Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ufuna Ukwaziwa Nokuthandwa Ngubani?

Ufuna Ukwaziwa Nokuthandwa Ngubani?

“UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—HEB. 6:10.

IINGOMA: 39, 30

1. Yintoni efunwa nguye wonk’ umntu?

UZIVA njani xa umntu omaziyo nomhloniphileyo elibala igama lakho okanye engakwazi nokukwazi? Ingakutyhafisa loo nto. Ngoba? Kuba wonk’ umntu uyafuna ukuqatshelwa nokwaziwa. Asifuni nje ukuba abantu bazi amagama ethu, kodwa sifuna bazi ukuba singabantu abanjani nokuba ziintoni esizenzileyo.—Num. 11:16; Yobhi 31:6.

2, 3. Ukufuna ukuthandwa nokwaziwa kunokusenza sifune ntoni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

2 Ukuba asilumkanga, ukufuna kwethu ukuthandwa nokwaziwa kunokuphazanyiswa kukungafezeki. Kunokusenza sifune ukuthandwa ngendlela engavumelaniyo neZibhalo. Eli hlabathi likaSathana lenza umntu afune ukuduma nokubaluleka ngaphezu kwalowo sifanele simdumise size simnqule, uBawo wethu osezulwini, uYehova uThixo.—ISityhi. 4:11.

3 Ngemihla kaYesu, ezinye iinkokeli zonqulo zazikuthanda ukuduma. UYesu walumkisa abalandeli bakhe esithi: “Balumkeleni ababhali abanqwenela ukuhamba-hamba ngemiwunduzo nabathanda imibuliso kwiindawo zemarike nezihlalo eziphambili kwizindlu zesikhungu nezona ndawo ziphambili kwizidlo zangokuhlwa.” Wathi: “Baya kufumana umgwebo oqatha ngakumbi.” (Luka 20:46, 47) Kanti wamncoma umhlolokazi owayehlupheka ekusenokwenzeka ukuba zange aqatshelwe ngabantu xa wayenikela. (Luka 21:1-4) Kucacile ukuba indlela uYesu awayekujonga ngayo ukwaziwa nokuthandwa yayahluke kakhulu kweyabanye abantu. Eli nqaku liza kusinceda sikujonge ukwaziwa nokuthandwa ngendlela afuna ngayo uYehova uThixo.

UFUNA UKWAZIWA NOKUTHANDWA NGUBANI?

4. Ngubani esifuna ukwaziwa nokuthandwa nguye, ibe kutheni?

4 Ngubani esifuna ukwaziwa nokuthandwa nguye? Asifuni kufana nabantu abaninzi abafuna ukwaziwa ngabantu ngenxa yokuba befundile, benamashishini okanye bekwezolonwabo. UPawulos wamchaza umntu esifanele sifune ukwaziwa nguye esithi: “Ngoku nakuba nifikelele ekumazini uThixo, okanye kunoko ekubeni ngoku nifikelele ekwaziweni nguThixo, kwenzeka njani ukuba nibuyele kwakhona kwizinto eziziziqalelo ezibuthathaka nezingento nize nifune ukuba ngamakhoboka azo kwakhona?” (Gal. 4:9) Ayikho into eyodlula ‘ukwaziwa nguThixo,’ oyena Mlawuli Ophakamileyo wendalo yonke. UYehova uyasazi, uyasithanda kwaye ufuna sibe ngabahlobo bakhe. Xa singabahlobo bakhe, sitsho siyazi into esiyiphilelayo.—INtshu. 12:13, 14.

5. Sinokwenza ntoni ukuze uThixo asazi?

5 Siyazi ukuba uMoses wayengumhlobo kaYehova. Xa wayecela ukwazi iindlela zikaYehova, uYehova wathi: “Nale nto uyithethileyo, ndiya kuyenza, kuba ukholekile emehlweni am yaye ndikwazile ngegama.” (Eks. 33:12-17) Nathi siza kufumana iintsikelelo ezininzi xa sisaziwa nguYehova. Kodwa sinokwenza ntoni ukuze uYehova asazi? Kufuneka simthande size sizinikele kuye.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 8:3.

6, 7. Yintoni enokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova?

6 Simele sihlale singabahlobo bakaTata wethu osezulwini. NjengamaKristu aseGalati awabhalelwa nguPawulos, kufuneka silumkele ukuba ngamakhoboka ‘ezinto eziziziqalelo ezibuthathaka nezingento’ zeli hlabathi, nokufuna ukuthandwa lilo. (Gal. 4:9) Loo maKristu ayesele esaziwa nguThixo. Kodwa uPawulos wathi ‘ayebuyele’ kwizinto ezingenamsebenzi. Eyona nto yayithethwa nguPawulos yile: “Emva kokuba nisebenze kangaka, kutheni nibuyela kwizinto ezibubudenge nezingabalulekanga enazishiya ngasemva?”

7 Ngaba le nto inokwenzeka nakuthi? Ewe. Xa sasiqala ukwazi uYehova, nathi njengoPawulos, kusenokwenzeka ukuba sancama ukwaziwa nokuthandwa leli hlabathi likaSathana. (Funda kwabaseFilipi 3:7, 8.) Mhlawumbi sayeka amathuba emfundo ephakamileyo, okanye asavuma ukunyuselwa emsebenzini okanye sancama ukwenza imali eninzi kwezoshishino. Mhlawumbi sinesiphiwo sokucula okanye semidlalo esasiza kusenza sidume size sibe zizityebi, kodwa sancama zonke ezo zinto. (Heb. 11:24-27) Ibiya kuba bubudenge ukuzisola ngezo zigqibo sazenzayo, sicinge ukuba ngesiphila kamnandi ukuba sasingawayekanga loo mathuba. Loo nto ibiya kubangela ukuba sibuyele kwizinto esasizijonga ‘njengezingento nezibuthathaka’ zeli hlabathi. *

ZIMISELE UKUHLALA UTHANDWA NGUYEHOVA

8. Sinokwenza ntoni ukuze sihlale sithandwa nguYehova?

8 Sinokwenza ntoni ukuze sihlale sithandwa nguYehova? Kufuneka sikhumbule izinto ezimbini ezibalulekileyo. Okokuqala, uYehova uhlala ebathanda abantu abathembekileyo kuye. (Funda amaHebhere 6:10; 11:6) Ubathanda kakhulu bonke abakhonzi bakhe, ibe ukujonga njengokungabi nabulungisa ukungabahoyi abantu abathembekileyo kuye. “UYehova uyabazi abakhe.” (2 Tim. 2:19) “Uyayazi indlela yamalungisa” nokuwahlangula esilingweni.—INdu. 1:6; 2 Pet. 2:9.

9. Chaza imizekelo yendlela uYehova awabonisa ngayo ukuba uyabathanda abantu bakhe.

9 Ngamany’ amaxesha uYehova ubonisa ukuba uyabathanda abantu bakhe ngeendlela ezikhethekileyo. (2 Kron. 20:20, 29) Ngokomzekelo, cinga ngendlela awabanceda ngayo abantu bakhe kuLwandle Olubomvu xa babeleqwa ngumkhosi kaFaro. (Eks. 14:21-30; INdu. 106:9-11) Le nto yabamangalisa nyhani abantu kangangokuba kwakusathethwa ngayo nasemva kweminyaka eyi-40 yenzekayo. (Yosh. 2:9-11) Kuyasikhuthaza ukucinga ngendlela uYehova awayebathanda ngayo abantu bakhe nawawabonisa ngayo amandla akhe kwixesha elidlulileyo kuba kungekudala siza kuhlaselwa nguGogi WakwaMagogi. (Hez. 38:8-12) Ngelo xesha, iya kusivuyisa kakhulu into yokuba sakhetha ukuthandwa nguThixo kunokuthandwa lihlabathi!

10. Yeyiphi enye indlela uYehova abonisa ngayo ukuba uyasithanda?

10 Nantsi eyesibini into ekufuneka siyikhumbule: UYehova usenokubonisa ukuba uyasithanda ngeendlela esingazange sazicinga. Abo benza izinto ezintle ukuze babonwe ngabantu soze bawufumane umvuzo kuYehova. Ngoba? Kaloku sebewufumene umvuzo wabo wokuba bajongelwe phezulu ngabantu. (Funda uMateyu 6:1-5.) UYesu wathi uYise ‘ubakhangela emfihlekweni’ abantu abangaqatshelwayo ngezinto ezintle abazenzela abanye. Uyazibona ezo zinto aze abavuze. Kodwa ngamany’ amaxesha usivuza ngeendlela esingazicinganga. Makhe sibone eminye yemizekelo.

KWENZEKA INTO ANGAZANGE AYICINGE

11. UYehova wabonisa njani ukuba wamqaphela uMariya?

11 Xa kwakufuneka uNyana KaThixo azalwe emhlabeni, uYehova wakhetha intombi enyulu uMariya ukuba izale olo sana. UMariya wayehlala kwidolophu encinci yaseNazarete, kude neYerusalem netempile yayo eyayintle kakhulu. (Funda uLuka 1:26-33.) Kwakutheni ukuze uYehova akhethe uMariya? Ingelosi uGabriyeli yamxelela ukuba “ukholekile kuThixo.” Kuyacaca ukuba uMariya wayengumhlobo kaYehova. Oko sikubona kwinto awayixelela isizalwana sakhe uElizabhete. (Luka 1:46-55) UYehova wayesoloko emjongile uMariya, ibe ngenxa yokuthembeka kwakhe, wamvuza ngento angazange ayicinge.

12, 13. Khawuchaze indlela uYehova awamazisa ngayo uYesu ngexesha lokuzalwa kwakhe naxa uMariya wayesetempileni eYerusalem.

12 Xa uMariya wazala uYesu, uYehova akazange axelele nasiphi isikhulu saseYerusalem naseBhetelehem. Kodwa wathumela iingelosi kubalusi ababesemadlelweni ngaphandle kweBhetelehem. (Luka 2:8-14) Aba balusi baya kubona olo sana. (Luka 2:15-17) Inoba bamangaliswa nyhani uMariya noYosefu bakubona indlela uYesu awazukiswa ngayo. Indlela uYehova azenza ngayo izinto yahlukile kwekaMtyholi. Xa uSathana wathumela izazi ngeenkwenkwezi ukuba ziye kubona uYesu nabazali bakhe, iindaba zokuzalwa kukaYesu zabaphazamisa bonke abantu baseYerusalem. (Mat. 2:3) Le nto yabangela ukuba kubulawe abantwana abaninzi.—Mat. 2:16.

13 Emva kweentsuku eziyi-40 uYesu ezelwe, uMariya kwafuneka aye kubingelela etempileni eYerusalem, eyayimalunga neekhilomitha ezisithoba ukusuka eBhetelehem. (Luka 2:22-24) Njengoko wayehamba noYosefu noYesu, inoba wayezibuza ukuba umbingeleli wayeza kumzukisa na uYesu. UYehova wasuka wasebenzisa uSimeyon, indoda ‘eyayililungisa neyayisoyika uThixo,’ kunye nomhlolokazi owayengumprofetikazi oneminyaka eyi-84, uAna, ukuze bachaze ukuba olu sana luza kuba nguMesiya othenjisiweyo okanye uKristu.—Luka 2:25-38.

14. UYehova wamvuza njani uMariya?

14 Ngaba uYehova waqhubeka emvuza uMariya ngenxa yokumkhulisa kakuhle uYesu? Ewe. Wabangela ukuba izinto ezenziwa nezathethwa nguMariya zibhalwe eBhayibhileni. Kuyabonakala ukuba uMariya wayengenakukwazi ukuhamba noYesu kula minyaka mithathu enesiqingatha awayeshumayela ngayo. Mhlawumbi ekubeni wayengumhlolokazi, kwakufuneka ahlale eNazarete. (Yoh. 19:26) Xa kwakusondele iPentekoste, waya eYerusalem apho abafundi bafumana umoya oyingcwele. (IZe. 1:13, 14) Mhlawumbi wathanjiswa nabanye ababelapho. Ukuba kunjalo, wafumana ithemba lokuba kunye noYesu ezulwini ngonaphakade. Wavuzwa nyhani ngokuthembeka kwakhe!

INDLELA UYEHOVA AWAMVUZA NGAYO UNYANA WAKHE

15. Xa uYesu wayesemhlabeni, uYehova wabonisa njani ukuba uyamthanda uNyana wakhe?

15 UYesu wayengafuni ukuzukiswa ziinkokeli zonqulo okanye ezepolitiki ezazikho ngexesha lakhe. Kodwa inoba wakhuthazeka nyhani xa uYehova wathetha amazwi abonisa ukuba uyamthanda. Kanye emva kokuba ebhaptiziwe kuMlambo iYordan, uYehova wathi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mat. 3:17) Omnye umntu owayekunye noYesu nowawevayo loo mazwi nguYohane umBhaptizi. Kanti kwisithuba esingangonyaka ngaphambi kokuba uYesu afe, abapostile bakhe abathathu beva uYehova esithi ngoYesu: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye; mphulaphuleni yena.” (Mat. 17:5) Kwiintsuku ezintathu ngaphambi kokufa kwakhe, uYehova waphinda wathetha noNyana wakhe.—Yoh. 12:28.

Ufunda ntoni kwindlela uYehova amvuze ngayo uNyana wakhe? (Jonga isiqendu 15-17)

16, 17. UYehova wamvuza njani uYesu ngendlela awayengayilindelanga?

16 Nangona uYesu wayesazi ukuba wayeza kubulawa ngendlela elihlazo, kusithiwa ngumnyelisi, wathandazela ukuba kwenzeke ukuthanda kukaYehova, hayi okwakhe. (Mat. 26:39, 42) Ngenxa yokuba wayefuna ukuthandwa nguYise, kungekhona ihlabathi, “wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo.” (Heb. 12:2) UYehova wabonisa njani ukuba uyamthanda?

17 Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wathi wayefuna ukubuyela kuzuko awayenalo ezulwini ngoxa wayekunye noYise. (Yoh. 17:5) Akukho nto ibonisa ukuba wayefuna ukufumana into engaphezu kwaleyo. Wayengalindelanga ukuba uYehova amvuze ngendlela ekhethekileyo kuba eye wenza ukuthanda kwakhe emhlabeni. Wenza ntoni uYehova? Wenza into awayengayilindelanga uYesu. Wamvusela ‘kwisigxina esongamileyo’ waza wamnika into eyayingazange ifunyanwe nangubani na ngelo xesha, ubomi bokungafi! * (Fil. 2:9; 1 Tim. 6:16) Le yaba yeyona ndlela ibalaseleyo uYehova awamvuza ngayo uYesu ngenxa yokuthembeka kwakhe.

18. Yintoni eza kusinceda ukuze singasebenzeli ukuthandwa lihlabathi?

18 Yintoni eza kusinceda ukuze singasebenzeli ukuthandwa lihlabathi? Kukuhlala sikhumbula ukuba uYehova usoloko ebathanda kwaye ebavuza abakhonzi bakhe abathembekileyo, ibe ubavuza ngeendlela abangazicinganga. Ngubani owaziyo ukuba ziintoni esingazilindelanga esiza kusikelelwa ngazo kwihlabathi elitsha? Okwangoku, masibunyamezele ubunzima nezilingo esizifumana kweli hlabathi libi, sihlale sikhumbula ukuba liyadlula nazo zonke izinto elinokusinika zona. (1 Yoh. 2:17) UBawo wethu osithandayo uYehova, ‘akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wethu nothando esilubonisayo ngegama lakhe.’ (Heb. 6:10) Siqinisekile ukuba uza kusivuza, mhlawumbi ngeendlela esingazange sizicinge!

^ isiqe. 7 Kwezinye iinguqulelo zeBhayibhile igama elithi ‘ezingento’ liguqulelwe ngokuthi “ezingenamsebenzi,” “ezingenamandla” “nezingenaluncedo.”

^ isiqe. 17 IZibhalo ZesiHebhere azithethi ngobomi bokungafi. Ngoko, uYesu umele ukuba zange awucinge lo mvuzo.