“Sixelele, Ziya Kubakho Nini Na Ezi Zinto?”
“Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?”
1. Njengabapostile, yintoni esinomdla wokuyazi nathi namhlanje?
UYESU wayesele eza kubugqiba ubulungiseleli bakhe emhlabeni, babe abafundi bakhe belangazelela ukwazi oko bakuphathelwe likamva. Ngoko, kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi kokufa kwakhe, abapostile abane bambuza: “Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mat. 24:3; Marko 13:3) Ukuze abaphendule, uYesu wabachazela isiprofeto eside esikuMateyu isahluko 24 no-25. Kweso siprofeto, uYesu wachaza iziganeko eziliqela eziphawulekayo. Ekubeni nathi sinomdla gqitha koko sikuphathelwe likamva, impendulo yakhe ibalulekile nakuthi.
2. (a) Ukutyhubela iminyaka, yintoni ebesisoloko sizabalazela ukuyiqonda? (b) Yiyiphi imibuzo emithathu esiza kuyiqwalasela?
2 Ukutyhubela iminyaka, abakhonzi bakaYehova bebethandaza njengoko befundisisa esi siprofeto sikaYesu siphathelele imihla yokugqibela. Babezabalazela ukuliqonda kakuhle elona xesha lokuzaliseka kwamazwi akhe. Ukucacisa indlela eye yaphucuka ngayo indlela esiwaqonda ngayo, siza kuqwalasela imibuzo emithathu yokuba senzeka “nini” isiganeko ngasinye. Iqalisa nini “imbandezelo enkulu”? UYesu uzigweba nini “izimvu” ‘neebhokhwe’? UYesu ‘ufika’ okanye uza nini?
IQALISA NINI IMBANDEZELO ENKULU?
3. Yiyiphi indlela esasikade siliqonda ngayo ixesha lembandezelo enkulu?
3 Kangangeminyaka, sasicinga ukuba imbandezelo enkulu yaqalisa ngo-1914 xa kwaqhambuka iMfazwe Yehlabathi I kwanokuba ‘loo mihla yanqunyulwa’ nguYehova ngo-1918 ngokuphela kwaloo mfazwe ukuze intsalela ifumane ithuba lokushumayela iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga. (Mat. 24:
4. Kukuphi ukuqonda okwasinceda sacacelwa ngakumbi sisiprofeto sikaYesu esiphathelele imihla yokugqibela?
4 Noko ke, emva kokuphonononga esi siprofeto sikaYesu, safumanisa ukuba inxalenye yesi siprofeto semihla yokugqibela ineenzaliseko ezimbini. (Mat. 24:4-22) Sazaliseka okokuqala kwaYuda ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ibe sasiseza kuzaliseka ehlabathini lonke kulo mhla wethu. Ukuqonda oko kwakhokelela kwiingcaciso ezahlukeneyo.
5. (a) Liliphi ixesha elinzima elaqalisa ngo-1914? (b) Ukuqala kwenimba kunxibelelana naliphi ixesha ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo?
5 Saye saqonda nokuba inxalenye yokuqala yembandezelo enkulu ayizange iqalise ngo-1914. Sitsho ngoba? Kaloku isiprofeto seBhayibhile sityhila ukuba ukuqalisa kwembandezelo enkulu akuyi kuqalisa ngokulwa kweentlanga, kodwa ngokuhlaselwa konqulo lobuxoki. Ngoko ke, iziganeko ezaqalisa ngo-1914 zazingathethi ukuqalisa kwembandezelo enkulu, kodwa ‘ukuqala kwenimba.’ (Mat. 24:8) Oku ‘kuqala kwenimba’ kunxibelelana nento eyenzeka eYerusalem kwaYuda ukususela ngo-33 ukusa ngo-66.
6. Siza kubona ngantoni xa kuqalisa imbandezelo enkulu?
6 Siza kubona ngantoni xa kuqalisa imbandezelo enkulu? UYesu wathi: “Xa nibona into elizothe ebangela isiphanziso, njengoko kwathethwa ngayo ngomprofeti uDaniyeli, imi kwindawo engcwele, (ofundayo makaqiqe,) mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni.” (Mat. 24:
7. (a) ‘Yasinda njani inyama’ ngenkulungwane yokuqala? (b) Yintoni esilindele ukuba yenzeke kwixa elizayo?
7 UYesu wathi: “Loo mihla iya kunqunyulwa.” Kwinzaliseko yokuqala yesi siprofeto oku kwenzeka ngo-66. xa umkhosi wamaRoma ‘walunqumlayo’ uhlaselo lwawo. Andula ke, amaKristu athanjisiweyo aseYerusalem nakwelakwaYuda asaba yaza ke ‘inyama [okanye ubomi] yasinda.’ (Funda uMateyu 24:
8. (a) Ziziphi iziganeko eziya kwenzeka emva kwenxalenye yokuqala yembandezelo enkulu? (b) Liliphi ixesha ekubonakala ukuba ilungu lokugqibela labo bayi-144 000 liya kufumana umvuzo walo ezulwini? (Funda umqukumbelo.)
8 Yintoni eza kwenzeka emva kokudlula kwenxalenye yokuqala yembandezelo enkulu? Amazwi kaYesu abonisa ukuba kukho ixesha elithile eliza kudlula ngaphambi kokuqalisa kweArmagedon. Ziziphi iziganeko eziya kwenzeka ebudeni belo xesha? Impendulo siyifumana kuHezekile 38:
9. Isiprofeto sikaYesu sembandezelo enkulu sinayiphi imiphumo kubantu bakaYehova?
9 Esi siprofeto sembandezelo enkulu siyasomeleza. Ngoba? Kaloku sisiqinisekisa ukuba kungakhathaliseki ukuba bubuphi ubunzima esijamelana nabo, abantu bakaYehova njengeqela baya kuphumela bephila kwimbandezelo enkulu. (ISityhi. 7:
UYESU UZIGWEBA NINI IZIMVU NEEBHOKHWE?
10. Yiyiphi indlela esasikade siliqonda ngayo ixesha lokugwetywa kwezimvu neebhokhwe?
10 Ngoku makhe siqwalasele ixesha lenye inxalenye yesi siprofeto
11. Kutheni sisithi ukugwetywa kwabantu njengezimvu neebhokhwe kwakungenakuqalisa ngo-1914?
11 Ngeminyaka yee-1990, iMboniselo yahlolisisa ngokutsha incwadi kaMateyu 25:
12. (a) UYesu uya kuzigweba nini okokuqala zonke iintlanga? (b) Ziziphi iziganeko ezichazwe kuMateyu 24:
12 Esi siprofeto sikaYesu semihla yokugqibela sibonisa ukuba okwesihlandlo sokuqala uYesu uya kuba nguMgwebi wazo zonke iintlanga emva kokuba kutshatyalaliswe unqulo lobuxoki. Njengokuba kukhankanywe kwisiqendu 8, ezinye zeziganeko eziya kwenzeka ngelo xesha zichazwe kuMateyu 24:
13. (a) UYesu uya kubagweba nini abantu njengezimvu okanye iibhokhwe? (b) Le ndlela sikuqonda ngayo oku iyichaphazela njani indlela esibujonga ngayo ubulungiseleli bethu?
13 Sisiphi ke, isigqibo esifikelela kuso? UYesu uya kugweba abantu bazo zonke iintlanga njengezimvu okanye iibhokhwe xa efika ebudeni bembandezelo enkulu. Baya kwandula ke abo bafana neebhokhwe ‘banqunyulwe’ ngonaphakade eArmagedon, incopho yembandezelo enkulu. Le ndlela sikuqonda ngayo oku iyichaphazela njani indlela esibujonga ngayo ubulungiseleli bethu? Isinceda sibone indlela obaluleke ngayo umsebenzi wethu wokushumayela. De imbandezelo enkulu iqalise, abantu basenethuba lokuguquka baze bangene kwindlela emxinwa “esa ebomini.” (Mat. 7:
UYESU UFIKA OKANYEUZA NINI?
14, 15. Ziziphi izibhalo ezine ezibhekisela ekuzeni kukaYesu kwixa elizayo eze kugweba?
14 Ngaba ukuphonononga kwethu esi siprofeto sikaYesu kufuna sizikise ukucinga kwindlela esiliqonda ngayo ixesha lezinye iziganeko eziphawulekayo? Impendulo siyifumana kwakwesi siprofeto. Makhe sibone.
15 Kwinxalenye yesiprofeto sakhe esikuMateyu 24:29–25:46, uYesu unikela ingqalelo ngokuyintloko koko kuya kwenzeka kule mihla yokugqibela nasebudeni bembandezelo enkulu ezayo. Apho uYesu ubhekisela ‘ekuzeni,’ okanye ekufikeni kwakhe izihlandlo ezisibhozo. Ngokuphathelele imbandezelo enkulu, uthi: “Ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini.” “Aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.” “UNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.” Kumzekeliso wakhe wezimvu neebhokhwe, uYesu uthi: “Xa uNyana womntu efika esebuqaqawulini bakhe.” (Mat. 24:
16. Ziziphi ezinye izibhalo ezithetha ngokuza kukaYesu?
16 Ngokuphathelele ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi, uYesu uthi: “Linoyolo elo khoboka ukuba inkosi yalo yakufika ilifumana lisenjenjalo.” Kumzekeliso weentombi ezinyulu, uYesu uthi: “Ngoxa babesiya kuthenga, wafika umyeni [“weza,” ngokweKingdom Interlinear].” Kumzekeliso weetalente, uYesu uthi: “Emva kwexesha elide inkosi yaloo makhoboka yeza.” Kwakulo mzekeliso, inkosi ithi: “Ekufikeni kwam ndamkele oko kukokwam.” (Mat. 24:
17. Sasikade sisithini ngokufika okuchazwa kuMateyu 24:46?
17 Kwiimpapasho zethu zangaphambili sakha sathi ezi zihlandlo zine zibhekisela ekufikeni okanye ekuzeni kukaYesu, ngo-1918. Umzekelo woko, ngamazwi kaYesu aphathelele “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Funda uMateyu 24:
18. Sisiphi isigqibo esifikelela kuso xa sisihlolisisa sonke isiprofeto esiphathelele ukuza kukaYesu?
18 Kwiivesi ezingaphambi kwekaMateyu 24:
19. Ziziphi iinkalo esiye sazikisa ukucinga kuzo kwindlela ebesiziqonda ngayo, ibe yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa kumanqaku alandelayo?
19 Ngamafutshane, yintoni esiyifundileyo? Ekuqaleni kweli nqaku, siphakamise imibuzo emithathu yokuba senzeka “nini” isiganeko ngasinye. Siqale saxubusha ngento yokuba imbandezelo enkulu ayizange iqalise ngo-1914 kodwa iza kuqalisa xa iZizwe Ezimanyeneyo zihlasela iBhabhiloni Enkulu. Emva koko, sihlolisise isizathu sokuba uYesu engazange azigwebe ngo-1914 izimvu neebhokhwe kunoko eza kwenjenjalo ebudeni bembandezelo enkulu. Siye sahlolisisa nesizathu sokuba sisithi ukufika kukaYesu eze kumisela ikhoboka elithembekileyo phezu kwayo yonke impahla yakhe akuzange kwenzeke ngo-1919 kunoko kuza kwenzeka ebudeni bembandezelo enkulu. Ngoko ke, yomithathu le mibuzo yokuba senzeka “nini” isiganeko ngasinye, ibhekisela kwixesha elinye elizayo
Isiqendu 4: Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iMboniselo, kaFebruwari 15, 1994, iphepha 8-
Isiqendu 8: Esinye seziganeko ezikhankanywe kwezi vesi ‘kukuhlanganisela ndawonye abo banyuliweyo.’ (Mat. 24:
Isiqendu 11: Funda iMboniselo kaOktobha 15, 1995, iphepha 18-
Isiqendu 12: Funda ingxelo efanayo kuLuka 21:28.
Isiqendu 15: Igama elithi ‘ukuza’ nelithi “ekufikeni” aguqulelwe kumagama anesenzi sesiGrike esifanayo esithi, er′kho·mai.
Isiqendu 18: Njengokuba kuphawuliwe, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “yakufika” kuMateyu 24: