Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani Igama LikaThixo?

Ngubani Igama LikaThixo?

Into edla ngokwenziwa ngumntu xa efuna ukwazi omnye umntu kukumbuza ukuba ‘ungubani?’ UThixo ebengathini yena xa ubunokumbuza?

“NdinguYehova. Lilo elo igama lam.”​Isaya 42:8.

Uyaqala ukuliva elo gama? Ingenzeka loo nto, ngoba abaguquleli beBhayibhile abaninzi baye abalisebenzisa eli gama okanye balisebenzisa manqaphanqapha. Endaweni yalo baye basebenzise isihlonipho esithi “NKOSI.” Kodwa ke, kulwimi eyayibhalwe ngalo iBhayibhile kuqala, livela malunga nezihlandlo eziyi-7 000 igama likaThixo. Eli gama libhalwe ngoonobumba besiHebhere abane abangu-YHWH okanye JHVH xa beguqulelwa, ibe ukususela kwakudala bekusithiwa “nguYehova” ngesiXhosa.

Igama likaThixo liyavela kwimibhalo yesiHebhere nakwezinye iinguqulelo ezininzi

UMsongo WeeNdumiso WoLwandle Olufileyo 1- 100 C.E., NGESIHEBHERE

Inguqulelo KaTyndale 1530, NGESINGESI

Uhlelo lweReina-Valera 1602, NGESPANISH

IUnion Version 1919, NGESITSHAYINA

ISIZATHU SOKUBA LIBALULEKILE IGAMA LIKATHIXO

Libalulekile kuThixo. Akukho mntu owamthiyayo uThixo, wazithiya ngokwakhe. UYehova wathi: “Lilo elo igama lam kuse kwixesha elingenammiselo, yaye sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.” (Eksodus 3:15) EBhayibhileni, igama likaThixo livela ngaphezu kwawo onke amagama akhe azizihlonipho, anjengoSomandla, uBawo, uNkosi okanye uThixo, nangaphezu kwalo naliphi na igama lomntu, njengoAbraham, uMoses, uDavide okanye uYesu. Eny’ into, ikukuthanda kukaYehova into yokuba igama lakhe laziwe. IBhayibhile ithi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”​—INdumiso 83:18.

Libalulekile kuYesu. Kumthandazo obizwa ngokuba nguBawo Wethu Osezulwini okanye uMthandazo Wenkosi, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathi kuThixo: “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) Naye uYesu wathandaza wathi kuThixo: “Bawo, lizukise igama lakho.” (Yohane 12:28) Ukuzukisa igama likaThixo kwakuyinto yokuqala ebomini bukaYesu, ibe ngenxa yoko wakwazi ukuthandaza athi: “Ndilazisile igama lakho kubo yaye ndiza kulazisa.”​—Yohane 17:26.

Libalulekile kwabo bamaziyo uThixo. Abantu bakaThixo bakudala bayiqonda into yokuba ukukhuselwa nokusindiswa kwabo kwakungenxa yegama likaThixo elikhethekileyo. “Yinqaba eyomeleleyo igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.” (IMizekeliso 18:10) “Kuya kuthi wonk’ ubani obiza egameni likaYehova asindiswe.” (Yoweli 2:32) IBhayibhile ibonisa ukuba abo bamkhonzayo uThixo bahluka ngenxa yokusebenzisa igama lakhe. “Kuba zonke izizwana ziya kuhamba ngasinye egameni lothixo waso; kodwa thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo.”​—Mika 4:5; IZenzo 15:14.

INTO ELISIXELELA YONA ELI GAMA

Eli gama lichaza uThixo ngendlela ekhethekileyo. Abaphengululi abaninzi bathi igama likaYehova lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” UYehova uThixo wayenza yacaca into ethethwa ligama lakhe xa wayethetha noMoses, esithi: “Ndinguye Lowo Ndiya Kuzingqina Ndinguye.” (Eksodus 3:14) Ngaloo ndlela, igama likaThixo alipheleli nje ekuchazeni ukuba unguMdali obangela kubekho zonke izinto. Igama lakhe libonisa ukuba uyakwazi ukwenza yena nendalo yakhe ibe yiyo nantoni na ekufuneka ibe yiyo ukuze enze loo nto afuna ukuyenza. Nakuba amagama azizihlonipho echaza isikhundla akuso uThixo, igunya lakhe, okanye amandla akhe, ligama lakhe lodwa, uYehova, elithetha yonke into ayiyo nanokuba yiyo.

Eli gama lisixelela ukuba uThixo unomdla kuthi. Into ethethwa ligama likaThixo isixelela ukuba uhlala eyithanda indalo yakhe, equka nathi. Ngaphezu koko, into yokuba uThixo elazisile igama lakhe ibonisa ukuba ufuna simazi. Phofu ke, nguye owaqala wasazisa igama lakhe singekayazi kwainto yokuba singambuza. Kucacile ukuba uThixo akafuni simbone njengesithixo esingacacanga nesikude kuthi, kodwa ufuna simbone njengoMntu okhoyo nesinokusondela kuye.​—INdumiso 73:28.

Ukusebenzisa igama likaThixo kubonisa ukuba sinomdla kuye. Singayizekelisa kanje le nto, masithi ucela umntu ofuna ukuba ngumhlobo wakhe ukuba akubize ngegama lakho. Ungathini xa loo mntu engafuni tu ukude akubize ngegama lakho? Ungade uxakwe nokuba lo mntu uyafuna na ukuba ngumhlobo wakho. Kunjalo ke nakuThixo. UYehova ubaxelele abantu igama lakhe, ibe ufuna ukuba balisebenzise. Xa silisebenzisa, sibonisa uYehova ukuba siyafuna ukusondela kuye. Ude abaqaphele abo “bacinga ngegama lakhe” okanye abalixabisayo.​—Malaki 3:16.

Into yokuqala ebalulekileyo ukuze sazi uThixo kukwazi igama lakhe. Kodwa singapheleli apho. Kufuneka simazi kakuhle uMntu welo gama. Kufuneka sazi ukuba unjani.

NGUBANI IGAMA LIKATHIXO? Igama likaThixo nguYehova. Elo gama limchaza ngendlela ekhethekileyo uThixo njengoMntu onako ukuyenza into afuna ukuyenza