Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 28

UBukumkani BukaThixo Buyalawula!

UBukumkani BukaThixo Buyalawula!

“Ubukumkani behlabathi buye baba buBukumkani beNkosi yethu noKristu wayo.”​—ISITYHI. 11:15.

INGOMA 22 UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni esiqiniseke ngayo, futhi kutheni siqinisekile?

 XA UJONGA iingxaki esinazo ngoku emhlabeni, ngaba kunzima ukukholelwa ukuba izinto ziya kuze zibe bhetele? Iintsapho azisathandani njengakuqala. Abantu baya beqatsela ekuthandeni ukulwa nasekuzicingeleni bodwa. Kubantu abaninzi akululanga ukuthemba umntu onegunya. Ezi ngxaki zimele zikwenze uqiniseke ukuba izinto ziza kuba bhetele. Ngoba? Kaloku abantu benza kanye ezi zinto iBhayibhile yayithe baza kuzenza “ngemihla yokugqibela.” (2 Tim. 3:1-5) Umntu onyanisekileyo akanakuphika ukuba ziyenzeka izinto ezachazwa kwesi siprofeto. Ukwenzeka kwazo kubonisa ukuba uYesu uqalisile ukuba nguKumkani woBukumkani BukaThixo, kodwa kukho nezinye iziprofeto ezithetha ngabo. Ukufunda ngezo ziye zenzeka kule minyaka idlulileyo kuza kuluqinisa ukholo lwethu.

Njengamaceba ejigsaw puzzle athi xa edityanisiwe akhuphe umfanekiso opheleleyo, iziprofeto eziseBhayibhileni kwincwadi kaDaniyeli neyeSityhilelo zidibana kakuhle ukuze zisincede sibone ukuba ziintoni esele ziza kwenzeka ukuze kwenzeke into efunwa nguYehova (isiqendu 2)

2. Ziintoni esiza kuthetha ngazo kweli nqaku, futhi kutheni siza kuthetha ngazo? (Khawusixelele ngomfanekiso osekuqaleni.)

2 Kweli nqaku siza kuthetha (1) ngesiprofeto esisinceda sibone ukuba baqala nini ukulawula uBukumkani, (2) iziprofeto ezisinceda sibone ukuba uYesu unguKumkani woBukumkani BukaThixo, (3) neziprofeto ezisichazela ukuba baza kuphelela phi abantu abangabufuniyo uBukumkani BukaThixo. Siza kubona ukuba ezi ziprofeto ziyadibana ukuze zisincede sibone ukuba sindawoni kwizinto uYehova awathi ziza kwenzeka.

SAZI NJANI UKUBA BAQALA NINI UKULAWULA?

3. Isiprofeto esikuDaniyeli 7:13, 14 sisenza siqiniseke ngantoni?

3 Isiprofeto esikuDaniyeli 7:13, 14 sisenza siqiniseke ukuba uYesu Kristu ngoyena ufanelekayo ukuba alawule kuBukumkani BukaThixo. Abantu bazo zonke iintlanga baza ‘kumkhonza’ bengaqhutywa mntu futhi akakho umlawuli oza kuthatha indawo yakhe. Kwesinye isiprofeto esikwincwadi kaDaniyeli kwathiwa uYesu wayeza kuba nguKumkani emva kwamaxesha asixhenxe. Singayazi ukuba yenzeka nini loo nto?

4. UDaniyeli 4:10-17 usinceda njani siwazi unyaka uYesu awaqala ngawo ukulawula? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

4 Funda uDaniyeli 4:10-17. “Amaxesha asixhenxe” amela iminyaka eyi-2 520. Aqala ngo-607 B.C.E. xa amaBhabhiloni asusa ukumkani wokugqibela etroneni kaYehova eyayiseYerusalem. Aphela ngo-1914 C.E. xa uYehova wamisela uYesu ukuba abe nguKumkani woBukumkani Bakhe, “lowo unelungelo elisemthethweni.” bHez. 21:25-27.

5. Sincedwa njani sesi siprofeto ‘samaxesha asixhenxe’?

5 Sincedwa njani sesi siprofeto? Ukwazi ngala ‘maxesha asixhenxe’ kusiqinisekisa ukuba uYehova uzenza ngexesha elifanelekileyo izinto azithembisileyo. Njengokuba lakhethwa nguye ixesha lokuba uYesu abe nguKumkani, zonke ezinye izinto azithembisileyo ziza kwenzeka ngexesha alikhethileyo. Nyhani, imini kaYehova ‘ayizukufika emva kwexesha!’—Hab. 2:3.

SAZI NJANI UKUBA UKRISTU NGUKUMKANI WOBUKUMKANI BUKATHIXO?

6. (a) Ziintoni ezenzeka emhlabeni ezibonisa ukuba uYesu uyalawula ezulwini? (b) Isiprofeto esikwiSityhilelo 6:2-8 siyingqina njani loo nto?

6 Xa wayeza kugqiba umsebenzi wakhe emhlabeni, uYesu waprofeta ngezinto ezaziza kwenzeka, nezaziza kunceda abafundi bakhe babone ukuba uqalisile ukulawula ezulwini. Ezinye izinto awathetha ngazo yindlala, iimfazwe neenyikima. Waprofeta esithi kwakuza kubakho nezifo “ezingubhubhani kwiindawo ngeendawo,” ezifana nale khorona ikhoyo ngoku. Ezi zezinye zezinto ezibonisayo ukuba uKristu “ukho.” (Mat. 24:3, 7; Luka 21:7, 10, 11) Emva kweminyaka engaphezu kweyi-60 efile waza wavuka, uYesu waphinda waqinisekisa umpostile uYohane ukuba ezi zinto ziza kwenzeka. (Funda iSityhilelo 6:2-8.) Ukususela oko uYesu waba ngoKumkani ngo-1914 ziyenzeka zonke ezi zinto.

7. Kutheni zininzi kangaka izinto ezimbi ezenzeka emhlabeni ukususela oko uYesu waba nguKumkani?

7 Yintoni eyenze kwaya kusiba kubi emhlabeni xa uYesu eqalisa ukuba nguKumkani? ISityhilelo 6:2 sisixelela ngento ebalulekileyo. Kungadlulanga xesha lide emva kokuba enguKumkani, uYesu walwa imfazwe. Wayesilwa nabani? Wayesilwa noMtyholi needemon zakhe. Ngokutsho kweSityhilelo isahluko 12, uSathana woyiswa waza yena needemon zakhe baphoswa apha emhlabeni. Waqalisa ukukhuphela umsindo wakhe abantwini yaza loo nto yawenza ‘wasengxakini umhlaba.’—ISityhi. 12:7-12.

Asivuyiswa zizinto ezimbi, kodwa xa sibona izinto ezaprofetwa yiBhayibhile zisenzeka, siyaqiniseka ukuba uBukumkani BukaThixo buyalawula (Jonga isiqendu 8)

8. Kusinceda njani ukuzibona zisenzeka izinto ezaprofetwa ngoBukumkani?

8 Sincedwa njani zezi ziprofeto? Izinto ezenzekayo emhlabeni nendlela abaye batshintsha ngayo abantu, zonke zisinceda sibone ukuba uYesu uye waba nguKumkani. Endaweni yokuba sicaphuke xa sibona abantu bekhohlakele, bengabacingeli abanye abantu, siye sikhumbule ukuba kwenzeka isiprofeto esiseBhayibhileni. UBukumkani buyalawula! (INdu. 37:1) Silindele nokuba izinto ziye zisiba mbi njengoko kusondele iArmagedon. (Marko 13:8; 2 Tim. 3:13) Simbulela kakhulu uTata wethu osithandayo ngokusinceda siqonde ukuba kutheni kukho iingxaki ezingaka emhlabeni.

BAZA KUPHELELA PHI ABO BANGABUFUNIYO UBUKUMKANI BUKATHIXO?

9. Ngokutsho kukaDaniyeli 2:28, 31-35 silichaza njani igunya lokugqibela lehlabathi? Laqala nini ukulawula?

9 Funda uDaniyeli 2:28, 31-35. Namhlanje siyabona ukuba esi siprofeto siyenzeka. Iphupha likaNebhukadenetsare labonisa into eyayiza kwenzeka “ekupheleni kwemihla,” emva nje kokuqala kukaKristu ukulawula. Olunye utshaba lukaKristu yayiza kuba ligunya lehlabathi lokugqibela ekwaprofetwa ngalo eBhayibhileni, nelimelwa ziinyawo “zentsimbi nodongwe.” Eli gunya lehlabathi selilawula. Labakho ngeMfazwe Yehlabathi I, xa amaNgesi azimanya namaMerika yaza loo nto yabizwa ngokuba lumanyano lwamaNgesi namaMerika. Umfanekiso okweli phupha waprofeta nangezinto ezimbini elaliza kwahluka ngazo kwamanye amagunya awayelawula phambi kwalo.

10. (a) Yintoni esiyibona kwiGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika eyayichazwe kwisiprofeto sikaDaniyeli? (b) Yeyiphi ingozi esimele siyilumkele? (Jonga ibhokisi ethi “ Lumkela Udongwe!”)

10 Eyokuqala into elingafaniyo ngayo namanye amagunya kukuba lona alimelwa yinto eqinileyo, efana negolide nesilivere; limelwa yintsimbi exutywe nodongwe. Udongwe lumela “inzala yoluntu,” okanye abantu abaqhelekileyo. (Dan. 2:43, umbhalo osemazantsi.) Le nto siyayibona namhlanje kuba ifuthe labantu xa kuvotwa, amaphulo okulwela amalungelo abo, iitoyi-toyi neeyuniyoni zabasebenzi ziliqhokra amadolo eli gunya, lingakwazi ukwenza izinto elizifunayo.

11. Ukulawula kweGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika kusenza njani siqiniseke ukuba siphila kwixesha lesiphelo?

11 Eyesibini kukuba eli Gunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika limelwa ziinyawo zomfanekiso, lelokugqibela kumagunya ehlabathi ekuprofetwe ngawo eBhayibhileni. Alikho elinye igunya lehlabathi eliza kulawula emva kwalo. Liza kuyeka ukulawula ngeArmagedon, xa lona nabanye oorhulumente betshatyalaliswa buBukumkani BukaThixo. cISityhi. 16:13, 14, 16; 19:19, 20.

12. Bobuphi obunye ubungqina obuboniswa sisiprofeto sikaDaniyeli? Kutheni isithuthuzela nje loo nto?

12 Sincedwa njani sesi siprofeto? Isiprofeto sikaDaniyeli sinobunye ubungqina bokuba siphila kwimihla yokugqibela. Ngaphezu kweminyaka eyi-2 500 eyadlulayo, waprofeta ukuba emva kokulawula kweBhabhiloni, kwakuza kubakho amagunya ehlabathi amane awayeza kulawula abantu bakaThixo. Waphinda waveza nento yokuba elokugqibela yayiza kuba liGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Le nto iyasithuthuzela, isinika nethemba lokuba sekukufutshane ukuba uBukumkani BukaThixo butshayele lonke ulawulo lwabantu buze bulawule emhlabeni wonke.—Dan. 2:44.

13. (a) Yintoni emelwa ‘ngukumkani wesibhozo’ ‘nookumkani abalishumi’ ekuthethwa ngazo kwiSityhilelo 17:9-12? (b) Siye senzeka njani esi siprofeto?

13 Funda iSityhilelo 17:9-12. Umonakalo owenziwa yiMfazwe Yehlabathi I wabangela ukuba kwenzeke enye into ekwaprofetwa ngayo eBhayibhileni kusithiwa iza kwenzeka ngemihla yokugqibela. Abalawuli bomhlaba babefuna kubekho uxolo emhlabeni. Ngoko ngoJanuwari 1920 baqalisa intlangano eyayibizwa ngokuba luManyano Lwezizwe, kwaza endaweni yayo kwangena iZizwe Ezimanyeneyo ngo-Oktobha 1945. Le ntlangano ibizwa ngokuba ‘ngukumkani wesibhozo.’ Kodwa yona ayilogunya lehlabathi, amandla iwafumana koorhulumente abayixhasayo. Xa iBhayibhile ithetha ngabo rhulumente, ithi ‘ngookumkani abalishumi.’

14-15. (a) ISityhilelo 17:3-5 sithini ‘ngeBhabhiloni Enkulu’? (b) Benza ntoni abantu abaxhasa iinkonzo zobuxoki?

14 Funda iSityhilelo 17:3-5. Embonweni umpostile uYohane wabona umfazi othengisa ngomzimba ‘oyiBhabhiloni Enkulu,’ emela ingqokelela yazo zonke iinkonzo zobuxoki. Uthetha ntoni lo mbono? Iinkonzo zobuxoki kudala zisitya etafileni enye nookumkani bomhlaba futhi zibaxhasa. Kodwa sekukufutshane ukuba uYehova abangele aba rhulumente ‘benze izinto ezicingwa nguye.’ Yintoni ke abaza kuyenza? Aba rhulumente bamelwa ‘ngookumkani abalishumi,’ baza kuzijikela iinkonzo zobuxoki baze bazitshabalalise.—ISityhi. 17:1, 2, 16, 17.

15 Sazi njani ukuba seyiza kuphela iBhabhiloni Enkulu? Into eza kusinceda siwuphendule lo mbuzo, kukukhumbula ukuba isixeko sakudala, iBhabhiloni, sasikhuselwe ngamanzi oMlambo UmEfrate omkhulu. Incwadi yeSityhilelo ifanisa abantu abaninzi abaxhasa iBhabhiloni Enkulu ‘namanzi’ ayikhuselayo. (ISityhi. 17:15) Kodwa iphinda ithi la manzi aza ‘kutsha,’ nto leyo ebonisa ukuba abo bantu baza kuyeka ukuyixhasa ingqokelela yeenkonzo zobuxoki. (ISityhi. 16:12) Siyenzeka nyhani esi siprofeto namhlanje, kuba abantu abaninzi baye bazishiya ezi nkonzo zobuxoki, baya kukhangela iimpendulo zemibuzo yabo kwezinye iindawo.

16. Kusinceda njani ukuqonda iziprofeto ezingokuvela kweZizwe Ezimanyeneyo nokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu?

16 Sincedwa njani zezi ziprofeto? Ukubakho kweZizwe Ezimanyeneyo nendlela abantu abangasazixhasi ngayo iinkonzo zobuxoki kubonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Nangona abaninzi beyeka ukuyixhasa iBhabhiloni Enkulu, ayizukupheliswa yiloo nto. Njengokuba bekutshiwo kwisiqendu 14, uYehova uza kwenza “ookumkani abalishumi,” abamela oorhulumente abaxhasa iZizwe Ezimanyeneyo, ‘benze izinto ezicingwa nguye. Ihlabathi liza kothuka xa libona ookumkani bomhlaba betshabalalisa iBhabhiloni Enkulu. d (ISityhi. 18:8-10) Le nto iza kuligungqisa, mhlawumbi ibangele neengxaki. Kodwa zimbini izinto eziza kuvuyisa abantu bakaThixo. IBhabhiloni Enkulu, ekudala ilutshaba lukaThixo soze iphinde ibe khona. Liza kube selisondele nexesha lokuba sisindiswe kweli hlabathi libi!—Luka 21:28.

MTHEMBE UYEHOVA UKUBA UZA KUSIKHUSELA

17-18. (a) Singaluqinisa njani ukholo lwethu? (b) Yintoni esiza kuyifunda kwinqaku elilandelayo?

17 UDaniyeli waprofeta wathi “ulwazi lokwenyaniso luza kuba luninzi.” Yenzekile nangoku ke loo nto! Ngoku siyaziqonda iziprofeto ezithetha ngexesha esiphila kulo. (Dan. 12:4, 9, 10) Indlela ezichane ngayo yenza simhloniphe kakhulu uYehova neLizwi lakhe aliphefumleleyo. (Isa. 46:10; 55:11) Ungayeki ukuqinisa ukholo lwakho ngokuhlala ufunda iBhayibhile nokunceda abanye babe ngabahlobo bakaYehova. Uza kubakhusela bonke abamthemba ngokupheleleyo aze ‘abenze bahlale benoxolo.’—Isa. 26:3.

18 Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngezinto ekwakuprofetwe ukuba ziza kwenzeka kwibandla lamaKristu ngexesha lesiphelo. Siza kufunda nokuba ezi ziprofeto zibonisa ukuba siphila kwelo xesha kanye. Siza kubona nokuba uYesu, onguKumkani wethu, ukhokela abalandeli bakhe abathembekileyo.

INGOMA 61 Phambili MaNgqina!

a Eli lelinye lawona maxesha avuyisayo ukususela ekudalweni kwabantu! UBukumkani BukaThixo buyalawula, njengoko iBhayibhile yaprofetayo. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinye zezi ziprofeto ziza kuqinisa ukholo lwethu, zisenze sizole size sithembele kuYehova ngoku nakwixesha elizayo.

b Jonga isifundo 32, umxholwana 4 kwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, ubukele nevidiyo ethi UBukumkani BukaThixo Baqala Ukulawula Ngo-1914 kwiwebhsayithi ethi www.dan124.com/xh.

c Ukuze ufumane ezinye izinto ezithethwa kwisiprofeto sikaDaniyeli, jonga iMboniselo kaJuni 15, 2012 iphe. 14-19.

d Ukuze wazi nezinye izinto ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo, jonga isahluko 21 sencwadi ethi UBukumkani BukaThixo Buyalawula!