INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA ISIPHELO SIKUFUPHI?
Abaninzi Baza Kusinda Xa Kufika Isiphelo—Nawe Ungasinda
IBhayibhile isichazela ukuba ukufika kwesiphelo kuthetha intshabalalo. Ithi: “Kuya kubakho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, . . . Enyanisweni, ngaphandle kokuba loo mihla inqunyulwe, bekungayi kubakho nyama isindayo.” (Mateyu 24:21, 22) Kodwa uThixo usithembisa ukuba abantu abaninzi baza kusinda. Uthi: “Ihlabathi liyadlula . . . , kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
Yintoni ofanele uyenze ukuba ufuna ukusinda xa kutshatyalaliswa eli hlabathi uze ‘uhlale ngonaphakade’? Ngaba ufanele uqokelele ukutya nempahla eninzi okanye wenze amanye amatiletile okuzisindisa? Hayi. Nantsi into iBhayibhile esibongoza ukuba siyenze: “Ekubeni ke zonke ezi zinto ziza kuchithakala, luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, nihlale nibulindile yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova.” (2 Petros 3:10-12) Xa isithi “zonke ezi zinto ziza kuchithakala” ibhekisela koorhulumente abalawulayo nakubantu abakhetha ulawulo loorhulumente kunolukaThixo. Ngoko kucacile ukuba, ukuqokelela izinto eziphathekayo akuyi kusisindisa ekutshabalaleni.
Ngoko ukuze sisinde simele sizinikele kuYehova uThixo size sifunde ngehambo nezenzo ezimkholisayo. (Zefaniya 2:3) Kunokuba silandele umndilili ongazihoyanga iziganeko ezibonisa ukuba isiphelo sikufuphi, simele ‘sihlale sibulindile yaye sibukhumbula ubukho bemini kaYehova.’ AmaNgqina kaYehova angakubonisa eBhayibhileni indlela onokusinda ngayo ngaloo mini.