INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA
Ubuxoki Bokuba UThixo Akanalo Igama
OKO KUKHOLELWA NGABANTU ABANINZI
“Asikavumelani enoba uThixo unalo igama, yaye ukuba unalo, lithini.”
INYANISO ESEBHAYIBHILENI
UThixo wathi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” (Isaya 42:8) Igama elithi Yehova ligama lesiHebhere elithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.”
UYehova ufuna silisebenzise igama lakhe. IBhayibhile ithi: “Bizani egameni lakhe. Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe. Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu.”
UYesu walisebenzisa igama likaThixo. Xa wayethandaza uYesu wathi: “Ndilazisile igama lakho kubo [kubafundi bakaYesu] yaye ndiza kulazisa.” Kwakutheni ukuze uYesu alazise igama likaThixo kubafundi bakhe? Uthi: “Ukuze uthando owandithanda ngalo [Thixo] lube kubo ndize nam ndimanyane nabo.”
KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?
Umfundisi uWalter Lowrie wathi: “Umntu ongalaziyo igama likaThixo akamazi ibe akanakumthanda xa ecinga ukuba ungamandla nje.”
Ukulisusa igama likaThixo kufana nokulikhupha ngokupheleleyo eBhayibhileni
Indoda egama linguVictor yayisiya rhoqo ecaweni, kodwa yayingamazi uThixo. Ithi: “Ndafunda ukuba igama likaThixo nguYehova, yaba ngathi ndiyaqala ukwaziswa kuye. Ndandivakalelwa kukuba ndide ndamazi Lo mntu bendisoloko ndisiva ngaye. Waba nguMntu wokwenene kum ndaza ndafuna ukuba ngumhlobo wakhe.”
UYehova uyasondela ebantwini abasebenzisa igama lakhe. UThixo uthembisa abo “bacinga ngegama lakhe” esithi: “Ndiza kubabonisa imfesane, kanye njengomntu obonisa imfesane kunyana wakhe omkhonzayo.” (Malaki 3: