Unako Ukuba ngumhlobo KaThixo
ABANYE ABANTU BATHI . . .
UThixo akanaxesha lethu, okanye uphakame kakhulu, ungcwele yaye asinakusondela kuye.
ITHINI YONA IBHAYIBHILE?
“Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.
“Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.
SINOKUBA NGABO NJANI ABAHLOBO BAKATHIXO?
Thetha naye.—INdumiso 145:18, 19.
Mmamele.—INdumiso 32:8.
Yenza izinto athi zenze.—IMizekeliso 3:5, 6.
Unganikezeli.—Mateyu 7:7, 8.