UYAYAZI INTO ENOKUKUNCEDA XA UNESTRES?
Yintoni IStres?
Istres yindlela oziva ngayo xa kukho into ofanele uyenze okanye xa usengxakini. Yonke le nto yenza ingqondo ibhideke, yenze intliziyo ibethe ngamandla, igazi lihambe ngokukhawuleza emzimbeni, uphefumlele phezulu okanye uphefumle nzima, izihlunu ziqine, uze umzimba wome. Umntu usenokuzibona sele esenza izinto angazicinganga. Xa istres siphelile, umzimba uphinde usebenze kakuhle aze umntu akwazi ukucinga kakuhle.
KUKHO ISTRES ESINGEYONGOZI NESIYINGOZI
Istres yinto eqhelekileyo enceda umntu ajongane nobunzima okanye neengxaki. Indlela umntu enza ngayo xa enestres iqala engqondweni. Istres esingeyongozi siye sibangele umntu alungise izinto ngokukhawuleza. Senza abantu ukuba bazenze kakuhle izinto njengaxa bebhala iimviwo, xa bephendula imibuzo kwiindawo abafuna kuzo imisebenzi, okanye xa bekwezemidlalo.
Istres esingapheliyo siyingozi ibe singakulimaza kakhulu. Xa sithatha ixesha elide sisenokukubangela ube neengxaki emzimbeni, ungacingi kakuhle, ulibale izinto nabantu, ukhawuleze ukuba nomsindo okanye ukukhathazeka. Isenokutshintsha indlela ozenza ngayo izinto, nendlela obaphatha ngayo abanye abantu. Abantu abanestres esiyingozi badla ngokuba ngamanxila, basebenzise kakubi iziyobisi, batye kakhulu, batshaye benze nezinye izinto eziyingozi. Yonke le nto isenokwenza umntu akhathazeke kakhulu, ahlale ediniwe okanye acinge ngokuzibulala.
Kwenzeka izinto ezingafaniyo xa abantu benestres, abanye sisenokubenza bagule ngeendlela ezahlukahlukeneyo.