Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uvuyo Olubangelwa Kukupha

Uvuyo Olubangelwa Kukupha

“Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZENZO 20:35.

Isizathu sokuba abanye bebhiyozela iKrismesi.

Kanye njengoko uYesu watshoyo, ukupha kubangela lowo uphiwayo nophayo bavuye. Abo bafuna olo vuyo, bajonga ukuphana izipho njengenye yezona zinto zibalulekileyo ngexesha leKrismesi. Nkqu nakunyaka ophelileyo obuneemeko ezinzima kwezoqoqosho, olunye uhlolisiso lufumanise ukuba, eIreland, ntsapho nganye ibilindeleke ukuba ichithe ngaphezulu kwama-R5 500 kwizipho zeKrismesi.

Kutheni ilucelomngeni nje le nto kwabanye?

Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukupha abanye izipho ngeKrismesi kuyacinizela yaye akuzisi vuyo lungakumbi. Yenzeka njani loo nto? Abaninzi bavakalelwa kukuba banyanzelekile ukuba bathenge izipho abangenakuzifikelela. Kwakhona, ekubeni abantu bethenga izipho ngaxeshanye, kuyagcwala yaye kuyaphithizela ezivenkileni nto leyo eyenza ingqondo ixakaniseke.

Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda?

“Ziqheliseni ukupha,” watsho njalo uYesu. * (Luka 6:38) Akazange athi abantu mabaphane izipho ngexesha elithile enyakeni. UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba ukupha kube ngumkhwa ozenzekelayo kubomi babo.

“Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) Eyona nto yayithethwa nguPawulos kukuba, “makungabikho mntu uziva ‘enyanzelekile,’ ngokungathi uqhutywe ngasemva ukuze aphe” yatshonjalo enye imbekiselo yeBhayibhile. Ukuba “ngumphi ochwayitileyo” kususa naziphi na iimvakalelo zokuziva ubophelelekile ukuba uthenge isipho esifunwa nguloo mntu ngexesha elithile—njengokuba kuye kube njalo ngexesha leKrismesi.

“Ukuba umntu unolangazelelo kuqala, umnikelo wakhe wamkeleka ngakumbi ngokoko anako, kungekhona ngokoko angenako.” (2 Korinte 8:12) UThixo akafuni amaKristu angene zwabha ematyaleni ukuze athengele abanye izipho zexabiso. Endaweni yoko, xa umntu esipha ngokoko anako,’ asijongwa njengesipho njee kodwa “njengesixabisekileyo.” Okunjani ukungqubana phakathi kwala mazwi nalawo ezentengiso abasematheni ngexesha leKrismesi athi, “thenga ngoku, ubhatale kamva!”

^ isiqe. 8 Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ngokulula zisuke nje zithi: “Yipha.” Noko ke, kumbhalo wesiGrike wantlandlolo, esi senzi sibonisa isenzo esiqhubekayo. Ukuze ibonise indlela ecacileyo uYesu awalisebenzisa ngayo eli gama, INguqulelo Yehlabathi Elitsha ithe “ziqheliseni ukupha.”