Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oko Sinokukwenza Ukuze Sinyamekele Abanye

Oko Sinokukwenza Ukuze Sinyamekele Abanye

UFRANÇOIS, ongumdala kwelinye ilizwe elisakhulayo uthi: “Kwaqhambuka udushe ngenxa yokruthakruthwano ngeziphumo zonyulo, kwanyanzeleka ukuba amawaka amaNgqina kaYehova abhace eshiya amakhaya awo. Kwanqongophala ukutya namayeza, aza namaxabiso axhoma ngendlela engathethekiyo. Kwavalwa iibhanki, baza oomatshini bokukhupha imali bayeka ukusebenza.”

Abazalwana abakwiofisi yesebe bakhawuleza benza iindlela zokusa imali nezinye izinto ezifuneka ngokungxamisekileyo kumaNgqina awayebalekele kwiiHolo zoBukumkani kulo lonke elo lizwe. Amaqela angquzulanayo avala iindlela, kodwa ekubeni omabini loo macala ayesazi ukuba amaNgqina akathathi cala kuloo mbambano, iimoto zeofisi yesebe zazidla ngokuvunyelwa ukuba zidlule.

Noko ke, uFrançois uthi: “Sathi sisaya kwenye iHolo yoBukumkani, seva ngemvula yeembumbulu kuloo moto yethu. Kodwa ke, ezo mbumbulu zasiphosa. Sathi sakubona elinye ijoni libaleka lisiza kuthi lisikhombe ngombayimbayi, sajika imoto, sayivuthela umcephe, sayazi ebesize ngayo. Sambulela gqitha uYehova ngokusisindisa. Kusuku olulandelayo, abazalwana abayi-130 ababekuloo Holo yoBukumkani bafuduka baya kufika kwenye indawo ekhuselekileyo. Abanye beza kwiofisi yesebe, saza sabanyamekela de sadlula eso sidubedube.”

UFrançois uthi: “Kamva iofisi yesebe yafumana inqwaba yeeleta ezivela kubazalwana kulo lonke elo lizwe bebulela. Ukubona abazalwana babo bephuma kwezinye iindawo ukuze babancede kwabenza bamthemba ngakumbi uYehova.”

Xa kusehla iintlekele, enoba zezemvelo okanye zibangelwa ngabantu, asisongi zandla size sithi kubazalwana noodadewethu, ‘fudumalani nize nihluthe.’ (Yak. 2:15, 16) Kunoko, sizama ukubanceda ngezinto abazidingayo. Ngokufanayo, emva kokuva isilumkiso ngendlala eyayiza kubakho ngenkulungwane yokuqala, “abo babengabafundi bazimisela, ngamnye kubo kangangoko wayenako, ukuthumela ulungiselelo lwamancedo kubazalwana ababehlala kwelakwaYuda.”IZe. 11:28-30.

Njengabakhonzi bakaYehova, sizimisele ukubanceda abo basweleyo. Noko ke, abantu kufuneka bancedwe nangokomoya. (Mat. 5:3) Ukuze abancede baqonde ukuba bayamdinga uThixo nokuze bancedwe basondele kuye, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba benze abafundi. (Mat. 28:19, 20) Sisebenzisa ixesha lethu, amandla, nezinto esinazo ukuze siphumeze olo thumo. Intlangano kaYehova ikhe iyikhuphe imali ukuze kuncedwe abazalwana abasweleyo, kodwa eyona njongo iphambili yeminikelo kukuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. Xa sixhasa lo msebenzi, sibonisa ukuba sithanda uThixo nabamelwane.Mat. 22:37-39.

Abo baxhasa umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ngamaNgqina kaYehova banokuqiniseka ukuba iminikelo abayenzayo isetyenziswa kakuhle. Ngaba nawe unako ukunceda abazalwana abasweleyo? Ngaba unomnqweno wokuxhasa umsebenzi wokwenza abafundi? Ukuba kunjalo, “musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana, xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.”IMize. 3:27.