Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 12

Uthando Lusenza Sikwazi Ukunyamezela Xa Sicatshukelwa

Uthando Lusenza Sikwazi Ukunyamezela Xa Sicatshukelwa

“Ndiniyalela ezi zinto, ukuze nithandane. Ukuba ihlabathi liyanicaphukela, ze nazi ukuba liye laqala lacaphukela mna ngaphambi kokuba licaphukele nina.”—YOH. 15:17, 18.

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UMateyu 24:9 uthi kutheni simele singothuki xa abantu besicaphukela?

UYEHOVA wasidala ngendlela yokuba sibathande abantu, nathi sifune ukuthandwa. Ngoko siyakhathazeka xa kukho umntu osicaphukelayo, mhlawumbi side soyike. Ngokomzekelo, omnye udade waseYurophu, uGeorgina, uthi: “Xa ndandineminyaka eyi-14, umama wandicaphukela kuba ndikhonza uYehova. Yayingathi andinamntu, ndade ndacinga ukuba inoba ayilunganga le nto ndiyenzayo.” * Omnye umzalwana onguDanylo yena uthi: “Xa ndabethwa ngamajoni, endithuka futhi esithi aza kundonzakalisa kuba ndiliNgqina LikaYehova, ndoyika, ndaziva ndihlazekile.” Kuba buhlungu kakhulu xa sicatshukelwa ngolo hlobo, kodwa asothuki. Kaloku uYesu wasixelela ukuba siza kucatshukelwa.​—Funda uMateyu 24:9.

2-3. Kutheni becatshukelwa nje abalandeli bakaYesu?

2 Ihlabathi liyabacaphukela abalandeli bakaYesu. Kutheni libacaphukela nje? Kuba nathi ‘asingabo abehlabathi’ njengaye. (Yoh. 15:17-19) Ngenxa yaloo nto, oorhulumente siyabahlonipha, kodwa asibakhonzi, singakhonzi nemifanekiso ebamelayo. Sikhonza uYehova yedwa. Sithi nguye omele alawule abantu, kodwa uSathana “nenzala” yakhe abafuni nokuyiva loo nto. (Gen. 3:1-5, 15) Sixelela abantu ukuba buBukumkani bukaThixo qha obuza kuphelisa iingxaki abanazo futhi buza kubatshabalalisa bonke abangabufuniyo. (Dan. 2:44; ISityhi. 19:19-21) Lo myalezo uziindaba ezilungileyo kubantu abalulamileyo, kodwa kwababi, uziindaba ezimbi.—INdu. 37:10, 11.

3 Enye into eyenza ihlabathi lisicaphukele kukuba senza izinto ezifunwa nguThixo. Izinto athi zilungile, ehlabathini azilunganga, kanti athi azingalunganga, zezona zithandwayo lihlabathi. Ngokomzekelo, abantu abaninzi bacinga ukuba awenzi nto imbi xa uziphatha kakubi ngesondo, kanye le nto yenza uThixo wayitshabalalisa iSodom neGomora, (Yuda 7) Ngenxa yokuba siziphethe ngendlela esiyixelelwa yiBhayibhile, abantu abaninzi bayasihleka, bathi sishiywa ngamaxesha.​—1 Pet. 4:3, 4.

4. Zeziphi iimpawu ezisincedayo xa sicatshukelwa?

4 Yintoni enokusinceda sinyamezele xa sicatshukelwa naxa sithukwa? Kufuneka sibe nokholo lokuba uYehova uza kusinceda, singayithandabuzi nakancinci loo nto. Ukholo lwethu lunokufana nekhaka, ‘licime zonke iintolo ezivuthayo zomenzi-bubi.’ (Efe. 6:16) Kodwa ayilokholo lodwa olufunekayo. Kufuneka sibe nalo nothando. Kutheni sisitsho? Kuba uthando “alukhawulezi lucaphuke.” Luthwala futhi lunyamezele zonke izinto ezimenza buhlungu umntu. (1 Kor. 13:4-7, 13) Ngoku makhe sibone ukuba ukuthanda uYehova, abazalwana noodade, nkqu neentshaba zethu kungasinceda njani sinyamezele ukucatshukelwa.

UKUTHANDA UYEHOVA KUSINCEDA SINYAMEZELE

5. Yintoni uYesu awakwazi ukuyenza ngenxa yokuba ethanda uYise?

5 Kusebusuku, iintshaba zakhe ziza kumbulala ngosuku olulandelayo, uYesu uthi kubalandeli bakhe: “Ndiyamthanda uTata, ndiza kuhlala ndizenza izinto andiyalele zona.” (Yoh. 14:31) Indlela awayemthanda ngayo uYehova yamenza wakwazi ukunyamezela ezona ngxaki zazinzima. Nathi, ukuba siyamthanda uYehova, sinokukwazi ukunyamezela nezona ngxaki zinzima.

6. AmaRoma 5:3-5, athi baba njani abakhonzi bakaYehova xa ihlabathi libacaphukela?

6 Abakhonzi bakaYehova baye banyamezele xa bephethwe kakubi ngenxa yokuba bethanda uYehova. Ngokomzekelo, xa inkundla ephakamileyo yamaYuda yayalela abapostile ukuba bayeke ukushumayela, bathi “nguThixo umlawuli esimele simthobele kunabantu.” (IZe. 5:29; 1 Yoh. 5:3) Nanamhlanje, abazalwana baye baphathwa kakubi ngoorhulumente abakhohlakeleyo kodwa abagungqa ngenxa yokuba bethanda uYehova. Kunokuba sityhafe xa sicatshukelwa, siyavuya.​—IZe. 5:41; funda amaRoma 5:3-5.

7. Simele senze ntoni xa singafunwa ngabantu esizalwa nesizalana nabo?

7 Enye ingxaki ekunokuba nzima ukuyinyamezela kukungafunwa ngabantu esizalwa nesizalana nabo. Xa bebona ukuba sifuna ukufunda ngoYehova, abanye banokucinga ukuba silahlekisiwe. Kanti abanye banokude bathi sishiywa ziingqondo. (Thelekisa uMarko 3:21.) Banokwenza nezinto ezisixhel’ iintliziyo, basibethe nokusibetha. Ayimele isothuse loo nto. Kaloku uYesu wathi: “Iintshaba zomntu ziza kuba ngabantu bendlu yakhe.” (Mat. 10:36) Nokuba bangasiphatha kakubi kangakanani, asoze sibacaphukele. Kaloku, njengokuba sisiya simthanda uYehova, siya sibathanda nabantu. (Mat. 22:37-39) Into esingasoze siyenze kukuyeka ukwenza izinto ezifunwa nguYehova kuba sifuna ukuthandwa ngabo.

Kusenokubakho izinto ezisivisa iintlungu, kodwa uYehova uza kuhlala esithuthuzela, esinika namandla (Jonga isiqendu 8-10)

8-9. Yintoni eyanceda omnye udade akagungqa xa wayechaswa ngumamakhe?

8 UGeorgina, ekuthethwe ngaye kwisiqendu sokuqala, akazange agungqe naxa wayechaswa kakhulu ngumama wakhe. Uthi: “Mna nomama sasifunda iBhayibhile namaNgqina. Xa sasineenyanga eziyi-6 siqalile ukufunda, ndafuna ukuya kwiintlanganiso. Ndambona sele eyicaphukela nyhani le nto ndiyenzayo. Ndafumanisa ukuba uncokola nabawexuki. Xa sithetha undixelela izinto azive kubo. Wayede andithuke, anditsale ngeenwele, andikrwitshe, alahle neencwadi zam. Xa ndandineminyaka eyi-15, ndabhaptizwa. Umama wazama iindlela zokuba ndiyeke ukukhonza uYehova. Waya kundihlalisa kwindawo abathunyelwa kuyo abantwana abangangam abatya iziyobisi nabenza izinto ezimbi ukuze bancedwe. Kuba nzima ngeyona ndlela ukunyamezela xa uchaswa ngumntu obemele ukuba uyakuthanda futhi ukukhathalele.”

9 Wancedwa yintoni uGeorgina? Uthi: “Le mini umama wandijikela ngayo, ndandisand’ ugqiba ukuyifunda yonke iBhayibhile. Ngoku ndandiqiniseke nyhani ukuba ndiyifumene inyaniso, ndizibona ndingumhlobo kaYehova. Ndandithandaza qho, futhi uYehova wandiva. Ngoxa ndandihlala naba bantwana, omnye udade wandimema ukuba ndiye kumbona kwakhe, safundisisa kunye iBhayibhile. Ngelo xesha, ndandisomelezwa ngabazalwana noodade eholweni. Yayingathi ndingumntwana wabo. Yonke le nto yenza kwacaca ukuba uYehova unamandla kunabantu abangasifuniyo, nokuba ngoobani.”

10. Simele siqiniseke ukuba uYehova uza kuhlala esenza ntoni?

10 Umpostile uPawulos wathi ayikho into ‘enokwenza uThixo angasithandi ngothando alubonakalise kuthi ngoKristu Yesu iNkosi yethu.’ (Rom. 8:38, 39) Nokuba kungakho izinto ezisenza sibe buhlungu, uYehova uza kuhlala esithuthuzela, esipha namandla. Sibonile kuGeorgina ukuba uyabasebenzisa nabazalwana noodade xa esinceda.

UKUTHANDA ABAZALWANA NOODADE KUSINCEDA SINYAMEZELE

11. Uthando awayethetha ngalo uYesu kuYohane 15:12, 13 lwaluza kubanceda njani abafundi bakhe? Yenza umzekelo.

11 Kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe, uYesu wakhumbuza abafundi bakhe ukuba bathandane. (Funda uYohane 15:12, 13.) Wayesazi ukuba luthando oluza kubanceda bangaze bohlukane, bakwazi nokunyamezela xa becatshukelwa lihlabathi. Khawucinge ngento eyenzeka kwibandla laseTesalonika. Abazalwana noodade ababekhonza kweli bandla baphathwa kakubi liqala nje ukubakho. Amanye amaKristu afunda kubo ukuba kuthetha ukuthini ukungagungqi nokuba nothando. (1 Tes. 1:3, 6, 7) UPawulos wabakhuthaza ukuba bangayeki ukuba nothando ‘nangaphezu’ kokuba besenza. (1 Tes. 4:9, 10) Olo thando lwaluza kubenza bakwazi ukuthuthuzela abantu abakhathazekileyo, baxhase nabatyhafileyo. (1 Tes. 5:14) Bayenza into abayixelelwa nguPawulos, kuba kwileta yesibini awayibhala emva konyaka, wathi: “Niya nithandana kakhulu.” (2 Tes. 1:3-5) Uthando ababenalo lwabanceda banyamezela iingxaki nentshutshiso.

Uthando lwabazalwana noodade lunokusinceda sinyamezele xa sicatshukelwa (Jonga isiqendu 12) *

12. Xa kwakukho imfazwe kwelinye ilizwe, yintoni eyenziwa ngabazalwana noodade ebonisa indlela abathandana ngayo?

12 Khawuve into eyenzeka kuDanylo, naye ekuthethwe ngaye kwisiqendu sokuqala nomfazi wakhe. Imfazwe eyayisiliwa kwilizwe labo yafika nakwidolophu yabo kodwa zange bayeke ukuya kwiintlanganiso, ukushumayela nokwahlulelana ngokutya abanako nabazalwana noodade. Ngenye imini kwangena amajoni aphethe imipu kwaDanylo. Uthi: “Athi mandiyeke ukuba liNgqina. Ndathi ndakungavumi, andibetha, elinye landikhomba ngompu, ladubula kanti lidubula phezu kwentloko yam. Ngaphambi kokuba ahambe, athi aza kubuya aze kudlwengula umfazi wam. Abazalwana bakhawuleza basikhwelisa itreyini, besibalekisela kwenye idolophu. Soze ndilulibale uthando lwabo bazalwana. Xa sifika kuloo dolophu, abazalwana balapho basipha ukutya baza bandinceda ndafumana umsebenzi nendawo yokuhlala. Nathi sakwazi ukunika abazalwana ababaleka imfazwe kumazwe abo indawo yokuhlala.” Yonke le nto ibonisa ukuba indlela esithandana ngayo isinceda sikwazi ukunyamezela ukucatshukelwa lihlabathi.

UKUTHANDA IINTSHABA ZETHU KUSINCEDA SINYAMEZELE

13. Umoya oyingcwele usinceda njani sinyamezele nokuba abantu bayasichasa?

13 UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bathande iintshaba zabo. (Mat. 5:44, 45) Inzima nyhani ke loo nto. Kodwa umoya oyingcwele kaThixo unokusinceda sikwazi ukuyenza. Umoya kaThixo usenza sibe nothando, umonde, ububele, ukululama, sikwazi nokuzibamba. (Gal. 5:22, 23) Ezi mpawu zisenza sikwazi ukunyamezela xa sicatshukelwa. Abantu abaninzi abebechasa baye bayeka ngenxa yokuba bebona ezi mpawu kwindoda eliNgqina, umfazi umntwana okanye ummelwane. Kanti abanye bade bangabazalwana noodadewethu. Ngoko ukuba kunzima ukuba uthande abantu abakucaphukela kuba ukhonza uYehova, thandazela umoya oyingcwele. (Luka 11:13) Qiniseka nokuba xa uthobela uThixo, soze uphoxeke.—IMize. 3:5-7.

14-15. AmaRoma 12:17-21 amnceda njani uYasmeen akayeka ukumthanda umyeni wakhe owayemchasa?

14 Khawuve into eyenzeka kuYasmeen ohlala kuMbindi Mpuma. Wathi akuba liNgqina, umyeni wakhe wacinga ukuba ulahlekisiwe, wazama ukumyekisa ukukhonza uThixo. Wayemthuka, wada wathumela abantu abazalana nabo, umfundisi nomntu othakathayo ukuba bamoyikise ngokuthi baza kumenza ehlelwe zizinto ezimbi. Wathi mabamxelele nokuba uqhekeza intsapho. Umyeni wakhe waya kushawuta abazalwana, ebathuka ngexesha leentlanganiso! Zazimkhalisa qho uYasmeen ezi zinto zibuhlungu zazisenziwa ngumyeni wakhe.

15 KwiHolo YoBukumkani, abazalwana noodade babemthuthuzela, bemomeleza. Abadala bamcebisa ukuba enze into ethethwa kumaRoma 12:17-21. (Wafunde.) Uthi: “Kwakunzima, kodwa ndamcela uYehova ukuba andincede, ndazama ngamandla am onke ukwenza into athi mandiyenze kwiLizwi lakhe. Xa umyeni wam ephosa izinto ezimdaka ngabom ekhitshini, efuna ndikhathazeke, ndandiziklina. Xa ethetha njee nakanjani nam, ndandimphendula ndizolile. Xa egula, ndandimhoya, ndimenzele yonke into.”

Xa sibathanda abantu abasichasayo, banokutshintsha (Jonga isiqendu 16-17) *

16-17. Yintoni oyifundayo kuYasmeen?

16 UYasmeen akazange ayeke ukumthanda umyeni wakhe. Kwenzeka ntoni? Uthi: “Umyeni wam wandithemba kakhulu kuba wayesazi ukuba soze ndimqhathe. Wayendimamela xa ndithetha naye ngenkonzo, wade wathi uza kwenza kubekho uxolo endlini. Ngoku nguye othi mandiye kwiintlanganiso. Kumnandi nyhani ngoku emzini wethu, kukho uxolo. Ndinethemba lokuba ngenye imini uza kuyamkela inyaniso, simkhonze kunye uYehova.”

17 Le nto yenzeka kuYasmeen ibonisa ukuba uthando ‘luthwala yonke into, luthemba yonke into, lunyamezela yonke into.’ (1 Kor. 13:4, 7) Ukuba nothando kunokwenza izinto ezinkulu ngaphezu kwezenziwa kukumcaphukela umntu. Xa sibathanda abantu, sivuyisa uYehova, nabo banokuyitshintsha indlela abacinga ngayo ngathi nangoYehova. Nokuba abayeki ukusicaphukela, siza konwaba. Inokwenzeka njani loo nto?

SIYONWABA NOKUBA SIYACATSHUKELWA

18. Yintoni esenza sonwabe xa sicatshukelwa?

18 UYesu wathi: “Nonwabile xa abantu benicaphukela.” (Luka 6:22) Asikuthandi ukucatshukelwa. Akumnandanga nokutshutshiswa ngenxa yokholo lwethu. Yintoni ke esenza sonwabe xa sicatshukelwa? Nazi izizathu: Esokuqala, uThixo uyasithanda xa sinyamezela. (1 Pet. 4:13, 14) Esesibini, ukholo lwethu luya luqina. (1 Pet. 1:7) Esesithathu, siza kufumana ubomi obungunaphakade.—Rom. 2:6, 7.

19. Yintoni eyabenza bavuya abapostile emva kokuba bebethiwe?

19 Kungadlulanga xesha lide evusiwe uYesu, abapostile bonwaba kanye njengokuba wayetshilo. Emva kokuba bebethiwe kusithiwa mabayeke ukushumayela, bavuya. Babevuyiswa yintoni? Kukuba “uThixo wayebabona bekufanelekele ukuhlaziswa ngenxa yegama likaYesu.” (IZe. 5:40-42) INkosi yabo babeyithanda ngaphezu kokuba besoyika iintshaba zabo. Olo thando balubonisa ngokuba bashumayele iindaba ezilungileyo “bengapheli mandla.” Nanamhlanje, abazalwana noodade abaninzi bahlala bethembekile kuYehova naxa beneengxaki. Bayazi ukuba uYehova soze awulibale umsebenzi wabo nendlela ababonise ngayo ukuba bayalithanda igama lakhe.—Heb. 6:10.

20. Yintoni esiza kuyixelelwa kwinqaku elilandelayo?

20 Lisalawulwa nguSathana eli hlabathi, siseza kucatshukelwa. (Yoh. 15:19) Kodwa masingoyiki kuba inqaku elilandelayo liza kusixelela ukuba uYehova uza ‘kubaqinisa aze abakhusele’ abantu abangagungqiyo ekumkhonzeni. (2 Tes. 3:3) Masingayeki ukuthanda uYehova, abazalwana noodade, nkqu neentshaba zethu. Ukuba siyayenza loo nto, siza kuhlala simanyene, ukholo lwethu luza kuqina size sizukise uYehova. Siza kubonisa nokuba ukuba nothando kunokwenza izinto ezinkulu ngaphezu kwezenziwa kukumcaphukela umntu.

INGOMA 106 Sifuna Ukubathanda Abantu

^ isiqe. 5 Eli nqaku liza kusibonisa indlela ukuthanda uYehova, abazalwana noodade, nkqu neentshaba zethu okusinceda ngayo sikwazi ukuqhubeka sikhonza uYehova nokuba ihlabathi liyasicaphukela. Liza kusixelela nokuba kwakutheni ukuze uYesu athi sinokonwaba nokuba siyacatshukelwa.

^ isiqe. 1 Amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: Emva kokuba amajoni oyikise uDanylo nomfazi wakhe, abazalwana bababalekisela kwenye idolophu, apho bafika bamkelwa ngabazalwana, babanceda.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: UYasmeen wayechaswa ngumyeni wakhe, kodwa abadala bamcebisa ukuba makenze ntoni. Zange ayeke ukumthanda, wayemhoya naxa egula.