Ithini IBhayibhile?
Ngaba unqulo lweza nabantu?
ABANYE ABANTU BATHI unqulo lweza nabantu; abanye bacinga ukuba uThixo usebenzisa unqulo ukuze atsale abantu. Wena uthini?
OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE
Kukho “unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu.” (Yakobi 1:27) Unqulo oluhlambulukileyo okanye lokwenyaniso luvela kuThixo.
ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI
Ukuze unqulo lumkholise uThixo lumele lusekelwe kwinyaniso eseBhayibhileni.—Yohane 4:23, 24.
Unqulo olusekelwe kwiimbono zabantu lububuxoki.—Marko 7:7, 8.
Ngaba kubalulekile ukuba nonqulo lwakho?
UBUYA KUTHINI?
Ewe
Hayi
Kuyaxhomekeka
OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE
“Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.” (Hebhere 10:24, 25) UThixo ufuna ukuba abantu abamnqulayo bahlanganisane.
ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI
Abantu abamnqula kunye uThixo bafanele bakholelwe kwinto efanayo.—1 Korinte 1:10, 11.
Abantu abanqula ngendlela ekholisa uThixo babumba iqela labazalwana abasehlabathini.—1 Petros 2:17.