Cingisisa Ngobungqina Obukhoyo
Lo Vukani! uthetha ngobungqina obubonisa ukuba izinto eziphilayo zadalwa. Khawucingisise ngobubungqina uze uzibuze ukuba ngaba sikhona isizathu esikwenza ukholelwe ukuba ukhona uMdali. Apha ngezantsi kukho ezinye iividiyo neencwadana ezinokukunceda. Khangela le mixholo ilandelayo ku jw.org/xh:
Kutheni abantu abaninzi abafundileyo bekholelwa ukuba ukhona uMdali?
Bukela iincoko eziphantsi komxholo othi “Iimbono Ngemvelaphi Yobomi.”
Ngaba imfundiso yokuba izinto zazivelela inezizathu ezibambekayo?
Funda incwadana ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?
Ngaba sikhona isizathu sokuba sikholelwe kuMdali?
Bukela ividiyo ethi Oko Kuthethwa Ngoontanga Bakho—Ukukholelwa KuThixo.
Ngaba sinaso isizathu sokuyikholelwa iBhayibhile?
Funda incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! kwisifundo 03 esinomxholo othi “Unokuyithemba IBhayibhile Ukuba Ithetha Inyani.”