XELISA UKHOLO LWABO | UNOWA
Wasindiswa “Nabanye Abasixhenxe”
NOWA nalo lonke usapho lwakhe babekunye ngoxa kwakusina izantyala-ntyala zemvula. Khawube nombono wabo, kubonakala nje izithunzi zabo ezibangelwa sisibane seoyile, bothukile ngoxa bemamele imvula egalela eluphahleni nasemacaleni omkhombe. Inoba yayisitsho ngamandla.
Njengoko uNowa wayejonge usapho lwakhe
UNowa wayenokholo olungummangaliso. Kwakungenxa yolu kholo le nto uYehova uThixo wamkhuselayo nentsapho yakhe. (Hebhere 11:7) Ngaba olu kholo lwaluza kuphela nje bakungena emkhombeni? Akunjalo, kwakusafuneka babenalo olu phawu nasemva kokungena kwabo. Oku kuyafana nathi namhlanje. Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kukholo lukaNowa.
“IIMINI EZIMASHUMI MANE NOBUSUKU OBUMASHUMI MANE”
Imvula yaqhubeka inetha ‘kangangeemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane.’ (Genesis 7:
Lo mkhukula wanceda ekupheliseni imvukelo yezithunywa zezulu. Zityhefwe nguSathana, iingelosi ezininzi “zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala” esezulwini, ukuze zibe nabafazi apha emhlabeni, loo nto yabangela ukuba zizale izigantsontso zabantwana ababizwa ngokuba ziiNefili. (Yude 6; Genesis 6:4) Ayithandatyuzwa indlela uSathana awayevuya ngayo xa ebona le mvukelo njengoko yayiphazamisa nabantu basemhlabeni.
Kodwa ke, njengoko le mvula yayigalela, kwanyanzeleka ukuba ezi ngelosi ziyilahle imizimba yazo yenyama zize zibuyele kummandla womoya, kwaye azizange ziphinde ziyifumane loo mizimba. Zashiya abafazi kunye nabantwana bazo ukuba bafe.
UYehova waqalisa ukulumkisa abantu ngalo mkhukula ngemihla kaEnoki, phantse iinkulungwane ezisixhenxe ngaphambili. (Genesis 5:
Akunjalo! KwanoThixo onenceba akazange ayivuyele. (Hezekile 33:
Khawuthekelele ukuba kwakunjani ngeza ntsuku ziyi-40 uNowa nosapho lwakhe besemkhombeni. Njengokuba izantyala-ntyala zazizenzela suku nosuku, inokuba bosibhozo babesenza imisebenzi emincinci kwalapha emkhombeni
Umel’ ukuba uNowa waba nombulelo gqitha
UYehova akakatshintshi. (Malaki 3:6) UYesu Kristu wathi la maxesha siphila kuwo namhlanje afana nqwa ‘nemihla kaNowa.’ (Mateyu 24:
“BATHWALWA NGOKUKHUSELEKILEYO EMANZINI.”
Njengoko lo mkhombe wawusiya unyuka, abo babekuwo babephulaphule izandi zokukrikriza kwamaplanga. Ngaba uNowa wayenexhala ngobukhulu bamaza okanye ukomelela komkhombe? Akunjalo. Izinto ezinjalo zinokucingwa ngabantu banamhlanje kodwa kwakungenjalo kuNowa. IBhayibhile ithi: “Ngokholo uNowa. . . wakha umkhombe.” (Hebhere 11:7) Ukholo entwenini? UYehova wenza isivumelwano noNowa ukuba uza kumkhusela, yena kunye nabo babekunye naye kuloo Mkhukula. (Genesis 6:
Imvula yayeka ukunetha emva kweentsuku ezingama-40. Kwikhalenda yethu, elo xesha limalunga noDisemba 2370 B.C.E. Kodwa kwakusekude ukuba le ntsapho iphume emkhombeni. Le nqanawakazi izele zizilwanyana ezahlukeneyo yayindanda phezu kwezona ntaba zakha zankulu emhlabeni. (Genesis 7:
Kuyabonakala ukuba uNowa wayezigcina engqondweni izinto ezazisenzeka imihla ngemihla. Loo ngxelo isixelela umhla eyaqala ukunetha ngayo imvula kunye nomhla eyayeka ngayo. Iphinda ichaze ukuba yonk’ into esemhlabeni yayiphantsi kwamanzi kangangeentsuku eziyi-150. Ekugqibeleni, amanzi aqalisa ukuwutha. Ngenye imini abangasoze bayilibale, “umkhombe wema kwiintaba zeArarati,” ezingakwiTurkey yemihla yethu. Kumel’ ukuba kwakungoAprili 2369 B.C.E. Iinkcochoyi zeentaba zaqala ukubonakala ngoJuni, kwiintsuku eziyi-73 kamva. Kwiinyanga ezintathu kamva ngoSeptemba, uNowa wagqiba kwelokuba asuse amanye amaplanga eluphahleni. Oko kwanceda kakhulu, kuba batsho bafumana ilanga kunye nempepho epholileyo. Efuna ukuqiniseka ukuba kuyahlaleka emhlabeni, uNowa wakhupha ihlungulu, labhabha kodwa kamva laphinda labuya, okwesibini wakhupha ihobe elada lafumana indawo eyomileyo elinokuhlala kuyo ngaphandle komkhombe.
Alithandabuzeki elokuba uNowa wayexakeke nazizinto zobuthixo. Singazenzela umfanekiso-ngqondweni wale ntsapho ihlanganisana rhoqo ukuze ithandaze ize incokole ngendlela uYehova uBawo osezulwini ayikhusele ngayo. Kuzo zonke izigqibo ezibalulekileyo, uNowa wayefuna ukhokelo lukaThixo. Nasemva kokuba ebonile ukuba ‘umhlaba womile’
Iintloko zamakhaya namhlanje zingafunda okuninzi kumzekelo wale ndoda inokholo. Yayinocwangco, ikhuthele emsebenzini, ingangxami kwaye ibakhusela bonke abo bendlu yayo. Kodwa olona phawu lubalaseleyo kukubeka ukwenza ukuthanda kukaThixo kuqala. Ukuba siyamxelisa uNowa ngezi mpawu, siya kubangela ukuba kubekho intsikelelo kubo bonke abo sibathandayo.
“PHUMA EMKHOMBENI”
Ekugqibeleni uYehova wada watsho. Wathi kuNowa, “Phuma emkhombeni, wena nomfazi wakho noonyana bakho noomolokazana bakho.” Bathobela baza balandelwa zizilwanyana. Njani? Ngaba zazinalo ucwangco? Ewe! Le vesi yeBhayibhile iqhubeka isithi, “zaphuma emkhombeni ngokweentsapho zazo.” (Genesis 8:
UNowa wayeyazi into emele yenziwe kuqala
IBhayibhile isiqinisekisa ngale mpendulo: “UYehova weva ivumba elithozamisayo.” La ntlungu uYehova wayenayo ngoxa abantu babewuzalisile umhlaba ngobubi, yajika yayimigcobo novuyo olungathethekiyo xa wayejonge intsapho ethembekileyo esemhlabeni neyayizimisele ukwenza ukuthanda kwakhe. UYehova wayengalindelanga mfezeko. Le vesi inye iqhubeka ngolu hlobo: “Intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” (Genesis 8:
UYehova wasisusa isiqalekiso somhlaba. Ngaphambidlana, ngemihla yokuvukela ka-Adam noEva, uThixo wawuqalekisa umhlaba, oko kwaphumela ekubeni kube nzima kakhulu ukutyala uze uvelise iziqhamo ezintle. Uyise kaNowa uLameki wamthiya kakuhle unyana wakhe, onegama ekusenokwenzeka ukuba lithetha “Ukuphumla” okanye “Ukukhululeka,” kwaye waxela kwangaphambili ukuba unyana wakhe wayeya kukhokela abantu aze abakhulule kwisiqalekiso. UNowa wavuya kakhulu akuva ukuba esi siprofeto sasiza kuzalisekiswa nguye kwaye umhlaba wawuza kuchuma ngakumbi. Yiyo loo nto uNowa waba ngumlimi emva koko!
UYehova wanika inzala kaNowa imithetho elula necacileyo ababemele bayilandele
Ukuba eli bali likaNowa laliyintsomi, ngelaphela ngala mnyama. Kodwa uNowa wayengumntu oqhelekileyo, ibe ubomi bakhe babungelulanga. Ngaloo maxesha abantu babesaphila ixesha elide, loo ndoda ithembekileyo kwakuza kufuneka inyamezele eminye iminyaka eyi-350 neyayineenkathazo. Wenza impazamo enkulu xa wanxila ngesinye isihlandlo, kodwa oyena mntu wona nangakumbi ngumzukulwana wakhe uKanan
NjengoNowa, kufuneka sibe nokholo size sinyamezele. Xa abantu abasingqongileyo bemnyhasha uThixo, okanye bemshiya, kufuneka sixelise uNowa singanikezeli. UYehova uyakuxabisa ukunyamezela okunjalo. Njengoko uYesu watshoyo, “lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.”
^ isiqe. 17 Abanye bacinga ukuba uThixo wazenza azabi namandla ezi zilwanyana okanye zatyhafa, loo nto yazinceda azafuna kutya kuninzi ukuze zihlale ziphila. Enoba wayenza loo nto okanye akunjalo, wasigcina isithembiso sakhe sokuqinisekisa ukuba bonke abo bangaphakathi bakhuselekile.
^ isiqe. 22 Enye into eyayingasekho emhlabeni yindawo owawukuyo uMyezo we-Eden, ekusenokwenzeka ukuba wonakaliswa zizikhukula zamanzi. Ukuba kunjalo, iikherubhi ezaziwugadile loo myezo zazinokukwazi ngoku ukubuyela ezulwini, emva kokwenza lo msebenzi mhle kangangeminyaka eyi-1 600.