Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UVUKANI! No. 2 2019 | Izinto Ezintandathu Ekufuneka Umntwana Azifunde

Izinto Ezintandathu Ekufuneka Umntwana Azifunde

Ufuna umntwana wakho abe ngumntu onjani xa emdala?

  • Okwaziyo Ukuzibamba

  • Othobekileyo

  • Ongatyhafiyo

  • Onokuthenjwa

  • Oyaziyo Indlela Amele Aphile Ngayo

  • Onyanisekileyo

Umntwana akazalwa enazo ezi zinto. Kufuneka umfundise.

Le magazini ithetha ngezinto ezintandathu ekufuneka uzifundise abantwana bakho. Ezi zinto ziza kubanceda xa bebadala.

 

Mfundise Ukuzibamba

Kutheni kubalulekile ukuzibamba, kwaye yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ukuzibamba

Mfundise Ukuthobeka

Fundisa abantwana ukuthobeka, loo nto iza kubanceda ngoku naxa bebadala.

Mfundise Ukuba Angatyhafi

Abantwana abafundiswe ukuba bangatyhafi ngabona bakwaziyo ukujongana neengxaki zobomi.

Mfundise Ukuba Abe Ngumntu Onokuthenjwa

Umntwana ufunda xa engakanani ukuba ngumntu onokuthenjwa? Xa esemncinci okanye sele emdala?

Mfundise Indlela Yokuphila

Abantwana kufuneka bafundiswe indlela yokuphila. Ngubani oza kubafundisa?

Mfundise Ukuba Ayazi Into Elungileyo Nengalunganga

Xa ubafundise ukwazi into elungileyo nengalunganga banokuyazi indlela amabaphile ngayo kwixa elizayo.

Ezinye Izinto Ezinokunceda Abazali

Abazali kufuneka bafundiswe indlela yokuqeqesha abantwana. Ukuze ufumane ezinye izinto ezinokukunceda xa ungumzali yiya ku-jw.org/xh.