Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba ubomi buphelele apha?

Ngaba ukhe ubone ngathi ubomi bufutshane kakhulu?

Ngaba wakha wacinga ukuba ubomi abuphelelanga nje ekudlaleni, ekusebenzeni, ekutshateni, ekukhuliseni intsapho nasekwaluphaleni? (Yobhi 14:1, 2) IBhayibhile iyasibonisa ukuba nabona bantu balumkileyo bakhe bacinge ngale nto.—Funda iNtshumayeli 2:11.

Ngaba ubomi bunenjongo? Kuqala, simele sizibuze, Baqala njani ubomi? Emva kokucingisisa kakuhle ngendlela emangalisayo eyenziwe ngayo ingqondo nomzimba wethu, abaninzi baye bagqiba kwelokuba kukho uMdali osisilumko owasidalayo. (Funda iNdumiso 139:14.) Ukuba kunjalo, umele ukuba wasidala ngenjongo! Ukwazi loo njongo kunokusenza sibunandiphe ngakumbi ubomi.

Badalelwa ntoni abantu?

UThixo wabasikelela abantu bokuqala, waza wabanika umsebenzi owonwabisayo. Injongo yakhe yayikukuba bawuzalise umhlaba, bawenze iparadesi baze baphile kuwo ngonaphakade.—Funda iGenesis 1:28, 31.

Injongo kaThixo yalibaziseka xa abantu bavukela ulawulo lwakhe. Kodwa akazange asincame, okanye atshintshe injongo yakhe. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo uzimisele ukubasindisa abantu abathembekileyo, ibe injongo yakhe ngomhlaba iza kuzaliseka! Ngoko uThixo ufuna uphile ngendlela awayekudalele ukuba uphile ngayo! (Funda iNdumiso 37:29.) Funda eBhayibhileni ngoko umele ukwenze ukuze ungenelwe kwinjongo kaThixo.