Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Jonga Izinto Ezintle Ebantwini

Jonga Izinto Ezintle Ebantwini

Ingxaki

Ukuqhayisa kunokwenza umntu abe nomkhethe. Umntu othanda ukuqhayisa uye azicingele ukuba ubhetele kunabanye abantu, uzicingela yedwa ibe usoloko ebagxeka abantu abangafaniyo naye. Le nto ingenzeka nakubani na. IEncyclopædia Britannica ithi: “Abantu abaninzi bacinga ukuba indlela abaphila ngayo, ukutya kwabo, indlela abanxiba ngayo, izinto abazenzayo nezinto abazikholelwayo, izinto abazithandayo nezinye izinto zabo zibhetele kunezabanye.” Singayiphepha njani le ndlela imbi yokucinga?

Umgaqo weBhayibhile

“Nithobeke, nibajonga abanye njengababhetele kunani.”—FILIPI 2:3.

Ithetha ukuthini le nto? Ukuze siphephe ukuzicingela kakhulu sifanele sifunde ukuthobeka. Xa sithobekile, siza kutsho sibone ukuba zikhona izinto ababhetele ngazo abanye kunathi. Akukho qela linabantu abakwaziyo ukuzenza zonke izinto kakuhle bonke.

Khawucinge ngento eyenzeka kuStefan. Nangona wayekhulele kwilizwe lakhe, kodwa wayeka ukuba nomkhethe kubantu abasuka kwamanye amazwe. Uthi: “Mna ndicinga ukuba ukuze sikwazi ukuyeka ukuba nomkhethe, kubalulekile ukubajonga abanye njengababhetele kunathi. Andazi yonk’ into, kodwa ikhona into endingayifunda nakwabanye abantu.”

Into Onokuyenza

Ungaziqhathi kodwa zivume iimpazamo zakho. Yamkele into yokuba abanye banokuzenza bhetele izinto kunendlela ozenza ngayo. Ungacingi ukuba bonke abantu abasuka kwelo qela lijongelwa phantsi bayafana.

Endaweni yokumcingela kakubi umntu osuka kwindawo ethile, khawuzibuze:

Yamkele into yokuba izinto ongakwaziyo ukuzenza, abanye abantu bayakwazi ukuzenza kakuhle kunawe

  • ‘Ngaba ezi zinto ndingazithandiyo ngalo mntu zimbi, okanye zahlukile kunezam?’

  • ‘Ngaba yena azikho izinto azibonayo ezimbi kum?’

  • ‘Ziintoni akwazi ukuzenza bhetele kunam?’

Xa uphendula le mibuzo ungaziqhathi, loo nto iza kukunceda ulwe nomkhethe, ukwazi nokufumana izinto ozithandayo ngabanye abantu.