Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 SONDELA KUTHIXO

“Iimpawu Zakhe Ezingabonakaliyo Zibonwa Ngokucacileyo”

“Iimpawu Zakhe Ezingabonakaliyo Zibonwa Ngokucacileyo”

Ngaba uyakholelwa kuThixo? Ukuba kunjalo, ungabolatha ubungqina bobukho bakhe? Inyaniso yeyokuba singqongwe bubungqina bobukho boMdali onobulumko, amandla, nothando. Buyintoni obu bungqina, yaye bucace kangakanani? Ukuze ufumane impendulo, cinga ngamazwi afumaneka kwileta kampostile uPawulos eya kumaKristu aseRoma.

UPawulos wathi: “Iimpawu zakhe [uThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe, khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka.” (Roma 1:20) Njengoko uPawulos ebonisile, uMdali ushiye istampu sakhe kumsebenzi wezandla zakhe. Makhe siqwalasele la mazwi kaPawulos.

UPawulos waphawula ukuba iimpawu zikaThixo zinokubonakala “ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili.” Kule meko, igama lesiGrike elithi ‘ihlabathi’ alibhekiseli kwisijikelezi langa uMhlaba. Kunoko libhekisela ebantwini. * Ngoko ke, uPawulos uthi ukususela ekudalweni kwabo, abantu babenokubona ubungqina beempawu zoMdali kwizinto azenzileyo.

Obu bungqina busingqongile. Indalo isenza ‘sibubone ngokucacileyo.’ Ukususela kweyona nto inkulu ukusa kweyona incinane eyakha yadalwa, yonke indalo ityhila ngokucacileyo kungekuphela ukuba kukho uMdali, kodwa nokuba uneempawu ezimangalisayo. Ubuchule bokuyila obucacileyo kwindalo abubonakalisi ubulumko bukaThixo na? Isibhakabhaka esizele iinkwenkwezi, nokulwatyuza kwamaza olwandle akutyhili amandla akhe na? Iintlobo ngeentlobo zokutya okumnandi, nobuhle bokuphuma nokutshona kwelanga abutyhili uthando lwakhe ngabantu na?INdumiso 104:24; Isaya 40:26.

Bucace kangakanani obu ubungqina? Bucace gca kangangokuba abo bangabuboniyo, baze ngaloo ndlela bale ukukholelwa kuThixo abanako ‘ukungxengxezeleka.’ Omnye umphengululi uyicacisa ngolu hlobo le nto: Yiba nombono womqhubi ongaluhoyiyo uphawu lwendlela oluthi “Jika Ekhohlo.” Umiswa lipolisa lize limbhale itikiti. Lo mqhubi uzama ukuzithethelela ngokuthi khange alubone uphawu. Kodwa akathetheleleki kuba uphawu lubonakala ngokucacileyo yaye nomqhubi ubona kakuhle. Kakade ke, yimbopheleleko yomqhubi ukulumkela nokuthobela iimpawu ezinjalo. Kunjalo ke nangobungqina bobukho bukaThixo esibubona kwindalo. Olu “phawu” lucacile. Njengezidalwa ezikwaziyo ukucinga, siyakwazi ukulubona. Asikho isizathu sokungaluhoyi.

UMdali ushiye istampu sakhe kumsebenzi wezandla zakhe

Indalo isichazela okuninzi ngoMdali wethu. Kodwa iBhayibhile yona isichazela okungakumbi ngaye. Isinika impendulo yalo mbuzo ubalulekileyo: Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba nangabantu abahlala kuwo? Ukufumana impendulo yaloo mbuzo kungakunceda usondele ngakumbi kuThixo oneempawu ‘ezibonwa ngokucacileyo’ kumhlaba osijike­lezileyo.

Iivesi ZeBhayibhile Onokuzifunda NgoAgasti

Roma 1-16

^ isiqe. 5 IBhayibhile ithetha ‘ngehlabathi’ elinesono nekufuneka umsindisi kulo, oku kubonisa ngokucacileyo ukuba kwiimeko ezinjalo eli gama libhekisela ebantwini kungekhona umhlaba.Yohane 1:29; 4:42; 12:47.