Umkhethe—Ngaba Wena Unawo?
Umkhethe ufana nesifo. Kaloku abantu abanomkhethe bayenzakala. Enye into basenokungaziboni xa benawo.
Xa abantu benomkhethe okanye benocalucalulo, basenokungabafuni abantu abasuka kwamanye amazwe, abantu bolunye uhlanga, okanye abantu abathetha olunye ulwimi. Kodwa akuphelelanga apho, aba bantu basenokubakhetha abo bakhonza kwiinkonzo ezahlukileyo kunezabo, basenokubacalula abanye ngenxa yesini sabo, nangenxa yendlela abaphila ngayo ekuhlaleni. Kanti abanye abantu babaphatha kakubi abanye ngenxa yeminyaka yabo, yemfundo, yezinto abangakwaziyo ukuzenza, nangendlela ababonakala ngayo. Nangona kunjalo, bacinga ukuba abanawo tu umkhethe.
Ingenzeka into yokuba wena ube nomkhethe? Abantu abaninzi bayakwazi ukubona abanye abantu xa benomkhethe, kodwa kubanzima ukuzibona bona xa benawo. Inyani kukuba, wonke umntu ukhe abe nawo umkhethe. UDavid Williams onguprofesa kwimicimbi yasekuhlaleni uthi, xa abantu bebajongela phantsi abantu beqela elithile, xa bedibana nomntu osuka kwelo qela, “baza kumphatha ngokwahlukileyo kwindlela ababaphatha ngayo abanye abantu, ibe yonke le nto baza kuyenza bengaziqondi nokuba bayayenza.”
Ngokomzekelo, kwilizwe elikwiBalkan kukho iqela labantu elingathandwayo ngabantu abaninzi. UJovica ohlala kweli lizwe uthi, “Ndandicinga ukuba akho kwamntu ulungileyo kwela qela, kodwa ndandingayiqondi into yokuba ndinomkhethe, ndandizixelela ukuba yinyani le, ndibazi kakuhle.’”
Oorhulumente abaninzi babeka imithetho abacinga ukuba iza kuwuphelisa umkhethe okanye ucalucalulo. Kodwa awupheli ngoku sele kukho loo mithetho. Kutheni kunjalo? Kaloku umkhethe okanye ucalucalulo uqala engqondweni nasentliziyweni. Kanti yona le mithetho ayikwazi kuzilawula izinto umntu azicingayo nendlela aziva ngayo, inqanda indlela abantu abazenza ngayo izinto kuphela. Ngaba le nto ithetha ukuba umkhethe awusoze uphele? Ngaba ikhona into enokunceda?
Kula manqaku alandelayo, kuza kuthethwa ngezinto eyi-5 ezincede abantu abaninzi bakwazi ukuyeka ukucinga izinto ezinokubenza babe nomkhethe.