UVUKANI! No. 2 2018 | Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho
Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho
Sisoloko sisiva ukuba kumoshakele ndawoni kwezinye iintsapho. Kodwa yintoni enceda ezinye ukuba ziqhube kakuhle?
-
EMerika, phakathi kuka-1990 no-2015, liye laphindeka kabini inani labantu abaye baqhawula umtshato abaneminyaka engaphezu kwe-50 laza laphindeka kathathu kubantu abaneminyaka engaphezu kwe-65.
-
Abazali baxakiwe: Ezinye iingcali zithi abantwana kufuneka usoloko ubancoma ngoxa abanye besithi kufuneka wenze loo nto iza kubanceda.
-
Abantu abasebatsha bayakhula bade babe badala bengayazi ukuba baza kwenza njani ukuze baphumelele.
Sekunjalo, inyaniso kukuba . . .
-
Kungamnandi emtshatweni baze abo batshatileyo bahlale bemanyene.
-
Abazali bangakwazi ukubaqeqesha ngothando abantwana babo.
-
Ulutsha lungafumana ubuchule obuza kulunceda naxa lukhulile.
Njani? Lo Vukani! uza kuthetha ngezinto eziyi-12 ezonwabisa usapho.
1: Ukuzimisela
Amacebiso amathathu anokunceda abantu abatshatileyo bangohlukani.
2: Ukusebenzisana
Ngaba umntu otshate naye ingathi ngumntu nje ohlala kunye naye?
3: Ukuhlonelana
Zazi izinto ezibalulekileyo ukuze umyeni okanye inkosikazi yakho izive ihlonelwa.
4: Ukuxolelana
Yintoni engakunceda ubone ngaphaya kweempazamo zomyeni okanye zenkosikazi yakho?
5: Thethani
Izinto ezintathu ezingakunceda usondele kubantwana bakho.
6: Baqeqeshe
Ngaba ingqeqesho yenza umntwana angazithembi?
7: Indlela Yokuziphatha
Yiyiphi imithetho ofanele ubafundise yona abantwana bakho?
8: Mababone Kuwe
Ukuba ufuna abantwana bakho bazive izinto ozithethayo, zenze.
9: Zazi Ukuba Ungubani
Ulutsha lunokuzimela njani izinto oluzikholelwayo?
10: Abantu Mabakuthembe
Kubalulekile ukuthenjwa ngumzali wakho ukuze ukhule.
11: Ukukhuthala
Ukufunda ukukhuthala usemncinci kuya kukunceda uphumelele kuyo yonke into oyenzayo ebomini.
12: Izinto Ozimisele Ukuzenza
Xa ude wazenza izinto obuzimisele ukuzenza uye uzithembe, ube nabahlobo kwaye wonwabe.
Ezinye Izinto Ezinganceda Usapho
Amacebiso eBhayibhile anokusinceda sonwabe emtshatweni nasentsatsheni.