Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IMIBUZO YABAFUNDI . . 

Ngaba UYesu Wathembisa Umenzi-bubi Ukuba Uza Kumsa Ezulwini?

Ngaba UYesu Wathembisa Umenzi-bubi Ukuba Uza Kumsa Ezulwini?

Lo mbuzo ubangelwa kukuba uYesu wathembisa umenzi-bubi owayebethelelwe ecaleni kwakhe ubomi eParadesi. UYesu wathi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Phawula ukuba uYesu akazange achaze ukuba iza kuba phi loo Paradesi. Ngaba uYesu wayethetha ukuba laa menzi-bubi uza kuya naye ezulwini?

Okokuqala, makhe sijonge ukuba umoni wayekufanelekela kusini na ukuya ezulwini. Ezulwini kuya abafundi bakaYesu abaye babhaptizwa ngamanzi nangomoya oyingcwele ukuze bathengwe ukuba babe ngoonyana bakaThixo. (Yohane 3:3, 5) Kwakhona, kufuneka bathobele imithetho kaThixo baze babe neempawu ezinjengokunyaniseka, ukholo novelwano. (1 Korinte 6:9-11) Eny’ into, kufuneka banyaniseke kuThixo nakuKristu de bafe. (Luka 22:28-30; 2 Timoti 2:12) Kuxa befikelela ezi mfaneleko kuphela apho babonisa khona ukuba bayafaneleka ukuya kulawula ezulwini noKristu, apho beya kuba ngababingeleli nookumkani babantu iminyaka eliwaka.—ISityhilelo 20:6.

Ngokwahlukileyo, indoda eyayibethelelwe noYesu yayisisikrelemnqa de yaya kufa. (Luka 23:32, 39-41) Yinyaniso ukuba yathetha ngembeko xa yathi kuYesu: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” (Luka 23:42) Sekunjalo, ayizange ibhaptizwe ize ibe ngumfundi kaYesu ozelwe ngomoya, ibe ayizange iphile ngemithetho kaThixo nangokunyaniseka. Ngaba uYesu wayenokuthembisa loo moni ukuba uya kuba ngukumkani kunye nabalandeli bakhe ababeye banyaniseka kuThixo de bafa?—Roma 2:6,7.

Ngokomzekelo: Makhe sithi indoda ethile icela uxolo kuwe kuba iye yeba imali yakho, uze ugqibe kwelokuba ungayimangaleli. Ngaba ubunokuyithemba kangangokuba ude uthi mayiqhube ishishini lakho okanye ihoye intsapho yakho? Hayi, kodwa loo msebenzi ubuya kuwunika kuphela abantu obathembe ngokupheleleyo. Ngokufanayo, ezulwini kuya abo baye babonisa ngokucacileyo ukuba baza kukwazi ukugcina imithetho kaThixo xa belawula abantu. (ISityhilelo 2:10) Nangona laa moni wayevakala ecela uxolo ngokunyanisekileyo, akazange abonise bungqina bokuba unazo ezi mpawu zikhankanyiweyo.

Kodwa ngaba uYesu akazange athi kumoni uya kuba naye ezulwini kwangala mini? Kwakungena kuba njalo, kuba kaloku noYesu akazange aye ezulwini kwangala mini. Kunoko, ‘wayesembilinini womhlaba’ okanye engcwabeni, kangangeentsuku ezintathu. (Mateyu 12:40; Marko 10:34) Nasemva kokuvuswa kwakhe, wahlala emhlabeni kangangeentsuku ezingama-40 ngaphambi kokuba anyukele ezulwini. (IZenzo 1:3, 9) Ngoko ke, laa moni wayengenakuba noYesu ezulwini kwangala mini.

Yiyiphi ke ngoko le Paradesi wayeyithenjisiwe? Emva kovuko, uza kuphila emhlabeni oza kuba yiParadesi elawulwa nguYesu. (IZenzo 24:15; ISityhilelo 21:3, 4) Ukuze ufunde okungakumbi ngeParadesi nangemithetho kaThixo, dibana namaNgqina kaYehova.