Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekubeni ‘Nifikelele Ekumazini UThixo’—Yintoni Enimele Niyenze?

Ekubeni ‘Nifikelele Ekumazini UThixo’—Yintoni Enimele Niyenze?

“Nifikelele ekumazini uThixo.”—GAL. 4:9.

1. Kutheni umqhubi wenqwelo-moya ehlolisisa uludwe ngaphambi kokundiza?

NGAPHAMBI kokuba umqhubi andize ngenqwelo-moya, kukho uludwe lwezinto ezingaphaya kwama-30 amele aluhlolisise. Xa engakwenzi oko, aba maninzi amathuba okuntlitheka kwayo phantsi. Ngaba uyazi ukuba nguwuphi umqhubi wenqwelo-moya obongozwa ngokukhethekileyo ukuba aluhlole ngocoselelo olu ludwe? Ngulo unamava! Ngenxa yamava kulula ukuba angakhathali adlulise nje usana kunina xa esenza olu hlolisiso.

2. Luluphi uludwe amele ahlale eluhlola amaKristu?

2 Njengomqhubi oluxhalabelayo ukhuseleko, nathi sinoludwe esimele sihlale siluhlola ukuze siqinisekise ukuba asiphelelwa lukholo xa kunzima. Enoba sisandul’ ukubhaptizwa okanye sineminyaka sikhonza uYehova, kufuneka sihlale sihlolisisa ukwendela kokholo nokuzinikela kwethu kuYehova. Xa singakwenzi oku sinokuzibona sisiya kuntlaleka ngokomoya. IBhayibhile isilumkisa ithi: “Lowo ucinga ukuba umile makalumke angawi.”—1 Kor. 10:12.

3. Yintoni ekwakufuneka ayenze amakristu aseGalati?

3 AmaKristu aseGalati kwakufuneka ahlolisise ukholo lwawo aze ayiqonde inkululeko yawo yokomoya. Ngenxa yedini lakhe, uYesu wabavulela indlela abo banokholo kuye ukuze bamazi uThixo ngendlela ebalaseleyo—babe ngoonyana bakaThixo! (Gal. 4:9) Ukuze bahlale benolo lwalamano, abaseGalati kwakufuneka bachase iimfundiso zamaYuda awayenyanzelisa ukuthotyelwa koMthetho kaMoses. Kaloku, amaKristu eeNtlanga ezingalukanga ayengekho phantsi koMthetho! AmaYuda nabantu beeNtlanga kwakufuneka benze inkqubela yokomoya. Kwakufuneka baqonde ukuba kwakungafuneki bathobele uMthetho kaMoses ukuze bakholise uThixo.

 AMANYATHELO OKUQALA UKUZE SAZI UTHIXO

4, 5. Sisiphi isiluleko sikaPawulos kwabaseGalati, ibe sibaluleke ngantoni kuthi?

4 Isiluleko sompostile uPawulos kwabaseGalati sabhalwa ngenjongo: ukuze amaKristu okwenyaniso angaze abunikele umva ubutyebi benyaniso yeBhayibhile abuyele kwizinto ezisemva. UYehova waphefumlela lo mpostile ukuze akukhuthaze bonke abanquli bakhe beme beqinile kungekuphela nje abo bakumabandla aseGalati.

5 Sonke simele sikhumbule indlela esakhululwa ngayo kubukhoboka bokomoya xa saba ngamaNgqina kaYehova. Ukuze sikhumbule, simele sicinge ngale mibuzo mibini: Ngaba usawakhumbula amanyathelo owawathathayo ukuze ufanelekele ukubhaptizwa? Usayikhumbula indlela wena owamazi ngayo nawakwazi ngayo uThixo watsho waziva ukhululeke ngokwenene ngokomoya?

6. Luluphi uludwe esimele siluhlolisise?

6 Sonke siye sathabatha amanyathelo asithoba. Njengoludwe lokuzihlola ngokomoya, loo manyathelo achazwe kwibhokisi ethi  “Amanyathelo Akhokelela Kubhaptizo Nokuqhubeka Ukhula.” Ukuhlala sizikhumbuza la manyathelo asithoba kuya kusinceda singabuyeli kwizinto zehlabathi esazishiyayo. Kanye njengokuba umqhubi wenqwelo-moya onamava kodwa eyiphaphel’ ingozi eqhubeka endiza ngokukhuselekileyo ngenxa yokuqala ahlole uludwe, nawe into eya kukunceda uzingise ekukhonzeni uThixo ngokuthembeka kukuhlolisisa uludwe lwakho lokomoya.

ABO BAZIWAYO NGUTHIXO BAYAKHULA NGOKOMOYA

7. Ngawaphi amazwi esimele siwathobele, yaye ngoba?

7 Uludwe lomqhubi wenqwelo-moya lumnceda akhumbule ukuba kukho izinto amele azihlole rhoqo ngaphambi kokunduluka. Nathi kufuneka sihlale sizihlola kuquka indlela esiye sahamba ngayo emva kokubhaptizwa. UPawulos wathi kuTimoti: “Bambelela emazwini aphilileyo owaweva kum ngokholo nothando olukuKristu Yesu.” (2 Tim. 1:13) Loo ‘mazwi aphilileyo’ afumaneka eBhayibhileni. (1 Tim. 6:3) ‘Amazwi aphilileyo’ asinceda sikuqonde oko uYehova akufunayo kuthi. Ngoko ke, makhe sijonge amanyathelo awakhokelela ekubeni sibhaptizwe ukuze sibone enoba siyawathobela kusini na amazwi aphilileyo enyaniso.

8, 9. (a) Kutheni simele siqhubeke sikhula elwazini naselukholweni? (b) Yenza umzekelo ngokubaluleka kokukhula ngokomoya nesizathu sokuba kufuneka siqhubeke sisenza inkqubela.

8 Into yokuqala kuludwe lwethu kufuneka sibe nolwazi. Emva koko, siya kuba nokholo. Kodwa kufuneka siqhubeke sikhula kuzo zombini ezi nkalo. (2 Tes. 1:3) Ukukhula kubandakanya ukuqhubeka usenza iinguqulelo ezithile eziphawulekayo. Kuthetha ukongezeleleka, ukwanda. Ngoko ke, emva kokubhaptizwa simele siqhubeke sikhula ngokomoya, ukuze singami ndawonye.

Umthi uqhubeka ukhula. Amele abe njalo ke namaKristu

9 Ukukhula ngokomoya sinokukuthelekisa nokukhula komthi. Umthi unokukhula ngendlela emangalisayo, ngakumbi xa iingcambu zawo zendele okanye zinabile. Ngokomzekelo, eminye imisedare emikhulu yaseLebhanon ide ifikelele kubude besakhiwo esinemigangatho eli-12, yaye ineengcambu ezomeleleyo ezendeleyo, nesiqu esiziimitha ezili-12. (INgoma 5:15) Emva kokukhula ngolo hlobo, lo mthi uqhubeka ukhula nakuba kungabonakali emehlweni oko. Minyaka le isiqu siyaxanda iingcambu zendele zize zinabe, utsho womelele  ngakumbi. Kunjalo nokukhula komKristu ngokomoya. Xa sisafundelwa iBhayibhile, sinokukhula ngokukhawuleza size sibhaptizwe. Ebandleni bayayibona loo nto baze bavuye. Sinokude sifanelekele ukuba ngoovulindlela okanye amanye amalungelo. Ngokuhamba kwexesha, kusenokungabi lula ukuba abanye bayibone inkqubela esiyenzayo. Sekunjalo, kusafuneka siqhubeke sikhula elukholweni naselwazini “ebudodeni obupheleleyo, kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.” (Efe. 4:13) Xa kunjalo senza inkqubela, sisuka ekubeni yimbewu encinane de sibe ngumKristu oqolileyo, umthi omkhulu owomeleleyo.

10. Kutheni kubalulekile ukuba namaKristu aqolileyo aqhubeke ekhula ngokomoya?

10 Kodwa ukukhula kwethu akumele kuphelele apho. Simele sibe nolwazi oluphangaleleyo nokholo olomeleleyo. Ngaloo ndlela siya kubambelela nkqi kwiLizwi likaThixo. (IMize. 12:3) Baninzi abazalwana noodade abaye bakwenza oko. Ngokomzekelo, omnye umzalwana obe ngumdala iminyaka engaphezu kwamashumi amathathu ufumanisa ukuba usakhula ngokomoya. Uthi: “Ngoku ndiyixabisa ngakumbi iBhayibhile. Ndihlala ndifumana amathuba amatsha okusebenzisa imigaqo nemithetho yeBhayibhile ngeendlela ezahlukeneyo. Ndiya ndibuxabisa ngakumbi ubulungiseleli.”

BUMELE BUKHULE UBUHLOBO BAKHO NOTHIXO

11. Yintoni enokusinceda simazi kakuhle uYehova ekuhambeni kwexesha?

11 Ukukhula kubandakanya ukusondela kwethu kuYehova, abe nguBawo noMhlobo wethu. Ufuna sizive samkelekile. Ufuna sizive sithandwa yaye sikhuselekile kanye njengomntwana xa esezandleni zomzali onothando okanye umhlobo wokwenene nonyanisekileyo. Kakade ke, ubuhlobo noYehova buya bukhula ngokuhamba kwexesha. Kuthatha ixesha ngaphambi kokuba simazi kakuhle size simthande. Ngoko ke, ukuze umazi kakuhle uYehova, umele uzimisele ukubekela bucala ixesha lokufunda iBhayibhile yonk’ imihla. Umele ufunde neMboniselo noVukani! kuquka ezinye iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni.

12. Simele senze ntoni ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova?

12 Into enceda abahlobo bakaThixo bakhule ngokomoya kukuthandaza ngokunyanisekileyo nonxulumano oluhle.  (Funda uMalaki 3:16.) ‘Iindlebe zikaYehova zisingise esikhungweni sabo.’ (1 Pet. 3:12) Njengomzali onothando, uYehova uyayiphulaphula imithandazo yethu xa sicela uncedo. Ngoko ke, kufuneka ‘sizingise emthandazweni.’ (Roma 12:12) Asinakuze sikhule ngokomoya ngaphandle koncedo oluvela kuThixo. Thina asinawo amandla aneleyo ukuba sixhathise ezi ngcinezelo zinzima kangaka zale nkqubo. Ukuyeka ukuthandaza, kufana nokuvala umjelo wamandla esiwafumana kuThixo osoloko ekulungele ukusinceda ngawo. Ngaba wanelisekile yimithandazo yakho, okanye uvakalelwa ukuba umele uphucule?—Yer. 16:19.

13. Kutheni kufuneka sinxulumane namanye amaKristu nje?

13 UYehova uyakholiswa ngabo bonke “abo bafuna kuye indawo yokusabela”; ngoko nasemva kokumazi, kufuneka sinxulumane rhoqo nebandla nabanye abamaziyo. (Nah. 1:7) Kweli hlabathi lizaliswe zizinto ezidimazayo, siya kuba silumkile xa sizama ukuhlala singqongwe ngabazalwana noodade abakhuthazayo. Kuya kusinceda ngantoni oko? Ebandleni sifumana abazalwana abaza kusivuselela “eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Heb. 10:24, 25) Olu thando athetha ngalo uPawulos kumaHebhere luthando lobuzalwana, abanquli abamanyene kwingcamango enye, ibandla. Kufuneka sinxulumane namanye amaKristu ukuze lubonakale olu thando. Simele sibekho rhoqo kwiintlanganiso yaye sibe nenxaxheba kuzo.

14. Kutshiwo njani ukuba ukuguquka nokujika kuyinto eqhubekayo?

14 Ekuqaleni, ukuze sibe ngamaKristu kwafuneka siguquke size sijike, okanye sishiye izono zethu. Kodwa ke, ukuguquka yinto eqhubekayo. Ekubeni singafezekanga, sihlala sinesono esihlala silungele ukuhlasela njengenyoka. (Roma 3:9, 10; 6:12-14) Masihlale sivule amehlo, singazibethi ngoyaba iimpazamo zethu. Okuvuyisayo kukuba uYehova unomonde kuthi ngoxa sizama ukulwa nobuthathaka bethu sisenza notshintsho olufunekayo. (Fil. 2:12; 2 Pet. 3:9) Into eya kusinceda gqitha kukulisebenzisa kakuhle ixesha lethu nezinto esinazo, sijike ekwenzeni izinto zokuzingca. Omnye udade uthi: “Ndakhulela enyanisweni, kodwa indlela endimjonga ngayo uYehova yayahlukile kwabanye. Ndandicinga ukuba umele oyikwe gqitha, ndandisithi andinakuze ndimkholise.” Ethubeni, lo dade wazibona sele “ethingaza ngokomoya” ngenxa yeentsilelo zakhe. Uthi: “Ndandimthanda yena uYehova, nto nje ndandingamazi ngokwenene. Kodwa, emva kokuzingisa emthandazweni, ndaqalisa ukutshintsha. Ndaqonda ukuba uYehova undithe chu ngesandla kanye njengomntwana njengoko endinceda nditsibe imiqobo, esenjenjalo ngononophelo, ukuze ndazi oko ndimele ndikwenze.”

15. Yintoni abayibonayo uYesu noYise?

15 ‘Qhubeka uthetha ebantwini’ ngeendaba ezilungileyo. Ingelosi kaThixo yaxelela uPetros nabanye abapostile la mazwi emva kokuhlangulwa ngendlela engummangaliso entolongweni. (IZe. 5:19-21) Enye into efunekayo kukuya kushumayela veki nganye. UYesu noYise bayalubona ukholo nobulungiseleli bethu. (ISityhi. 2:19) Umdala ekuthethwe ngaye kwisiqendu esingaphambili uthi: “Ubulungiseleli bungundoqo kuthi.”

16. Kutheni kubalulekile ukucinga ngokuzahlulela kwethu kuYehova?

16 Cinga ngokuzahlulela kwakho. Eyona nto ixabisekileyo sinayo lulwalamano lwethu noYehova. Uyabazi abakhe. (Funda  uIsaya 44:5.) Thandaza njengoko uhlolisisa ubunjani nobunzulu bolwalamano onalo noYehova. Khumbula umhla obalulekileyo wokubhaptizwa kwakho. Oko kuya kukunceda ukhumbule ukuba ukubhaptizwa kwakho sesona sigqibo sibalulekileyo kowakha wazenza.

HLALA USONDELE KUYEHOVA NGOKUNYAMEZELA

17. Kutheni kufuneka sinyamezele ukuze sihlale sisondele kuYehova?

17 Xa wayebhalela abaseGalati, uPawulos wayigxininisa imfuneko yokunyamezela. (Gal. 6:9) Loo nto isabalulekile kumaKristu nanamhlanje. Sehlelwa zizilingo, kodwa uYehova asincede. Qhubeka uthandazela umoya oyingcwele. Uya kukuthuthuzela ngokukunika uvuyo, endaweni yentlungu ube noxolo. (Mat. 7:7-11) Cinga nje: Ukuba uYehova uyazinyamekela iintaka, kobeka phi ngawe wena umthandayo noye wazinikela kuye? (Mat. 10:29-31) Enoba wehlelwa yintoni, ungaze ubuye umva; ungaze utyhafe. Sinobuncwane obungenakuthelekiswa nanto, ukwaziwa nguYehova!

18. ‘Ekubeni ngoku umazi uThixo,’ yintoni ozimisele ukuyenza?

18 Yintoni ke omele uyenze ukuba usandul’ ukumazi uThixo yaye ubhaptiziwe? Qhubeka uzama ukumazi uYehova, ukhule de uqole ngokomoya. Kuthekani ukuba uneminyaka ubhaptiziwe? Nawe, qhubeka uzabalazela ukuba lwendele luze luxananaze ulwazi onalo ngoYehova. Ngamana singangaze siluthathe lula ulwalamano lwethu naye. Simele sihlale siluhlola size siqiniseke ukuba luqhubeka lukhula ulwalamano esinalo noBawo wethu onothando, uMhlobo, noThixo wethu—uYehova.—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 13:5, 6.