufuna senze ntoni? (Efese 4:32)
4 UYehova ufuna sibaxolele ngokusuk’ entliziyweni abantu, njengokuba naye eye wasixolela ngokusuk’ entliziyweni. (Funda amaEfese 4:32.) Ulindele ukuba nathi sikulungele ukubaxolela abantu abasikhathazayo. (INdu. 86:5; Luka 17:4) Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu eziza kusinceda sixolele nyhani.
SUKWENZA NGATHI AWUKHATHAZEKANGA
5. Ngokutsho kweMizekeliso 12:18 sinokuziva njani xa kukho umntu osikhathazileyo?
5 Inokusikhathaza kakhulu into ethethwe okanye eyenziwe ngumntu, ngokukodwa xa engumhlobo okanye sizalana naye. (INdu. 55:12-14) Ngamanye amaxesha intlungu esiyivayo inokufana naxa sihlatywe ngemela. (Funda iMizekeliso 12:18.) Sinokuzama ukuyicinezela okanye ukwenza ngathi ayikho. Kodwa ukuba senza loo nto, kusenokufana nokuba siye sahlatywa yaza yashiywa kwelo nxeba loo mela. Ngendlela efanayo ke, asinakulindela ukuba sizive bhetele xa siye senza ngathi asikhathazekanga.
6. Yintoni esinokuyenza xa kukho umntu osikhathazayo?
6 Into yokuqala esiye siyenze xa kukho umntu osikhathazayo kukucaphuka. NeBhayibhile iyatsho ukuba sisenokucaphuka. Kodwa isilumkisa ngokuthi masingahlali sicaphukile. (INdu. 4:4; Efe. 4:26) Kutheni? Kaloku indlela esiziva ngayo idla ngokubangela ukuba kubekho into esiyenzayo. Kodwa kuba nzima ukwenza into elungileyo xa sicaphukile. (Yak. 1:20) Nantsi into omawungayilibali, kuyenzeka ucaphuke xa kukho umntu okukhathazayo, kodwa nguwe okhethayo ukuba uza kuhlala ucaphukile na.
Kuyenzeka ucaphuke xa kukho umntu okukhathazayo, kodwa nguwe okhethayo ukuba uza kuhlala ucaphukile na
7. Zeziphi ezinye iindlela esinokuziva ngazo xa kukho umntu osenze into ebuhlungu?
7 Intlungu yokuphathwa kakubi isenokuza nezinye izinto ezibuhlungu. Ngokomzekelo, udade onguAnn uthi: “Xa ndandisengumntwana, utata wamshiya umama waza watshata nomntu owayendigcina. Kwakungathi ndilahliwe. Bathi bakuba nabantwana, yangathi abo bantwana bathathe indawo yam. Ndikhule ndingumntwana oziva engathandwa.” Omnye udade onguGeorgette uchaza indlela awaziva ngayo xa umyeni wakhe waye akathembeka kuye. Uthi: “Saba ngabahlobo sisengabantwana. Sasingoovulindlela kunye. Intliziyo yam yayingathi icandwe phakathi.” Ekugqibeleni badivosa. Yena udade onguNaomi uthi: “Zange ndiyicinge nokuyicinga into yokuba umyeni wam angandikhathaza. Wathi akundixelela ukuba ebendifihlela ukuba ubukela iphonografi, kwaba ngathi undijikele futhi undiqhathile.”
8. (a) Zeziphi ezinye izizathu ezimele zisenze sibaxolele abantu? (b) Sincedakala njani xa sixolela? (Jonga ibhokisi ethi “ Xa Kukho Umntu Okophule Intliziyo”)
8 Asinakukwazi ukubabamba abantu kwinto abafuna ukuyenza nabafuna ukuyithetha kuthi, kodwa thina sinokukwazi ukuzibamba kwinto esifuna ukuyenza. Eyona nto kudla ngokuba bhetele ukuyenza kukuxolela. Kutheni sisitsho? Kungenxa yokuba siyamthanda uYehova, futhi yena ufuna sixolele. Ukuba sihlala sicaphukile, singaxoleli, sinokwenza into ebubudenge mhlawumbi sonakalise nempilo yethu. (IMize. 14:17, 29, 30) Ngokomzekelo, khawuve into ethethwa ngudade onguChristine. Uthi: “Xa ndicaphukile, andifane ndincume. Nditya ukutya okungekho sempilweni. Andilali ngokwaneleyo, kuba nzima nokuzibamba kwindlela endiziva ngayo, ize loo nto ibonakale nakwindlela endimphatha ngayo umyeni wam nabanye abantu.”
9. Kutheni sifanele siyeke ukucaphuka?
9 Nokuba umntu osikhathazileyo akalucelanga uxolo, sinokuyeka ukukhathazeka kakhulu. Njani? UGeorgette ekuthethwe ngaye kwisiqendu 7 uthi: “Emva kokuba sidivosile nomyeni wam, ndathath’ ixesha ukuze ndiyeke ukuba nenzondo nokucaphuka. Kodwa ndade ndayeka. Emva koko ndaye ndaxola kakhulu.” Xa siyeka ukucaphuka, sitsho sikwazi ukubaphatha kakuhle abantu. Nathi siyancedakala kuba siyayeka ukucinga ngento ebisicaphukisa, siqhubeke nobomi, size siphinde sonwabe. (IMize. 11:17) Kodwa uza kuthini xa ubona ngathi kusenzima ukumxolela umntu okukhathazileyo?
IZINTO EZINOKUKUNCEDA UYEKE UKUCAPHUKA
10. Kutheni kufuneka silinde de kudlule ixesha ngaphambi kokuba siyeke ukucaphuka? (Jonga nemifanekiso.)
10 Yintoni onokuyenza ukuze uyeke ukucaphuka okanye ukukhathazeka? Enye into onokuyenza kukulinda de kudlule ixesha. Emva kokuba umntu olimele kakhulu efumene unyango, usenokuthath’ ixesha ngaphambi kokuba aphile. Ngendlela efanayo, nathi kusenokusithatha ixesha ukuyeka ukucaphuka ngaphambi kokuba simxolele ngokusuk’ entliziyweni umntu oye wasikhathaza.—INtshu. 3:3; 1 Pet. 1:22.
11. (a) Ngaba umthandazo unokukunceda ukwazi ukuxolela? Yenza umzekelo. (b) Iividiyo zomculo ezikumbhalo osemazantsi zikufundise ntoni ngokuxolela?
11 Thandaza, ucele uYehova akuncede ukwazi ukuxolela. c UAnn ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uchaza indlela umthandazo owamnceda ngayo. Uthi: “Ndacela uYehova ukuba asixolele sonke ekhaya ngenxa yezinto esingazenzanga kakuhle. Emva koko ndabhalela utata nomfazi wakhe, ndibaxelela ukuba ndibaxolele.” UAnn uthi yayingekho lula tu ke loo nto. Kodwa uphinda athi: “Ndinethemba lokuba ngenxa yokuba ndiye ndazama ukuxolela njengoYehova, utata nomfazi wakhe baza kufuna ukufunda izinto ezininzi ngaye.”
12. Kutheni sifanele sithembe uYehova kunendlela esiziva ngayo? (IMizekeliso 3:5, 6)
12 Themba uYehova, ungathembi indlela oziva ngayo. (Funda iMizekeliso 3:5, 6.) UYehova usoloko eyazi eyona nto isifaneleyo. (Isa. 55:8, 9) Akasoze athi masenze into eza kusenzakalisa. Ngoko xa esithi masixolele, sinokuqiniseka ukuba loo nto iza kusinceda. (INdu. 40:4; Isa. 48:17, 18) Ukuba sithemba indlela esiziva ngayo sisenokungaze sikwazi ukuxolela. (IMize. 14:12; Yer. 17:9) UNaomi ekuthethwe ngaye kwisiqendu 6 uthi: “Ekuqaleni, ndandingaboni nto irongo xa ndingamxoleli umyeni wam owayebukela iphonografi. Ndandisoyika ukuba uza kuphinda andikhathaze okanye ayilibale indlela awandivisa ubuhlungu ngayo. Ndandizixelela ukuba uYehova uyayiqonda indlela endiziva ngayo. Kodwa ndaphinda ndabona ukuba into yokuba uYehova ayiqonde indlela endiziva ngayo, ayithethi kuthi uyavumelana nayo. Uyayazi indlela endiziva ngayo, uyazi nokuba kuza kundithath’ ixesha ukuyeka ukucaphuka, kodwa usafuna ndixolele.” d
YITSHINTSHE INDLELA OZIVA NGAYO
13. AmaRoma 12:18-21 abonisa ukuba yintoni ekufuneka siyenze?
13 Xa sixolela umntu oye wasikhathaza kakhulu, sifuna ukwenza into engaphaya kokusuka nje sigqibe ukuba asizukuthetha ngento eyenzekileyo. Ukuba loo mntu ngumzalwana okanye ngudade, eyona nto siyifunayo kukwenza kubekho uxolo. (Mat. 5:23, 24) Sikhetha ukuba nenceba kunokucaphuka, nokuxolela kunokuba nenzondo. (Funda amaRoma 12:18-21; 1 Pet. 3:9) Yintoni enokusinceda sikwazi ukuyenza loo nto?
14. Yintoni esifanele sizame ukuyenza? Ngoba?
14 Sifanele sizame ukujonga umntu osikhathazileyo ngendlela uYehova amjonga ngayo. UYehova ukhetha ukujonga izinto ezintle ebantwini. (2 Kron. 16:9; INdu. 130:3) Sidla ngokufumana le nto siyikhangelayo emntwini, nokuba intle okanye imbi. Xa sikhangela into entle emntwini, kuza kuba lula ukumxolela. Ngokomzekelo, umzalwana onguJarrod uthi, “Kudla ngokuba lula ukumxolela umzalwana xa ndithelekisa into andenze yona nezinto ezininzi endizithandayo ngaye.”
15. Kutheni kusenokuba luncedo ukumxelela umntu ukuba umxolele?
15 Enye into ebalulekileyo onokuyenza kukumxelela umntu ukuba umxolele. Ngoba? UNaomi ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Umyeni wam wandibuza, ‘Undixolele?’ Xa ndandivula umlomo ndiza kuthi, ‘Ndikuxolele,’ kwaba nzima ukuba liphume elo gama. Ndabona ukuba andikamxoleli ncam. Ekuhambeni kwexesha ndade ndakwazi ukuthi, ‘Ndikuxolele.’ Ndathi ndakutsho zathi gwantyi iinyembezi kumyeni wam, watsho wonwaba, kwamnandi nakum. Ukususela ngoko ndaphinda ndamthemba, saphinda sangabahlobo.”
16. Yintoni oyifundileyo ngokuxolela?
16 UYehova ufuna sixolele. (Kol. 3:13) Sekunjalo, kusenokuba nzima ukuba sibaxolele abanye abantu. Kodwa ukuba asenzi ngathi asikhathazekanga, futhi sizama ukuyeka ukucaphuka, singakwazi ukubaxolela. Loo nto inokusenza sikwazi ukuyitshintsha indlela esiziva ngayo.—Jonga ibhokisi ethi “ Izinto Ezintathu Onokuzenza.”
CINGA NGEENDLELA OZA KUNCEDAKALA NGAZO
17. Kusinceda njani ukuxolela?
17 Sinezizathu ezininzi zokuxolela. Nazi ezinye zazo: Esokuqala, silinganisa uTata wethu onenceba, uYehova, futhi siyamvuyisa. (Luka 6:36) Esesibini, sibonisa ukuba siyayixabisa indlela uYehova aye wasixolela ngayo. (Mat. 6:12) Esesithathu, siba sempilweni size sihlale sivana kakhulu nabantu.
18-19. Yintoni esenokwenzeka xa sixolela?
18 Xa sibaxolela abantu sisenokusikelelwa ngeendlela ebesingazilindelanga. Ngokomzekelo, khawuve into eyenzeka kuDenise ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo. Ngoxa yena wayengazi, indoda eyayibatshayisile yayigqibe ekubeni iza kuzibulala emva kwetyala. Kodwa yamangaliswa nyhani yinto yokuba uDenise ayixolele kangangokuba yaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova.
19 Sisenokucinga ukuba ukuxolela umntu yenye yezona zinto zinzima ekufuneka sizenze, kodwa isenokuba yenye yezona zinto zinokusenza sisikelelwe. (Mat. 5:7) Ngoko sonke masizame ngamandla ethu onke ukulinganisa uYehova oxolelayo.
INGOMA 125 “Bonwabile Abo Banenceba!”
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Kwiimeko ezinje umKristu umele azigqibele ngento amakayenze.
c Kujw.org/xh bukela iividiyo zezi ngoma zeBroadcasting, “Masixolelane,” “Ndimxolele,” nethi “Singabahlobo.”
d Ukubukela iphonografi kusisono futhi kuyakhathaza. Sekunjalo, ukumdivosa umntu otshate naye kuba eyibukela akusuki eZibhalweni.