Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokuyifumana Phi Imilinganiselo Yokwenene Yokuziphatha Ngokomoya?

Unokuyifumana Phi Imilinganiselo Yokwenene Yokuziphatha Ngokomoya?

Unokuyifumana Phi Imilinganiselo Yokwenene Yokuziphatha Ngokomoya?

EPHOXISA uRodolphe wabuza: “Ukuba uza kuhamba icawa kuba iyicawa yasekhaya, kutheni ungangeni kwicawa yamaCeltic ababengena kuyo ookhokho bethu kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo?” Oku kufanele ukuba kwabahlekisa abantu abaselula awayethetha nabo.

URodolphe uthi: “Ulwalamano lwam noThixo lubaluleke kakhulu kum. Andivumelani kwaphela nokunyanzelwa ukuba ndikholelwe into ngenxa yesithethe, kuba nje amalungu entsapho yakowethu awayephila kumashumi okanye kwanakumakhulu eminyaka eyadlulayo ayenqula ngendlela ethile.” URodolphe wacingisisa nzulu ngezinto; akazange awujonge lo mbandela ubalulekileyo njengento nje anokuyizuz’ ilifa.

Nangona bengebaninzi abantu namhlanje abanqula ngendlela ookhokho babo ababenqula ngayo, inkoliso yabantu isabambelele kwiicawa zasekhaya. Kodwa ngaba kusoloko kulungile ukuba ubani abambelele kwimilinganiselo yonqulo lwabazali bakhe? Ithini iBhayibhile?

Emva kweminyaka engama-40 entlango, uYoshuwa, ilandela likaMoses, wawaxelela amaSirayeli ukuba azikhethele esithi: “Ke kaloku ukuba kubi emehlweni enu ukukhonza uYehova, zikhetheleni namhlanje ukuba ngubani na eniya kumkhonza, enoba ngoothixo ababekhonzwa ngookhokho benu ababengaphesheya koMlambo okanye oothixo bama-Amori enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.”—Yoshuwa 24:15.

Omnye wookhokho uYoshuwa awayebhekisela kuye yayinguTera, uyise ka-Abraham, owayehlala kwisixeko saseUre, ngelo xesha eyayisempuma koMlambo umEfrati. IBhayibhile ayithethi nto ingako ngoTera, ngaphandle nje kokuba wayenqula abanye oothixo. (Yoshuwa 24:2) Unyana wakhe uAbraham, nangona wayengayazi ngokupheleleyo injongo kaThixo, wavuma ukushiya isixeko sakowabo xa uYehova wamyalela ukuba enjenjalo. Ewe, uAbraham wakhetha unqulo olwahlukileyo kolukayise. Ngenxa yokwenjenjalo, uAbraham wafumana iintsikelelo uThixo awayemthembise zona, yaye kwiinkonzo ezininzi ugqalwa ‘njengoyise wabo bonke abathe bakholwa kuThixo.’—Roma 4:11, iBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.

Kwakhona iBhayibhile ithetha kakuhle ngebali likaRute, ukhokhokazi kaYesu Kristu. URute, umMowabhikazi owayetshate nomSirayeli, waba ngumhlolokazi kwaza kwafuneka akhethe enoba wayeza kuhlala kwilizwe lakhe okanye abuyele kwaSirayeli noninazala. Ekuqonda ukubaluleka kokunqula uYehova kunokunqula izithixo nto leyo eyayisenziwa ngabazali bakhe, uRute wathi kuninazala: “Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam.”—Rute 1:16, 17.

Ithetha ngokubaluleka kwale ngxelo kwiincwadi zeBhayibhile, iDictionnaire de la Bible icacisa isithi le ngxelo ibonisa “indlela umfazi weentlanga, ozelwe phakathi kwabahedeni ababeziintshaba nababethiyiwe ngamaSirayeli, . . . ngenxa yokuluthanda kwakhe uhlanga nonqulo lukaYehova, kungalindelekanga waba ngukhokhokazi kaKumkani uDavide ongcwele.” URute akazange athingaze ukukhetha unqulo olwahlukileyo kolwabazali bakhe, yaye ngenxa yesigqibo sakhe, wasikelelwa nguThixo.

Ingxelo ethetha ngokuqalisa kobuKristu izichaza ngokucacileyo izizathu zokuba abafundi bakaYesu balushiya unqulo lookhokho babo. Kudlwabevu lwakhe lwentetho, umpostile uPetros uthi kwabo babemphulaphule “sindiswani kwesi sizukulwana sigwenxa” ngokuguquka ezonweni zenu nize nibhaptizwe egameni likaYesu Kristu. (IZenzo 2:37-41) Omnye weyona mizekelo ibalaseleyo ngokaSawule, umtshutshisi wamaKristu ongumYuda. Ngoxa wayesiya eDamasko, wabona uKristu embonweni, waza emva koko uSawule waba ngumKristu owaziwa njengompostile uPawulos.—IZenzo 9:1-9.

Akuzange kwenzeke into efanayo kwinkoliso yamaKristu okuqala. Sekunjalo, onke ayefanele alushiye unqulo lobuYuda okanye ukunqula oothixo bobuhedeni abahlukahlukeneyo. Abo bamkela ubuKristu bakwenza oko benezizathu ezibonakalayo, ngamaxesha amaninzi emva kokuthetha ngokubanzi ngendima kaYesu njengoMesiya. (IZenzo 8:26-40; 13:16-43; 17:22-34) Loo maKristu okuqala ayenolwazi olupheleleyo nesizathu sokwenza iinguqulelo ebomini bawo. Esi simemo sadluliselwa kumaYuda nakwabo babengengomaYuda, kodwa isigidimi sasifana. Ukuze bakholise uThixo, kwakufuneka balandele indlela entsha yonqulo, leyo yobuKristu.

Ukhetho Esifanele Silwenze

Ngokuqinisekileyo kwakufuneka inkalipho ngenkulungwane yokuqala ukuzigatya izithethe zentsapho zonqulo—unqulo lobuYuda, ukunqula umlawuli, ukunqula oothixo bobuhedeni—nokuba lilungu lombutho owawungafunwa ngamaYuda nangamaRoma. Kungekudala olu khetho lwakhokelela kwintshutshiso eqatha. Namhlanje, kufuna inkalipho efanayo ukungavumi “ukuhamba nomndilili,” njengoko esitsho uHippolyte Simon, ubhishopu wamaKatolika waseClermont-Ferrand kwincwadi yakhe ethi Vers une France païenne? (Ubuhedeni BaseFransi?) Kufuna inkalipho ukunxulumana nonqulo lwabantu abambalwa maxa wambi olugxekwayo, lwamaNgqina kaYehova.

UPaul, umfana waseBastia, eCorsica, owakhuliselwa kwiCawa yamaKatolika, ngamaxesha athile wayesiba nenxaxheba kwimicimbi yecawa, njengokuthengisa amaqebengwane ukunyusa ingxowa-mali yamaKatolika yokunced’ amahlwempu. Kuba efuna ukuyiqonda ngakumbi iBhayibhile, wavuma ukuba nengxoxo ezithe rhoqo namaNgqina kaYehova. Kungekudala, waqonda ukuba oko wayekufunda kwakuza kumzisela iinzuzo ezingapheliyo. Ngokuvumelana noku, uPaul wayamkela ngokupheleleyo imigaqo yeBhayibhile waza waliNgqina likaYehova. Abazali bakhe baluhlonela ukhetho lwakhe, nto leyo engazange iluchaphazele umanyano lwabo lwentsapho.

UAmélie uhlala emazantsi eFransi. Izizukulwana ezine ezingamalungu entsapho yakhe bezingamaNgqina kaYehova. Kwakutheni ukuze akhethe ukwamkela imilinganiselo yonqulo lwabazali bakhe? Uthi: “Umntu akabi liNgqina likaYehova kuba abazali okanye abazali babazali bengamaNgqina kaYehova. Kodwa ngenye imini, ufanele uzixelele, ‘Olu lunqulo lwam kuba ndikholelwa kulo.’” Njengamanye amaNgqina kaYehova aselula, uAmélie uyazi ukuba iinkolelo zakhe zonqulo eziluqilima zimenza abe nenjongo ebomini yaye zimenza ahlale onwabile.

Isizathu Sokwamkela Imilinganiselo KaThixo

Incwadi yeMizekeliso, isahluko 6, indinyana 20, ikhuthaza abo bafuna ukukholisa uThixo isithi: “Owu nyana wam, gcina umyalelo kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.” Kunokubakhuthaza ukuba babe ngoovuma-zonke, eso siluleko sibongoza abaselula ukuba bamkele imilinganiselo kaThixo ngokulwenza nzulu ukholo lwabo nokummela uThixo ngokuzithandela. Umpostile uPawulos wakhuthaza amaqabane akhe ukuba ‘aqiniseke ngezinto zonke,’ ahlole enoba oko ayekufundiswa kwakuvisisana neLizwi likaThixo nenjongo Yakhe, aze enze ngokuvisisana noko.—1 Tesalonika 5:21.

Enoba akhuliswe kwikhaya lamaKristu okanye akunjalo, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezithandathu, aselula nakhulileyo, aye enza isigqibo esinjalo. Ngenxa yokufundisisa iBhayibhile ngenyameko, aye afumana iimpendulo ezinokuthenjwa kwimibuzo yawo ephathelele injongo yobomi aze anolwazi olucacileyo ngenjongo kaThixo ngabantu. Akuba efumene olu lwazi, aye ayamkela imilinganiselo kaThixo yaye awa evuka esenza ukuthanda kukaThixo.

Enoba ulifunda rhoqo eli phephancwadi okanye akunjalo, kutheni ungavumi xa amaNgqina kaYehova ecela ukukunceda ukuze uhlolisise imilinganiselo yokomoya eseBhayibhileni. Ngale ndlela, uya kukwazi ‘ukungcamla uze ubone ukuba uYehova ulungile’ yaye ube nolwazi oluya kuthi xa ulusebenzisa, lukukhokelele kubomi obungunaphakade.—INdumiso 34:8; Yohane 17:3.

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Izizukulwana ezine zentsapho engamaNgqina kaYehova eFransi

[Umfanekiso okwiphepha 7]

URute wakhetha ukukhonza uYehova kunoothixo bookhokho bakhe