Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ukuba umzalwana nodade abangatshatanga bachitha ubusuku kunye phantsi kweemeko ezikrokrisayo, ngaba esi sisono esinokufuna ikomiti egwebayo?

Ewe, ukuba akukho nto ibathethelelayo, kunokukhethwa abazalwana abaza kuba kwikomiti egwebayo ngenxa yokuba kukho ubungqina obubambekayo bokuziphatha kakubi.—1 Kor. 6:18.

Iqumrhu labadala kufuneka liphande kakuhle ukuze libone ukuba ikomiti egwebayo iyafuneka na. Ngokomzekelo: Ngaba lo mzalwana nalo dade bebethandana? Ngaba bebekhe bathethiswa ngabadala ngendlela abasondelelene ngayo? Yintoni ebangele ukuba bachithe ubusuku kunye? Ngaba yinto ebebeyicinge kwangaphambili le? Ngaba ibikho enye indlela ebebenokwenza ngayo? Okanye ngaba banezizathu ezivakalayo, njengemeko engalindelekanga ebangele le nto? (INtshu. 9:11) Bebelele phi? Ngenxa yokuba iimeko zingafani, kusenokubakho ezinye izinto abanokufuna ukuziqonda abadala.

Emva kokuba iqumrhu labadala liyiphande kakuhle le nto, linokugqiba enoba kufuneka ikomiti egwebayo na.