Kutheni Kubalulekile Ukwazi Ukuba Ukhona UMdali
Kutheni ibalulekile into yokwazi ukuba ukhona nyhani na uMdali? Ukuba ubungqina obukhoyo bukwenza ukholelwe ukuba ukhona uThixo ongusomandla, mhlawumbi uza kufuna ukucingisisa nangobungqina obubonisa ukuba iBhayibhile yabhalwa nguye. Ibe xa uyikholelwa into ethethwa yiBhayibhile, uza kuncedakala ngezi ndlela zilandelayo.
Uza konwabela ngakumbi ukuphila
IBHAYIBHILE ITHI: ‘UThixo wenza into entle ngokuninika iimvula ezivela ezulwini nezivuno, ngokuninika ukutya okwaneleyo nokuqinisekisa ukuba niyonwaba.’—IZenzo 14:17.
INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Yonke into oyonwabelayo emhlabeni isisipho esivela kuMdali. Okukhona usiya uyazi indlela akukhathalele ngayo lo mntu ukupha ezi zipho, kokukhona nawe uza kuya uzixabisa nangakumbi.
Uza kufumana amacebiso anokukunceda ngoku
IBHAYIBHILE ITHI: “Uza kutsho ubuqonde ubulungisa, okusesikweni nokungakhethi buso, uyiqonde ngokupheleleyo into elungileyo.”—IMizekeliso 2:9.
INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: NjengoMdali wakho, uThixo uyayazi into oyidingayo ukuze wonwabe. Xa ufunda iBhayibhile, uza kufunda izinto ezininzi eziza kukunceda ebomini.
Uza kufumana iimpendulo zemibuzo yakho
IBHAYIBHILE ITHI: “Utsho umazi uThixo.”—IMizekeliso 2:5.
INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Xa usazi ukuba ukhona uMdali, uza kutsho ukwazi ukufumana iimpendulo zeyona mibuzo ibalulekileyo. Eminye ifana nale ithi: Yintoni injongo yobomi? Kutheni kukho abantu abaninzi abehlelwa zizinto ezibuhlungu? Kwenzeka ntoni kuthi xa sisweleka? Unokufumana iimpendulo ezanelisayo eBhayibhileni.
Unokuba nethemba ngekamva
IBHAYIBHILE ITHI: “‘Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele, ukuze ndininike ithemba nekamva.’”—Yeremiya 29:11.
INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Kwixesha elizayo uThixo uthembisa ukuba uza kuphelisa izinto ezimbi, izinto ezibuhlungu ezehlela abantu, nkqu nokufa. Ukuba uyazikholelwa izinto uThixo azithembisayo, ithemba onalo liza kukunceda ukwazi ukuba nesibindi xa uneengxaki.